bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Kings 25
2 Kings 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
1
Kwaye kute ngomnyaka wesitoba wobukumkani bake, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, weza u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, yena nayo yonke impi yake, ngakuyo i‐Yerusaleme, wayiṙaula; baza baka inqaba zokulinda ngakuyo ngento engqongayo.
2
Saye isixeko sisekuvingcelekeni kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani u‐Zedikiya.
3
Ngowesitoba umhla wenyanga yesine, isuke indlala yaba namandla esixekweni, kwada akwabiko isonka ebantwini belizwe.
4
Sandula isixeko sagqojozelwa, ati onke amadoda okulwa esaba ngobusuku ngendlela yesango pakati kwendonga zimbini, elingasemyezweni wokumkani; ngokuba ama‐Kaledine ebengakuso isixeko ngokungqonga: wati ukumkani wahamba ngendlela yetafa.
5
Kodwa impi yama‐Kaledine yamputuma ukumkani, yamfumana ematafeni ase‐Jeriko, nayo yonke impi yake icitiwe kuye.
6
Baza bambamba ukumkani, bamnyusela kuye ukumkani we‐Babilone, e‐Ribela, bateta umgwebo pezu kwake.
7
Baza babulala onyana baka‐Zedekiya pambi kwamehlo ake; bandula bamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, bamnxiba ngamakamandela obedu, bamsa e‐Babilone.
8
Nangenyanga yesihlanu, ngowesixe̔nxe umhla wenyanga, ya lomnyaka obungoweshumi linesitoba umnyaka wokumkani u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, weza u‐Nebuzaradane, inkosi yomlisela, isicaka sokumkani we‐Babilone, e‐Yerusaleme,
9
watshisa indlu kayehova, nendlu yokumkani; nazo zonke izindlu zase‐Yerusaleme, kwa zonke izindlu zabakulu, wazitshisa ngomlilo.
10
Nendonga ze‐Yerusaleme ezingqongayo, yonke impi yama‐Kaledine, ebinayo inkosi yomlisela, yazicita.
11
Nesisalela sabantu ababesele esixekweni, nabapongomi ababepongomele kuye ukumkani we‐Babilone, nesisalela sesihlwele, wabafudusa u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela.
12
Kodwa amahlwempu elizwe wawasalisa inxenye u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, abe ngabalimi bemiti yeveyine, nabaku̔beli.
13
Kanjako intsika zexina ezibe zikuyo indlu kayehova, nezikondo, nolwandle lwexina olube lukuyo indlu kayehova, ama‐Kaledine aziqekeza, nexina yazo ayitutela e‐Babilone.
14
Nembiza, nezikotululo, nezicimo, negxebeka, nazo zonke impahla zexina ekube kukonzwa ngazo, azisusa.
15
Nezipatamlilo, nezitya zokufefela, igolide yezo zegolide, nesilivere yezo zesilivere, yazisusa inkosi yomlisela.
16
Intsika zombini, ulwandle lunye, nezikondo, abete u‐Solomone wazenzela indlu kayehova, ibingenakulinganiswa ixina yazo zonke ezimpahla.
17
Ubupakamo benye intsika bebuzikubite ezilishumi linesibozo; nentloko pezu kwayo, yona ibiyixina; nobupakamo bentloko leyo, ibizikubite ezintatu, inesetyenzwa elipanjanisiweyo, negranate pezu kwentloko ngokungqonga, zonke ziyixina: kanjalo eyesibini intsika ibinezinjengazo ezi, kunye nesetyenzwa elipanjanisiweyo.
18
Yandula inkosi yomlisela yatabata u‐Seraya umperisite omkulu, no‐Tsefaniya umperisite wesibini, nabagcini bomnyango bobatatu:
19
nakuso isixeko yatabata umbusi, lowo obeligosa pezu kwamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabo babebona ubuso bokumkani, abefunyanwa esixekweni; nomba̔li wenkosi yomkosi, owahlanganisa abantu belizwe emfazweni; namadoda angamashumi matandatu kubo abantu belizwe, abefunyanwa esixekweni:
20
aba wabatabata u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela, wabazisa kuye ukumkani we‐Babilone e‐Ribela:
21
waza ukumkani we‐Babilone wababeta, wababulala e‐Ribela elizweni le‐Hamati. Kwa njalo o‐Juda bafuduswa emhlabeni wabo.
22
KEKALOKU abantu ababesele elizweni lakwa‐Juda, abo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ebebasalisile, wamongamisa pezu kwabo u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane.
23
Zati zakuva zonke inkosi zezimpi, zona namadoda azo, ukuba ukumkani we‐Babilone wenzile u‐Gedaliya umongama, zandula zeza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa: kwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Seraya unyana ka‐Tanehumete, um‐Netofati, no‐Yazaniya unyana wom‐Mahaka, bona namadoda abo.
24
Waza u‐Gedaliya wafunga kubo, nakumadoda abo, wati kubo: Ningoyiki ukuba ngabakonzi bama‐Kaledine; hlalani elizweni, nimkonze ukumkani we‐Babilone, kwakuya kulunga kuni.
25
Kodwa bekute ngenyanga yesixe̔nxe, kweza u‐Shimayeli, unyana ka‐Netaniya, unyana ka‐Elishama, owenzalo yobukumkani, namadoda alishumi enaye; baza bambeta u‐Gedaliya, ukuba wafa, kwa nama‐Juda nama‐Kaledine abeko naye e‐Mitsipa.
26
Bandula besuka bonke abantu, kwa nabancinane nabakulu, nenkosi zezimpi, baya e‐Jipete; ngokuba bebesoyika ngenxa yama‐Kaledine.
27
KWAYE kute ngowamashumi matatu anesixe̔nxe umnyaka wokutinjwa kwake u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngowamashumi mabini anesixe̔nxe umhla wenyanga, wati u‐Evili‐merodaki ukumkani we‐Babilone, ngomnyaka wokuba ngukumkani kwake, wapakamisa intloko ka‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, wamkupa entolongweni,
28
wateta naye ngobuhlobo, wamisa isihlalo sake ngapezu kwesihlalo sokumkani ababenaye e‐Babilone.
29
Waza waguqula izivato zake zentolongo, wamana ukutya isonka ebusweni bake yonke imihla yokudla kwake ubomi.
30
Nesabelwa sake sokutya, kwanikwa kuye isabelwa sokutya esifuti sivela kukumkani, into yemini ngemini yayo, yonke imihla yokudla kwake ubomi.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25