bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 1
Exodus 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 2 →
1
KEKALOKU ngawo la amagama abo onyana baka‐Sirayeli, abezayo e‐Jipete no‐Yakobi; abanye ngabanye beza nabendlu zabo:
2
u‐Rubene, u‐Simone, u‐Levi, no‐Juda;
3
u‐Yisakare, u‐Zebulone, no‐Benjamine;
4
u‐Dane no‐Nefatali, u‐Gadi no‐Ashere.
5
Yonke imipefumlo eyabipumile esinqeni sika‐Yakobi ibiyimipefumlo imashumi asixe̔nxe: kodwa u‐Josefe ebesel’ eko e‐Jipete.
6
Wada wafa u‐Josefe, kwa nabo bonke abazalwana bake, naso sonke isizukulwana eso.
7
Lwandula lwacuma usapo luka‐Sirayeli, lwakolisa ukwanda, lwaba luninzi, lwazuza amandla ngento enkulu kakulu; laza ilizwe lazaliswa lulo.
8
Kwada kwavuka ukumkani omtsha pezu kwe‐Jipete, obengamazanga u‐Josefe.
9
Wati yena ebantwini bake: Bona ke, abantu abalusapo luka‐Sirayeli basigqitile ngokuba baninzi nangokuba namandla.
10
Yizani kesenze ngobuqinga kubo; hlezibe babe nokwanda, kude kuti, nxa sukuba isihla imfazwe, batelele kwintshaba zetu nabo, balwe nati, benyuke elizweni.
11
Ngako bamisa pezu kwabo abapati benkonzo, ukuze bababandezele ngemitwalo yabo. Baye besakela u‐Faro izixeko zokubekela, i‐Pitome ne‐Ramesese.
12
Kodwa njengoko bababandezelayo, kwa ngokunjalo baba baninzi, nangokunjalo babesanda; baba boyika kakulu ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.
13
Aza ama‐Jipete akonzisa usapo luka‐Sirayeli ngobulukuni:
14
nobomi balo abenza buṙaṙa ngenkonzo elukuni, eludongweni, naseziteneni, nakuzo zonke inkonzo zasendle: yonke inkonzo yalo, abelukonzisa ngayo, ibingobulukuni.
15
Waye ukumkani we‐Jipete eteta kubo abazalisikazi bama‐Heberekazi, elalibe igama lomnye lingu‐Shifera, negama lomnye lingu‐Puha;
16
wati: Ekuzaliseni kwenu ama‐Heberekazi, niya kwandula nikangele ni pezu kwezitulo; ukuba ngunyana, niya kumbulala; ukuba kodwa yintombi, yona iya kudla ubomi.
17
Koko abazalisikazi bamoyika utixo; ngako abenza njengokutetiweyo kubo ngukumkani we‐Jipete, kodwa balondoloza amakwenkwe ebomini.
18
Waza ukumkani we‐Jipete wabiza abazalisikazi, wati kubo: Niyenzele nina lento, yokuba nilondolozile amakwenkwe ebomini?
19
Bati abazalisikazi ku‐Faro: Ngokuba ama‐Heberekazi engenjengabafazi abangama‐Jipetekazi: ngokuba omelele wona; kwa engekangeni kuwo umzalisikazi, asel’ ezele.
20
Ngako utixo wenzela abazalisikazi okulungileyo; bati abantu abo baba baninzi, bazuza amandla ngento enkulu.
21
Kwaye kute, ngokokuba abazalisikazi bamoyika utixo, waza wabenzela izindlu.
22
Wandula u‐Faro wayalela bonke abantu bake, esiti: Bonke onyana abazelweyo niya kubaposa emlanjeni, kodwa zonke intombi niya kuzilondoloza ebomini.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40