bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 21
Exodus 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 22 →
1
Kekaloku zizo ezi izigwebo oya kuzibeka pambi kwabo.
2
Nxa utengayo isicaka esingum‐Hebere, siya kukonza iminyaka ibe mitandatu; kodwa ngowesixe̔nxe sopuma sikululekile ngesisa.
3
Ukuba seza ngesiqu saso, sopuma ngesiqu saso; ukuba besiyindoda enomfazi, uya kupuma umfazi waso kwa naso.
4
Ukuba inkosi yaso isinikile umfazi, osizalele onyana, umhlaumbi intombi, umfazi lowo nabantwana bake boba ngabenkosi yake, sipume sona ngesiqu saso.
5
Kodwa ukuba isicaka eso soqinisa ukuti: Ndiyatanda inkosi yam, n omfazi wam, nabantwana bam, andiyi kupuma ndikululekile;
6
yoti inkosi yaso isisondeze kubagwebi; ibuye isisondeze naselucangweni, umhlaumbi emgubasini; ize inkosi yaso icumbuze indlebe yaso ngenyatyowa, sasiya kuyikonza kude kube ngunapakade.
7
Naxeshekweni umntu atengisa ngayo intombi yake ibe sisicakakazi, asiyi kupuma sona njengokupuma kwezicaka ezingamadoda.
8
Ukuba siba sibi emehlweni enkosi yaso, esixamele yona, iya kwandula isikululise: ayiyi kuba nagunya okusitengisa ebantwini basemzini, ngokuba isipete ngenkohliso.
9
Nokuba isixamele unyana wayo, iya kusenzela njengesiko lentombi.
10
Ukuba iyamtabatela omnye umfazi, ayiyi kuncipisa ukutya kwaso, nesivato saso, nebango laso lokutshata.
11
Nokuba ayisenzeli ezi zinto zontatu, siya kupuma ngesisa, kungeko imali.
12
Obetayo umntu, ade afe, uya kufiswa ngenyaniso.
13
Kanti lowo ongamlalelanga, koko utixo emyekelele esandleni sake, ndokumisela indawo apo aya kusabela kona.
14
Kodwa xeshekweni umntu enza ngenkani ngakuye ummelwane wake, ukuba ambulale ngobuqinga, uya kumsusa esibingelweni sam, aze afe.
15
Nobetayo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso.
16
Kanjalo oba̔yo umntu, nokuba uyatengisa ngaye, nokuba uyafunyanwa esandleni sake, uya kufiswa ngenyaniso.
17
Notukayo uyise, umhlaumbi unina, uya kufiswa ngenyaniso.
18
Naxeshekweni amadoda apikisana, ize enye ibete enye ngelitye, umhlaumbi ngesandla esifunjatiweyo, iti ke yona ingafi, koko ilele pezu kwomandlalo:
19
ukuba iyabuya ivuke, ihambe pandle ngomsimelelo wayo, ayiyi kuba natyala leyo eyayibetayo; kupela iya kuhlaulela ixesha lokupumla kwayo, yenze nokuba igqibele ukupoliswa.
20
Nxa, kanjalo, umntu abeta isicaka sake, umhlaumbi isicakakazi sake, ngentonga, side sife ngapantsi kwesandla sake, kwopindezelwa ke ngenyaniso.
21
Kodwa ukuba sisahlala umhla mnye, umhlaumbi imihla mibini, akuyi kupindezelwa; ngokuba siyimali yake sona.
22
Xeshekweni amadoda angxolisana, asunduze umfazi omitiyo, size sipume isisu sake, koko kungeko kwenzakala, uya kuhlauliswa ngenyaniso owenje njalo, njengokuba iya kubeka pezu kwake indoda yalomfazi; uya kuhlaula pambi kwabagwebi.
23
Kodwa ukuba kuko ukwenzakala, uya kwandul’ ukunika ubomi ngenxa yobomi,
24
iliso ngenxa yeliso, izinyo ngenxa yezinyo, isandla ngenxa yesandla, unyawo ngenxa yonyawo,
25
isitshiswa ngenxa yesitshiswa, inxeba ngenxa yenxeba, umvimbo ngenxa yomvimbo.
26
Naxeshekweni umntu abeta iliso lesicaka sake, umhlaumbi iliso lesicakakazi sake, alitshabalalise, uya kusindulula sikululekile ngenxa yeliso laso.
27
Kanjalo ukuba uyawisa izinyo lesicaka sake, umhlaumbi izinyo lesicakakazi sake, uya kusindulula sikululekile ngenxa yezinyo laso.
28
Xeshekweni inkabi inqubayo indoda, umhlaumbi inkazana, ide ife, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye ngenyaniso, nenyama yayo ayiyi kudliwa; kanti umnini wenkabi akayi kuba natyala.
29
Kodwa ukuba inkabi ibiyenqubayo ngexesha lapambili, nokuba kunqi̔nelwe umniniyo, kanti akayigcinanga noko, yaza yafisa indoda, umhlaumbi inkazana, inkabi leyo yogityiselwa ngamatye, nomniniyo uya kufiswa naye.
30
Ukuba ubekelwe intlaulo, uya kunikela inkululwa yobomi bake njengokubekiweyo pezu kwake.
31
Nokuba inqubile unyana, nokuba inqubile intombi, kuya kwenziwa kuye njengalomgwebo.
32
Ukuba inkabi iya kunquba isicaka, umhlaumbi isicakakazi, uya kunika inkosi yaso ishekele zesilivere zibe ngamashumi matatu, nenkabi iya kugityiselwa ngamatye.
33
Kanjalo xeshekweni umntu aya kuvumbulula umnxuma, umhlaumbi xeshekweni umntu aya kumba umnxuma, kanti akawugubungeli, ize yeyele kona inkabi, umhlaumbi iqwaṙashe;
34
umnini womnxuma uya kubuyekeza, anike imali kumniniyo; kanti into efileyo yoba yeyake.
35
Naxeshekweni inkabi yomnye umntu ihlabayo inkabi yomnye, ide ife, baya kutengisa ngayo inkabi epilileyo, baqingatise imali yayo; nefileyo baya kuqingatisa yona nayo.
36
Ukuba kodwa kuyaziwa ukuba lonkabi ibiyenqubayo ngexesha lapambili, nokuba umniniyo akayigcinanga noko, uya kubuyekeza inkabi ngenxa yenkabi; kanti efileyo yoba yeyake.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40