bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 13
Exodus 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 14 →
1
Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Wenze ngcwele kum onke amazibulo, kwa konke kuzityulwa ngako pakati kwosapo luka‐Sirayeli, okwabantu nokwezilo; kukokwam oko.
3
Waye u‐Mosesi wati ebantwini: Wukumbuleni lomhla, enipumile ngawo e‐Jipete, endlwini yobukoboka; ngokuba ngokwomelela kwesandla uyehova wanikupa kule ndawo: ngako akuyi kutyiwa okunegwele.
4
Namhla nje napuma ke, ngenyanga engu‐Abibe.
5
Kwakuya kuti, xeshekweni uyehova akuzisile elizweni laba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, elo wabafungela oyihlo bako ukuba akupe lona, ilizwe elela ubisi nobusi, wandule uyenze lenkonzo ngalenyanga.
6
Intsuku zoba sixe̔nxe uya kuzidla izonka ezingenagwele ngazo, nangolwesixe̔nxe usuku kwobako umtendeleko kuyehova.
7
Izonka ezingenagwele zotyiwa intsuku ezo zosixe̔nxe: akuyi kubonwa ngakuwe okubiliswayo; kanjalo aliyi kubonwa ngakuwe igwele kuyo yonke imida yako.
8
Wauya kushumayela kunyana wako ngomhla lowo, usiti: Oku kwenziwe ngenxa yoko uyehova wandenzelayo, ndakupuma e‐Jipete.
9
Kanjalo kwoba ngumqondiso kuwe pezu kwesandla sako, nenkumbuzo pakati kwamehlo ako, uze umteto kayehova ube semlonyeni wako: ngokuba ngesandla esomeleleyo uyehova wakukupa e‐Jipete.
10
Ngako uya kugcina lommiselwa ngexesha lawo, kwiminyaka ngeminyaka.
11
Kwakuya kuti, xeshekweni uyehova aya kukuzisa ezweni laba‐Kanane, njengokuba ebefunga kuwe nakoyihlo bako, akupe lona;
12
uya kwandula wahlukanisele uyehova konke kuzityulwa ngako, nawo onke amazibulo avela kwizilo onazo; amaduna oba nga kayehova.
13
Kodwa onke amazibulo eqwaṙashe uya kukulula wona ngexwana; ukuba kanti akuyi kuwakulula, wowapula intamo; kanjalo onke amazibulo abantu pakati kwonyana bako uya kuwakulula.
14
Kwakuya kuti, xeshekweni unyana wako aya kukubuza ngexesha elizayo, esiti: Iyinina lento? wandule ukuti kuye: Ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete, endlwini yobukoboka:
15
ngokuba bekute, nxa u‐Faro wakwenza umgushanxa ukusindulula, wandula uyehova wabulala onke amazibulo ezweni le‐Jipete, kwa namazibulo abantu, namazibulo ezilo: kukona ndibingela uyehova konke kuzityulwa ngako, okuzinkunzi; kodwa onke amazibulo onyana bam ndiyawakulula.
16
Kwakuya kuba ngumqondiso pezu kwesandla sako, nembasa pakati kwamehlo ako: ngokuba ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete.
17
KWAYE kute, xeshekweni u‐Faro ebendulule abantu, waza utixo akabakapa ngendlela yasezweni lama‐Filistiya, nakuba leyo ibifutshane; ngokuba ebesiti utixo: Hleze abantu babe nosizi bakubona imfazwe, baze babuyele e‐Jipete.
18
Kodwa utixo wabazekelelisa abantu ngendlela yasentlango yolwandle olubomvu. Lwati usapo luka‐Sirayeli lwenyuka ezweni le‐Jipete luxo̔bile.
19
Waye u‐Mosesi watabata naye amatambo ka‐Josefe; ngokuba yena ebekolisile ukulufungisa usapo luka‐Sirayeli, esiti: Utixo wonikumbula ngenyaniso; naniya kunyusa amatambo am kule ndawo kunye nani.
20
Baye benduluka e‐Sukote, baya bati waca e‐Etame, ngasesipelweni sentlango.
21
Waza uyehova wahamba pambi kwabo, emini entsikeni yelifu, ukuba abakokele endleleni, nasebusuku entsikeni yomlilo, ukuba abakanyisele, kuze kuhanjwe emini nasebusuku.
22
Ayemka intsika yelifu emini, kwa nentsika yomlilo ebusuku, ebusweni babantu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40