bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 12
Exodus 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 13 →
1
WATSHO uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone ezweni le‐Jipete, esiti:
2
Inyanga le yoba sisiqalo senyanga kuni; yoba yeyokuqala inyanga yomnyaka kuni yona.
3
Tetani kuyo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, nisiti: Ngolweshumi usuku lwalenyanga mabazitabatele ixwana abanye ngabanye ngezindlu zoyise, libe linye ixwana kwindlu nye.
4
Kodwa xeshekweni abendlu bancinane ukuba babe nexwana, andule alitabate umntu nommelwane wake okufupi nendlu yake, ngento engangenani lemipefumlo; nobalela ixwana abanye ngabanye ngokudla kwabo.
5
Noba nexwana elimsulwa, liyinkunzana yomnyaka mnye; niya kulitabata ezigusheni umhlaumbi ezibokweni.
6
Loba sekugcineni kwenu kude kube ngumhla weshumi linesine walenyanga; wonke umhlambi wentlanganiso yo‐Sirayeli uya kulixe̔la pakati kwokuhlwa.
7
Babeya kucapula egazini, balibeke emigubasini yomibini, nasemqolweni, ezindlwini abaya kulidla kuzo.
8
Nenyama baya kuyidla ngobobusuku, eyojiweyo ngomlilo, kwa nezonka ezingenagwele; boyidla kunye nemifuno eṙaṙa.
9
Ningadli kuyo eṙwada, nepekiweyo ipekiwe ngamanzi, kodwa eyojiweyo ngomlilo; intloko yalo, kunye nentungo zalo nombilini walo.
10
Aniyi kusalisa nto kulo kude kuse; okuseleyo kulo kude kwasa, niya kukutshisa ngomlilo.
11
Nowenje njalo ukulidla: izinqe zenu ziya kubinqwa, izihlangu zenu zoba sezinyaweni zenu, nomsimelelo wenu woba sesandleni senu; niya kulidla ngobunxamo ke; yipasika kayehova lona.
12
Ngokuba ndiya kucanda elizweni le‐Jipete kwa ngobubusuku, ndibete onke amazibulo asezwenile‐Jipete, nawabantu nawezilo; nabo bonke otixo base‐Jipete ndiya kuyenza imigwebo pezu kwabo, kwa mna Yehova.
13
Laye igazi elo liya kuba ngumqondiso kuni pezu kwezindlu enikuzo; ndoti ndakubona igazi, ndigqite kuni, size singabiko pezu kwenu isibulalo sokutshabalalisa, xa ndilibetayo ilizwe le‐Jipete.
14
Kanjalo lomhla woba yinkumbuzo kuni; niya kubamba wona ube ngowomtendeleko kuyehova; nowubamba ke ngezizukulwana zenu ube ngummiselwa ongunapakade.
15
Nodla izonka ezingenagwele intsuku zibe sixe̔nxe; kwa ngosuku lwokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okubiliswayo, kowokuqala umhla kude kube ngowesixe̔nxe umhla, umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ko‐Sirayeli.
16
Ngomhla wokuqala kwobako intlanganisano engewele; nangomhla wesixe̔nxe noba nentlanganisano engewele; akuyi kwenziwa namnye umsebenzi ngawo, kupela into eya kutyiwa ngabantu bonke, ingenziwa nini yona yodwa.
17
Naniya kugcina umtendeleko wezonka ezingenagwele; ngokuba ngokwa nguwo umhla lowo ndikupile imikosi yenu elizweni le‐Jipete: kukona niya kugcina lomhla ngezizukulwana zenu ube ngummiselwa ongunapakade.
18
Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi linesine lwenyanga, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kube lusuku lwamashumi mabini anesinyelwenyanga, ngokuhlwa.
19
Intsuku zoba sixe̔nxe ekungayi kufunyanwa gwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okunegwele, kwa lowompefumlo uya kunqanyulwa entlanganisweni yo‐Sirayeli, nokuba ungowasemzini, nokuba ungozelweyo elizweni.
20
Aniyi kudla nto ibiliswayo: kuzo zonke indawo zokuhlala zenu niya kudla izonka ezingenagwele.
21
Waza u‐Mosesi wabiza bonke abadala bo‐Sirayeli, wati kubo: Ṙolani nizitabatele amaxwana ngezizalwane zenu, nixe̔le ipasika.
22
Nize nitabate isiqunyana sehisope, nisifake egazini elisesityeni, nibete emqolweni nasemigubasini yomibini ngegazi elisesityeni; kanjalo nina, makungapumi namnye umntu elucangweni lwendlu yake kude kuse.
23
Ngokuba uyehova eya kucanda ukuza kubeta ama‐Jipete; woti akubona igazi pezu kwomqolo, napezu kwemigubasi yomibini, andule uyehova agqite kolocango, angavumi ukuba umtshabalalisi angene ezindlwini zenu ukuza kubeta.
24
Niya kugcina lento, ibe ngummiselwa kuwe nakonyana bako, kude kube ngunapakade.
25
Kwakuya kuti, nakufika kwelozwe aya kunipa lona uyehova, njengokuba etshilo, niya kugcina lenkonzo.
26
Kwoti kanjalo, xeshekweni abantwana benu baya kuti kuni: Yinto nina lenkonzo kuni?
27
niya kwandula ukuti: Lidini lepasika kuyehova, owayegqita ezindlwini zosapo luka‐Sirayeli e‐Jipete, okuya wabebeta ama‐Jipete, wasindisa izindlu zetu. Baza abantu batoba ngapantsi, babedesha.
28
Lwemka usapo luka‐Sirayeli lwenza njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi no‐Arone, lwenje njalo ke.
29
KWAZA kwati pakati kwobusuku, wandula uyehova wabeta onke amazibulo asezweni le‐Jipete, kwa sezibulweni lika‐Faro obehleli eteroneni yake, kwada kwasezibulweni lombanjwa obesentolongweni, kwa nawo onke amazibulo ezilo.
30
Waza wavuka u‐Faro ebusuku, kwa yena nazo zonke izicaka zake, nawo onke ama‐Jipete; kwaye kuko nesikalo esikulu e‐Jipete; ngokuba bekungeko nanye indlu apo angeko kona ofileyo.
31
Waselebiza u‐Mosesi no‐Arone ebusuku, wati: Sukani, nipume ebantwini bam, kwa nina nosapo luka‐Sirayeli, niye nikonze uyehova njengokutsho kwenu.
32
Zitabateni negusha zenu, nenkomo zenu, njengokutsho kwenu, nimke; ize ninditamsanqelise kanjako.
33
Ati nama‐Jipete anyanzela abantu, ngokunxamela ukubandulula kwelozwe, ngokuba ebesiti: Sonke singabafileyo!
34
Baza abantu batabata intlama yabo ingekabiliswa, imikombe yokubuca yabo ibotshiwe ezingutyeni zabo pezu kwamagxalaba abo.
35
Lwaye usapo luka‐Sirayeli lwenza ngelizwi lika‐Mosesi; lwabiza kuma‐Jipete impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato.
36
Waye uyehova wanika abantu ufefe emehlweni ama‐Jipete, ada abenzela ukucela kwabo: baza bapanga ama‐Jipete.
37
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Ramesese lwaya ngase‐Sukote, lungati lungamawaka angamakulu matandatu amadoda ehamba ngenyawo, ngapandle kwabantwana.
38
Kwenyuka nalo nento eninzi yabadityanisiweyo, negusha, nenkomo, imfuyo enkulu kunene.
39
Lwaza lwoja izonkana ezingenagwele ngentlama belupumile nayo e‐Jipete, ngokuba yona ibingabiliswanga; ngokuba belugxotwe e‐Jipete, lwada lwakohlwa ukulibala; lube lungazilungiselanga umpako kanjalo.
40
Kekaloku ukuhlala kwosapo luka‐Sirayeli, olube luhleli ngako e‐Jipete, bekuyiminyaka imakulu mane, neminyaka imashumi matatu ngapandle.
41
Kwaza kwati ekupeleni kweminyaka imakulu mane anamashumi matatu, kwandul’ ukuti ngokwa nguwo umhla lowo, kwapuma yonke imikosi kayehova ezweni le‐Jipete.
42
Bubusuku obo bokugcinelwa uyehova, ngenxa yokuyipumisa kwake ezweni le‐Jipete: obu bobobusuku bokugcinelwa uyehova lulo lonke usapo luka‐Sirayeli ngezizukulwana zalo.
43
Walekela wati uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone: Ngulo ummiselwa wayo ipasika: Osukuba engowasemzini akayi kutya kuyo:
44
kodwa osukuba esisicaka somntu, otengiweyo ngemali, woti wakuba umalusile, andule atye kuyo.
45
Oliṙanuka, nomqeshwa, akayi kudla kuyo.
46
Iya kutyiwa endlwini nye; akuyi kupuma nento yenyama endlwini ukuya ngapandle; kanjalo aniyi kwapula nalinye itambo kuyo.
47
Yonke intlanganiso yo‐Sirayeli iya kuyenza.
48
Naxeshekweni kupambukele kuwe owasemzini, oya kuyenza ipasika kuyehova, makati onke amadoda anawo aluke, aze andule ukusondela, ayenze; waeya kuba njengozelweyo elizweni: kodwa osukuba engalukanga akasayi kutya kuyo.
49
Umteto okwa mnye woba kozelweyo elizweni, nakowasemzini opambukeleyo pakati kwenu.
50
Lwaye luyenza ke lonke usapo luka‐Sirayeli; kwa njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi no‐Arone, lwenje njalo ke.
51
Kwaza kwati ngokwa nguwo umhla lowo, wapumisa uyehova usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete ngemikosi yalo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40