bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 28
Exodus 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 29 →
1
UZE usondeze kuwe u‐Arone umkuluwe wako, nonyana bake kunye naye, pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli, ukuba andikonze ngobuperisite; kwa u‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare, onyana baka‐Arone.
2
Wauya kumenzela u‐Arone, umkuluwe wako, izivato ezingcwele, zibe zezobungcwalisa nezobuhle.
3
Kanjalo uya kuteta kubo bonke abalumkileyo ngentliziyo, abo ndiwuzalisile umoya wabo ngobulumko, ukuba bazenze izivato zika‐Arone ukumngcwalisa, aze andikonze ngobuperisite.
4
Zizo ezi izivato baya kuzenza: yimbeka, neyefodi, nengubo, nehempe epetiweyo, unkontsho noqwemesha; izivato ezingcwele bozenzela u‐Arone, umkuluwe wako, nonyana bake, ukuze andikonze ngobuperisite.
5
Botabata igolide, nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo.
6
Babeya kuyenza iyefodi ngegolide, ngezuluṙa nesimnyama, ngesibomvu nepotiweyo iqiya eshiceneyo, ngesetyenzwa lencibi yokuluka.
7
Yoba nezibini iziziba zamagxalaba, zibandakanyiwe emancameni ayo omabini; yo wenzwa njalo ke ukubandakanyiswa.
8
Nombinqo ocikiziweyo weyefodi yake, opezu kwayo, woba yinto yakuyo, njengesetyenzwa layo; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo.
9
Wauya kutabata amatye eshohame emabini, uwaqingqe pezu kwawo amagama onyana baka‐Sirayeli;
10
abe matandatu amagama abo pezu kwelinye ilitye, namagama amatandatu aseleyo pezu kwelinye ilitye, njengokuzalwa kwabo.
11
Ngesetyenzwa lomqingqi wamatye, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo, wowaqingqa lamatye omabini, enamagama onyana baka‐Sirayeli: uya kuwenza evingcelwe ezigingqini zegolide.
12
Woti lamatye omabini uwabeke pezu kwezamagxalaba iziziba zeyefodi, abe ngamatye okukumbuza elusatsheni luka‐Sirayeli; waye u‐Arone eya kutwala amagama abo ebusweni bukayehova, pezu kwawo amagxalaba ake omabini, abe yinkumbuzo.
13
Wauya kuzenza izigingqi zegolide;
14
nemixokolelwane emibini yegolide ecocekileyo; ijijanisiwe uya kuyenza, njeng esetyenzwa elitsontelweyo; nalemixokolelwane etsontelweyo woyikonxa kuzo izigingqi.
15
Kanjako uya kuyenza imbeka yokugweba ngesetyenzwa lencibi yokuluka; njengesetyenzwa leyefodi uya kuyenza; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, uya kuyenza yona.
16
Yoba namacala mane, ipindiwe; yoba sisoluko sesandla ubude bayo, nesoluko sesandla ububanzi bayo.
17
Wauya kufaka kuyo imfakwa zamatye, kwa inṙozo zine zamatye: olunye uṙozo lwoba yirubi, ne topaze, nekabunukele: lulo olu uṙozo lwokuqala.
18
Olwesibini uṙozo lwoba yisamagide, n esafire, neyahalome.
19
Olwesitatu uṙozo lwoba yiyasinte, n eyagate, neyametisite.
20
Olwesine uṙozo lwoba yikrusolite, nesadonutse, nejasipidi: oqiniswa ngegolide ezimfakweni zawo.
21
Amatye la oba njengamagama onyana baka‐Sirayeli, elishumi linamabini, njengawo amagama abo, njeng eziqingqwa zaso isincamatiselo; elinye ngelinye linegama lalo, oba ngawezizwe ezilishumi linazibini.
22
Wauya kuyenza pezu kwembeka imixokolelwane ejijanisiweyo, njeng esetyenzwa elitsontelweyo, ngegolide ecocekileyo.
23
Uya kuyenza kanjalo pezu kwembeka imisesane yegolide ibi mibini: wauya kubeka lemisesane mibini pezu kwazo incam ezimbini zembeka.
24
Uze uyifake lomibini imixokolelwane etsontelweyo yegolide kuleyomisesane mibini esezincameni zembeka.
25
Kodwa ezinye incam ezimbini emixokolelwane mibini etsontelweyo wozikonxa kuzo izigingqi zibini; uze ubeke zona pezu kweziziba zamagxalaba zeyefodi empambili wayo.
26
Wobuya uyenze imisesane mibini yegolide, uyimise ezincameni ezimbini zembeka, empetweni wayo osecaleni leyefodi ngapakati.
27
Ne minye imisesane mibini yegolide uya kuyenza, ubeke yona pezu kweziziba zamagxalaba zozibini zeyefodi ngasezantsi, ngasempambili wayo, malungana nokubandakanywa kwayo, ngapezulu kwombinqo ocikiziweyo weyefodi.
28
Babeya kuyinxibelela imbeka ngemisesane yayo kuyo imisesane yeyefodi ngosinga lwezuluṙa, ukuba ibe pezulu kwawo umbinqo ocikiziweyo weyefodi, nokuba imbeka ingashenxeki kuyo iyefodi.
29
Waye u‐Arone eya kutwala amagama onyana baka‐Sirayeli embekeni yokugweba, pezu kwentliziyo yake, akungena kweyingcwele indawo, abe yinkumbuzo pambi kwoyehova futi.
30
Uya kubeka kanjalo embekeni yokugweba i‐Urime ne‐Tumime, zize zibe pezu kwentliziyo ka‐Arone, akungena ebusweni bukayehova; woti u‐Arone amane akutwale okwokugweba kwosapo luka‐Sirayeli pezu kwentliziyo yake pambi kwoyehova futi.
31
Kanjako ingubo yaseyefodini uya kuyenza ipela ngezuluṙa.
32
Kwobako intunja yayo yentloko pakati kwayo; yoti l entunja yayo ibe nompeto wesetyenzwa lomluki ngento engqongayo; njengentunja yesigcinisifuba yoba nawo, ize ingaṙazuki.
33
Wauya kuzenza pezu kwemiqukumbelo yayo igranate zezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, kwa pezu kwemiqukumbelo yayo ngento engqongayo; nezikencezelo zegolide pakati kwazo ngento engqongayo:
34
sibe sisikencezelo segolide negranate, sibe sisikencezelo segolide negranate, pezu kwemiqukumbelo yengubo leyo ngento engqongayo.
35
Yoba pezu kwake u‐Arone ekukonzeni; ize ivakale intlokoma yayo, nxa angena kweyingcwele indawo ebusweni bukayehova, nanxa apumayo, ukuba angafi.
36
Kanjalo uya kuyenza imbasa ngegolide ecocekileyo, uqingqe pezu kwayo, njeng eziqingqwa zesincamatiselo, ukuti: ubungcwele kuyehova!
37
Uya kubopa yona ngosinga lwezuluṙa, ibe pezu kwalo unkontsho; yoba kwelapambili icala lonkontsho.
38
Yoba pezu kwebunzi lika‐Arone, ukuba u‐Arone abutwale ubono bezinto ezingcwele, ezo usapo luka‐Sirayeli lwozingcwalisa kuzo zonke izipo zalo ezingcwele; yomana ibako pezu kwebunzi lake ngamaxesha onke, ukuze lukoleke ebusweni bukayehova.
39
Kanjako uya kuluka ihempe ngeqiya eshiceneyo; nonkontsho uya kulwenza ngeqiya eshiceneyo; noqwemesha uya kulwenza ngesetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala.
40
Nonyana baka‐Arone uya kwenzela bona ihempe, ubenzele nengqwemesha; neminqwazi uya kuyenzela bona, ibe yeyobungcwalisa neyobuhle.
41
Wauya kwambatisa u‐Arone umkuluwe wako ezo nto, kwa nonyana bake kunye naye; uze ubatambise, uzalise izandla zabo, ubangcwalise nokubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite.
42
Uya kubenzela nebrukwe zeqiya, kugujungelwe ubuzé babo; zoba zivela esinqeni kude kube kuwo amatanga.
43
Zoba pezu kwo‐Arone, napezu kwonyana bake, ekungeneni kwabo ententeni yentlangano, nasekusondeleni kwabo esibingelweni ukukonza kweyingcwele indawo; baze bangatwali ubono, bafe ke: woba ngummiselwa ongunapakade lo, kwa kuye, nakwinzalo yake emva kwake.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40