bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 9
Exodus 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 10 →
1
WAZA wati uyehova ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro, utete naye, usiti: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze.
2
Ngokuba xeshekweni usala ukubandulula, umana ubabamba nje,
3
bona ke, isandla sikayehova soba pezu kwenkomo zako ezisendle, pezu kwamahashe, pezu kwamaqwaṙashe, pezu kwenkamela, pezu kwenkabi, napezu kwegusha: isifo esinzima kunene.
4
Waye uyehova eya kwahlula pakati kwenkomo zama‐Sirayeli nenkomo zama‐Jipete; akuyi kufa nto kuzo zonke ezizezosapo luka‐Sirayeli.
5
Waza uyehova wadala ixesha elitile, esiti: Ngomso uyehova uya kwenza lento kwelilizwe.
6
Waye uyehova wayenza lento kwakusa, zati zonke inkomo zama‐Jipete zafa; kanti kwinkomo zosapo luka‐Sirayeli akufanga nanye.
7
Waza watuma u‐Faro, kekaloku bona ke, akufanga kuzo inkomo zama‐Sirayeli kwa nanye. Wenza nzima u‐Faro intliziyo yake noko; akandulula abantu kanjako.
8
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi naku‐Arone: Zitabateleni ngento ezalisa izandla ututu lwesidlangalala; ati u‐Mosesi alusasaze ngasezulwini pambi kwamehlo ka‐Faro.
9
Lwaluya kuba njengotuli kulo lonke ilizwe le‐Jipete, lube ngamatumba ejaduka ngamatyakuva, pezu kwabantu, napezu kwezilo, kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
10
Baza balutabata ututu lwesidlangalala, bema pambi kwo‐Faro; waye u‐Mosesi walusasaza ngasezulwini; lwaza lwaba ngamatumba ejaduka ngamatyakuva, pezu kwabantu, napezu kwezilo.
11
Zati incibi zakohlwa kukuma ebusweni buka‐Mosesi ngenxa yamatumba; ngokuba bekuko amatumba pezu kwencibi, napezu kwama‐Jipete onke.
12
Waye uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akabapulapula, njengokuba uyehova ebetshilo ku‐Mosesi.
13
Wabuya wati uyehova ku‐Mosesi: Vuka kusasa ngomso, uye uzimise ebusweni buka‐Faro, uti kuye: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze.
14
Ngokuba ngelixesha ndiya kutuma zonke izibulalo zam entliziyweni yako, napezu kwezicaka zako, napezu kwabantu bako; ukuze ukwazi okokuba akuko onjengam kuwo wonke umhlaba.
15
Ngokuba kaloku bendingolulayo isandla sam, ndibete wena nabantu bako ngesifo esibubisayo; uze utshatyalaliswe emhlabeni.
16
Kodwa okunene, ngenxa yoku ndikumisile, ngenxa yokuba ndikubonise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke.
17
Usazipakamisa ngakubo abantu bam na, ukuba akuyi kubandulula?
18
Bona ke, malunga nelixesha langomso ndiya kunisa izicoto ezinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo e‐Jipete, kwa semhleni wokusekwa kwayo kwada kwakaloku nje.
19
Ngako kaloku tuma ke, ugoduse inkomo zako, nako konke onako ezindle; bonke abantu nezilo eziya kufunyanwa ezindle zingabutelwanga endlwini, zakuhla pezu kwazo izicoto, ziya kufa.
20
Obesoyika ilizwi likayehova pakati kwezicaka zika‐Faro, izicaka zake nenkomo zake wazisabisela ezindlwini.
21
Kodwa obengabekeli ilizwi likayehova intliziyo yake, wazishiya izicaka zake nenkomo zake ezindle.
22
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko izicoto kulo lonke ilizwe le‐Jipete, pezu kwabantu, napezu kwezilo, napezu kwayo yonke imifuno yasendle, kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
23
Wasuka u‐Mosesi wayolula intonga yake ngasezulwini; waza uyehova wakupa indudumo nezicoto, wati umlilo wabaleka pezu kwomhlaba; wanisa uyehova izicoto pezu kwelizwe le‐Jipete.
24
Kwaye bekuko izicoto, nomlilo upitikeziwe ndawonye nezicoto; zazinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo kulo lonke ilizwe lama‐Jipete, kuseloko aba sisizwe.
25
Zaza izicoto zabeta kulo lonke ilizwe le‐Jipete konke okusendle, kwa nabantu nezilo; zati izicoto kanjalo zabeta yonke imifuno yasendle, zapula yonke imiti yasendle nayo.
26
Kupela ezweni le‐Goshene, apo lwalukona usapo luka‐Sirayeli, bekungeko zicoto.
27
Waza watuma u‐Faro, wabiza u‐Mosesi no‐Arone, wati kubo: Ndonile ngoku; uyehova ulungile, mna kodwa nabantu bam sikohlakele.
28
Tandazani kuyehova, (ngokuba sekwanele,) kuze kungabi sabiko indudumo zikatixo nezicoto; ndose ndinindulula ke, naningayi kuba salibala.
29
Waza u‐Mosesi wati kuye: Nxa ndipumileyo esixekweni, ndiya kutwabulula izandla zam ngakuyehova: indudumo ziya kupeza, nezicoto aziyi kuba sabiko; ukuze ukwazi okokuba umhlaba ungo kayehova.
30
Wena kanti nezicaka zako, ndiyazi ukuba anikamoyiki uyehova utixo.
31
Kekaloku kwakubetiwe umyaṙa neṙalasi; ngokuba iṙalasi ibisel’ idubule, nomyaṙa wausel’ utyatyambile.
32
Kodwa inqolowa nespelete zazingabetwanga zona; ngokuba zibe zingekahlumi.
33
Waye u‐Mosesi wapuma esixekweni ku‐Faro, watwabulula izandla zake ngakuyehova; kwandu ukupeza indudumo nezicoto, ayaba sagalelwa nemvula emhlabeni.
34
Wati u‐Faro akubona ukuba kupelile imvula, nezicoto, nendudumo, wabuya wona, wayenza nzima intliziyo yake, kwa yena nezicaka zake.
35
Yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli, njengokuba ebetshilo uyehova ngaye u‐Mosesi.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40