bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 10
Exodus 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 11 →
1
WANDULA uyehova wati ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro; ngokuba ndiyenze nzima intliziyo yake, nentliziyo yezicaka zake, ukuze ndibeke lemiqondiso yam pakati kwabo;
2
nokuze ubalise ezindlebeni zonyana wako, nezonyana wonyana wako, oko ndikwenzileyo e‐Jipete, nemiqondiso endiyimisileyo pakati kwabo; nize nazi nkuba ndi nguyehova.
3
Baya u‐Mosesi no‐Arone ku‐Faro, bati kuye: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Uya kwala kude kube ninina ukuzigoba ebusweni bam? bandulule abantu bam ukuba bandikonze.
4
Ngokuba xeshekweni usala ukundulula abantu bam, bona ke, ndiya kuzisa ngomso inkumbi emideni yako;
5
eziya kugubungela ubuso bomhlaba, kude kukohlwe ukubona umhlaba; zaziya kutya iliva lokusindileyo, oko nisaliselwe kona zizicoto; nayo yonke imiti enimilelayo ezindle ziya kuyidla:
6
kanjalo zozalisa izindlu zako, nezindlu zazo zonke izicaka zako, nezindlu zawo onke ama‐Jipete; abangazanga bazibone ezinjalo oyihlo bako, noyise boyihlo bako, kwa semhleni babeko pezu kwomhlaba kwada kwanamhla nje. Wayejika ke, wapuma ku‐Faro.
7
Zaza izicaka zika‐Faro zati kuye: Kwoba kade kangakananina lo engumgibe kuti? Zundulule amadoda lawo, aye kukonza uyehova, utixo wawo: akukazi na, ukuba i‐Jipete seitshabalele?
8
Kwaza kwabuyiswa u‐Mosesi no‐Arone ukuza ku‐Faro, owati kubo: Hambani, konzani uyehova, utixo wenu! kodwa ngubanina nobanina abaya kuhamba?
9
Wayesiti u‐Mosesi: Sohamba sinabatsha betu nabadala betu; sohamba sinonyana betu nentombi zetu, sinegusha zetu nenkomo zetu; ngokuba sinawo umtendeleko kayehova.
10
Waza wati kubo: Makabe njalo uyehova ukuba nani, njengokuba ndiya kunindulula nina nabantwana benu! lumkani, ngokuba ububi bupambi kwenu.
11
Kungabi njalo! hambani ke nina ningamadoda, niye kukonza uyehova; ngokuba oko nibe nikufuna. Baza bagxotwa ebusweni buka‐Faro.
12
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako pezu kwelizwe le‐Jipete ngenxa yenkumbi, zize zinyukele pezu kwelizwe le‐Jipete, zidle yonke imifuno yelizwe elo, kwa konke okusalisiwe zizicoto.
13
Wasuka u‐Mosesi wolula intonga yake pezu kwelizwe le‐Jipete, waza uyehova wazisa umoya wasempumalanga pezu kwelozwe, yonke leyomini nabo bonke obobusuku; kwati kwakusa, umoya wasempumalanga wazisa inkumbi.
14
Zaza inkumbi zenyuka pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete, zapumla kuyo yonke imida yase‐Jipete, into enzima kunene; ngapambili kuzo bekungeko nkumbi ezingako zinjengazo ezo, nasemva kwazo akusayi kubako ezinjalo.
15
Ngokuba zibe zigubungela ubuso balo lonke ilizwe, lada lenziwa mnyama elozwe; zaza zatya yonke imifuno yomhlaba, nazo zonke iziqa̔mo zemiti ezazishiyiwe zizicoto; kwada akwasala nanye into eluhlaza emitini, nasemifunweni yasendle, kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
16
Wandula wanxama u‐Faro ukubiza u‐Mosesi no‐Arone; waza wati: Ndonile ngakuye uyehova, utixo wenu, nangakuni.
17
Uze uti ke ngoko undixolele isono sam kube kaloku kodwa; kanjalo tandazani kuyehova, utixo wenu, ukuba asuse kum okukufa kupela.
18
Wapuma ke ku‐Faro, waya watandaza kuyehova.
19
Waza uyehova wajika umoya wentshonalanga onamandla kakulu, owafunqula inkumbi, waziwisa elwandle olubomvu; akwasala nanye inkumbi kuyo yonke imida yase‐Jipete.
20
Kodwa uyehova wagwenxisa intliziyoka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli.
21
Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko ubumnyama pezu kwelizwe le‐Jipete, kude kuveke ubumnyama.
22
Wasuka u‐Mosesi wolula isandla sake ngasezulwini; kwaza kwabako ubumnyama obubungqingqwa kulo lonke ilizwe le‐Jipete imihla yamitatu:
23
ababonana, kanjako akasuka mntu endaweni yake, nga leyo mihla mitatu: kanti kulo lonke usapo luka‐Sirayeli bekuko ukukanya emakayeni alo.
24
Waza u‐Faro wabiza u‐Mosesi, wati: Hambani, konzani uyehova; kupela igusha zenu nenkomo zenu mazisaliswe; kwa nabantwana benu mabahambe nani.
25
Koko wati u‐Mosesi: Uya kunika kanjalo ezandleni zetu imibingo namadini okutshiswa, ukuba sinikele kuyehova, utixo wetu.
26
Nakanjako inkomo zetu ziya kuhamba nati; akuyi kusala nopupu lunye: ngokuba siya kucapula kuzo ukukonza uyehova, utixo wetu; kodwa asiyazi tina into esiya kukonza uyehova ngayo, side sifike kona.
27
Kodwa uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akavuma ukubandulula.
28
Waza wati u‐Faro kuye: Suka kum, uzilumkele, ungapindi ukubona ubuso bam; ngokuba mhlana ubonayo ubuso bam, uya kufa.
29
Wayesiti u‐Mosesi: Unyanisile ukutsho; andisayi kupinda ukubona ubuso bako.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40