bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 16
Exodus 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 17 →
1
KWADA kwandulukwa e‐Elime; yaza yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli yafika entlango ye‐Sine, epakati kwe‐Elime ne‐Sinai, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesibini yokupuma kwalo ezweni le‐Jipete.
2
Yasuka yaṙoṙa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone entlangoapo.
3
Lwaye usapo luka‐Sirayeli lusiti kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete ngesandla sikayehova, nxa sibe sihleli ngasezimbizeni zenyama, na nxa sibe sisitya isonka kwada kwahlutwa! ngokuba nisipumisile ukuza kulentlango, ukuba nibubise wonke lomhlambi ngokulamba.
4
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Bona ke, ndiya kuninisela isonka ezulwini; babeya kupuma abantu, babute into yemini nye ngemini yayo; ukuze ndibalinge, ukuba bohamba emtetweni wam, abayi kuhamba kuwo, kusinina.
5
Kwakuya kuti ngemini yesitandatu, bakulungisa oko bakungenisileyo, kwoba kokupindiweyo ngapezu kwoko bakubutayo imihla ngemihla.
6
Baza bati u‐Mosesi no‐Arone kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: Ngokuhlwa niya kwandula ukwazi ukuba nguyehova onikupileyo ezweni le‐Jipete;
7
nangokusa niya kwandula ukubona ubungcwalisa bukayehova; ngokuba evile ukuṙoṙa kwenu ngakuyehova: kekaloku tina siyinto nina, okokuba niṙoṙa ngakuti?
8
Wati kanjalo u‐Mosesi: Nxa uyehova aya kunipa ngokuhlwa inyama ukuba nitye, ati kwakusa anipe isonka ukuba nihlute, kwoba ngokuba uyehova evile ukuṙoṙa kwenu eniṙoṙa ngako ngakuye: kekaloku tina siyinto nina? akungakuti ukuṙoṙa kwenu, kungakuye uyehova.
9
Waza u‐Mosesi wati ku‐Arone: Yiti kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli: Sondelani ebusweni bukayehova; ngokuba evile ukuṙoṙa kwenu.
10
Kwaye kute, nxa asateta u‐Arone kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, kwabekwa ngasentlango, kekaloku nabu ubungcwalisa bukayehova bubonakala efini.
11
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
12
Ndikuvile ukuṙoṙa kwosapo luka‐Sirayeli; teta kulo, usiti: Pakati kwokuhlwa niya kudla inyama, nangokusa niya kuhluta sisonka; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
13
Kwaza kwati, ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zagubungela umnquba; nangokusa umbete waulele ungqonga umnquba.
14
Kwati kwakunyuka umbete obulele kona, nantsi ipezu kwobuso bentlango into encinanana equvileyo, encinanana njengengqele emhlope pezu kwomhlaba.
15
Lwaza usapo luka‐Sirayeli, lwakuyibona, lwati olunye kolunye: Yinto nina le? ngokuba lube lungazi iyinto nina. Wayesiti u‐Mosesi kulo: Le isisonka anipileyo uyehova sibe kukutya.
16
Into ayiyaleleyo uyehova yile yokuti: Butani kuyo, abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo, ibe yiomere kumntu mnye, njengenani leziqu zakokwenu; bonke mabatabatele abo basezintenteni zabo.
17
Lwenje njalo usapo luka‐Sirayeli, lwabuta ke, inxenye ngokuninzi, nenxenye ngokuncinane.
18
Kodwa kwakulinganiswa ngeomere, obebute okuninzi akabanga nokupezulu, nobebute okuncinane akabanga nakuswela; babuta abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo.
19
Wayesiti u‐Mosesi kubo: Makungabiko mntu osalisa kuyo kude kuse.
20
Abampulapula u‐Mosesi noko; kodwa inxenye babesalisa kuyo kwada kwasa, yaza yabola zimpetu, yanuka; wabaqumbela ke u‐Mosesi.
21
Kekaloku bayibuta ngemiso ngemiso, abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo; yati, lakubalela ilanga, yanyibilika.
22
Kwaza kwati, ngemini yesitandatu babuta isonka esipindiweyo, zaziziomere zimbini kumntu mnye; zasuka zonke inkosana zentlanganiso zeza zaxela ku‐Mosesi.
23
Wayesiti kuzo: Koku uyehova akutshilo: Ngomso lixesha lopumlo, isabata eyingcwele kuyehova; leyo niya kuyoja, yojeni, naleyo niya kuyipeka, yipekeni: nayo yonke eliliva nizibekelele yona ize igcinwe kude kuse.
24
Baza bayibekela kwada kwasa, njengokuba ebeyalele u‐Mosesi; ayanuka ke, akwabako mpetu kuyo kanjalo.
25
Wandula wati u‐Mosesi: Yityani leyo namhla nje, ngokuba namhla yisabata kuyehova; aniyi kuyifumana ezindle namhla.
26
Noyibuta imihla ibe mitandatu; kodwa ngomhla wesixe̔nxe, ngowesabata, ayiyi kubako ngawo.
27
Kwaza kwati ngomhla wesixe̔nxe, kwapuma inxenye yabantu ukuya kubuta, koko bengafumananga.
28
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Niya kwala kude kube ninina ukugcina imiyalelo yam nemiteto yam?
29
Niyabona ke, ngokokuba uyehova enipile isabata, kukona anipayo ngomhla wesitandatu isonka semihla mibini: hlalani, abanye ngabanye ezindaweni zabo, kungesuki namnye endaweni yake ngomhla wesixe̔nxe.
30
Baza abantu bapumla ngomhla wesixe̔nxe.
31
Kekaloku indlu ka‐Sirayeli yayibiza ngegama eliyimana: yabinjengembewu yekoriyande, imhlope; nesongo layo belinjengezonkana ezinobusi.
32
Wati kanjalo u‐Mosesi: Into ayiyaleleyo uyehova yile yokuti: Zalisani iomere ngayo, ize igcinelwe izizukulwana zenu; ukuze babone isonka endinidlisile sona entlango, ndakunikupa elizweni le‐Jipete.
33
Waza wati u‐Mosesi ku‐Arone: Tabata isitya sibe sinye, uyibeke kuso iomere izele yemana; uze uyibekele ngasebusweni bukayehova, ukuba igcinelwe izizukulwana zenu.
34
Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, kwa njalo u‐Arone wayibekela ngasebusweni be tyeya ye sinqi̔no ukuba igcinwe.
35
Lwaye usapo luka‐Sirayeli belusidla imana iminyaka yamashumi mane, lwada lwafika ezweni elimiweyo; lwadla imana lwada lwafika emideni yelizwe le‐Kanane.
36
Kekaloku iomere iseseshumi isiqingata seyefa.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40