bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 19
Exodus 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 20 →
1
EKUTWASENI kwenyanga yesitatu emveni kwokupuma kwalo usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, kwa ngalomini lwafika entlango ye‐Sinai.
2
Ngokuba belundulukile e‐Refidime, lwafika entlango ye‐Sinai, lwati waca entlango; kwa lapo ke bati waca o‐Sirayeli ngapambi kwentaba.
3
Wasuka u‐Mosesi wenyukela kutixo; waza uyehova wambiza esentabeni, esiti: Uya kutsho kwindlu ka‐Yakobi, uxele elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuti:
4
Nibonile oko ndakwenzayo kuma‐Jipete, nokokuba ndanitwala emapikweni okozi, ndanizisa kwa kum.
5
Ngako kaloku, ukuba niya kukutala ukuliva ilizwi lam, nilugcine ucebano lwam, noba yinto enqabileyo kum pezu kwazo zonke intlanga; ngokuba wonke umhlaba ungowam:
6
naniya kuba bubukumkani babaperisite kum, nesizwe esingcwele. Ngawo la amazwi oya kuteta wona elusatsheni luka‐Sirayeli.
7
Waselesiza u‐Mosesi wabiza abadala babantu, wabeka ebusweni babo onke lamazwi wabemyalela wona uyehova.
8
Bapendula bonke abantu kwa kunye, bati: Konke akutetileyo uyehova siya kukwenza. Waza u‐Mosesi wawabuyisela kuyehova amazwi abantu.
9
Wati uyehova ku‐Mosesi: Bona ke, ndiyeza kuwe elifini elibungqingqwa, ngenxa yokuba abantu beve ndakuteta nawe, nokuba bakolwe nguwe kude kube ngunapakade. Waye u‐Mosesi waxela amazwi abantu kuyehova.
10
Wati uyehova kanjalo ku‐Mosesi: Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso; mabahlanze ingubo zabo kanjalo;
11
baze babe sebelungile ngemini yesitatu: ngokuba ngemini yesitatu eya kuhla uyehova pambi kwamehlo abantu bonke, pezu kwentaba ye‐Sinai.
12
Wauya kumisela abantu imida ngokungqonga, usiti: Zilumkeleni, ize ningenyukeli entabeni, ningacukumisi nodini lwayo: osukuba ecukumisa intaba, uya kubujiswa ngenyaniso;
13
akuyi kuyicukumisa isandla, koko aya kugityiselwa ngamatye, umhlaumbi uya kuhlatywa; nokuba sisilo, nokuba yindoda, ayiyi kupila. Nxa ixilongo lihlokomayo, baya kunyuka beze entabeni.
14
Waza u‐Mosesi wehla entabeni waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; baza bahlanza ingubo zabo.
15
Wayesiti ebantwini: Yibani nilungile ngemini yesitatu; ningasondeli emfazini.
16
Kwaza kwati ngemini yesitatu, kwakusa, kwabako indudumo nemibane, nelifu elinzima pezu kwentaba, nentlokoma yexilongo inamandla kakulu; bada bangcangcazela bonke abantu ababesemnqubeni.
17
Wandula u‐Mosesi wapuma nabantu emnqubeni, ukuya kuhlangana notixo; baya bema emazantsi entaba.
18
Yaza intaba ye‐Sinai yaquma umsi yonke, ngokokuba uyehova ebesihla pezu kwayo emlilweni: kanjalo umsi wayo wenyuka njengomsi wesidlangalala, yangcangcazela kakulu intaba yonke.
19
Kwati yakumana ukwanda ngamandla ngakumbi intlokoma yexilongo, kwateta u‐Mosesi; waye utixo wampendula ngelizwi.
20
Wehla uyehova pezu kwentaba ye‐Sinai, kwa sengcopo yentaba: wandula uyehova wambiza u‐Mosesi enyukele engcopo yentaba; wenyuka ke u‐Mosesi.
21
Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Yihla, yala abantu, hleze batyobozele kuyehova ukuza kubonela, kwenzakale kubo into eninzi.
22
Kanjalo nabaperisite, abasondelayo kuyehova, mabazingcwalise, hleze uyehova agaleleke pezu kwabo.
23
Waza u‐Mosesi wati kuyehova: Abantu bakohliwe kukunyukela entabeni ye‐Sinai; ngokuba wena usiyalile, usiti: Misela intaba imida, uyingcwalise.
24
Koko uyehova wati kuye: Hamba, uhle, ubuye unyuke, wena no‐Arone kunye nawe; kodwa abaperisite nabantu mabangatyobozeli ukuza kunyukela kuyehova, hleze agaleleke pezu kwabo.
25
Wandul’ ukuhla u‐Mosesi waya ebantwini, watsho kubo.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40