bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 3
Exodus 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 4 →
1
Kekaloku u‐Mosesi ebesalusa izimvu zika‐Yetero, usomfazi wake, umperisite wase‐Midiyane: wasuka waqu̔ba izimvu ngasele kwentlango, wada wafika entabeni katixo, e‐Horebe.
2
Yandula yabonakala ingelosi kayehova kuye elangatyeni lomlilo pakati kwetyolo; waza wakangela, kekaloku nali ityolo lisitsha ngomlilo, lingenakugqityelwa noko.
3
Wayesiti u‐Mosesi: Ndoka ndipambuke ndiye kubona esisibonakalo sikulu, kunganina ukuba lingatshisekanga ityolo.
4
Wati akubona uyehova ukuba upambukile ukuza kubona, wandula utixo wabiza kuye kwa pakati kwetyolo, wati: Mosesi, Mosesi! Wati yena: Nanku, ndi lapa.
5
Wayesiti: Ungasondeli apa; susa izihlangu zako ezinyaweni zako, ngokuba indawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
6
Wabuya wati: Mna ndi ngutixo woyihlo, utixo ka‐Abrahame, utixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wagqubutela ubuso bake; ngokuba ebesoyika ukukangela ngakutixo.
7
Wati kanjalo uyehova: Ndikolisile ukubona ubunzima babantu bam abase‐Jipete, nokukala kwabo ndikuvile ngenxa yenkosi zabo zomsebenzi; ngokuba intsizi zabo ndizazile.
8
Ndihlile ngoko, ukuba ndibahlangule esandleni sama‐Jipete, nokuba ndibanyuse kwelilizwe baye ezweni elilungileyo nelibanzi, ezweni elela ubisi nobusi; endaweni yabo aba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi.
9
Nakaloku, nanku ukukala kwosapo luka‐Sirayeli kufikile kum; kanjako ndibonile imbandezelo ama‐Jipete alubandezela ngayo.
10
Uze ke ngoku, ndandiya kukutuma ukuya ku‐Faro, ukuba upumise abantu bam, usapo luka‐Sirayeli, e‐Jipete.
11
Waza wati u‐Mosesi kutixo: Ndingubanina mna, ukuba ndiye ku‐Faro, nokuba ndipumise usapo luka‐Sirayeli e‐Jipete?
12
Wayesiti: Ngenyaniso ndiya kubako nawe; kanjako oku kwoba ngumqondiso kuwe, wokuba ndikutumile mna: nxa ubakupileyo ababantu e‐Jipete, niya kumkonza utixo pezu kwalentaba.
13
Wati u‐Mosesi kutixo: Bona ke, ndakuza kufika elusatsheni luka‐Sirayeli, nditi kulo: Utixo woyihlo benu unditumile kuni; lwandule luti kum: Ngubanina igama lake? ndoti nina kulo?
14
Waye utixo esiti ku‐Mosesi: Ndikoko endikuko. Wati kanjalo: Uya kutsho elusatsheni luka‐Sirayeli ukuti: Undingokoyo unditumile kuni.
15
Walekela wati utixo ku‐Mosesi: Uya kutsho elusatsheni luka‐Sirayeli ukuti: Uyehova, utixo woyihlo benu, utixo ka‐Abrahame, utixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi, unditumile kuni; leli igama lam kude kube ngunapakade, sesi nesikumbuzo sam kwisizukulwana ngesizukulwana.
16
Hamba, uye uhlanganise abadala bo‐Sirayeli, uti kubo: Uyehova, utixo woyihlo benu, ubonakele kum, kwa utixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Yakobi, esiti: Sendinikumbule ngokwenene, noko enenzelwe kona e‐Jipete.
17
Ndite ngoko: Ndoninyusa ebunzimeni base‐Jipete niye elizweni laba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, elizweni elela ubisi nobusi.
18
Bopulapula ke ilizwi lako; wauya kuza wena, kwa nabadala bo‐Sirayeli, kukumkani we‐Jipete, naniya kuti kuye: Uyehova, utixo wama‐Hebere, uhlangene nati; uz’ uti ke kaloku, makesiye ihambo yemihla ibe mitatu entlango, ukuya kubingela uyehova, utixo wetu.
19
Sendikwazi kodwa, okokuba akayi kuvuma ukumkani we‐Jipete ukuba niye, kupela ngesandla esinamandla.
20
Ngokuba ndiya kwolula isandla sam, ndibete i‐Jipete ngayo yonke imimangaliso yam, endiya kuyenza pakati kwayo; woti emveni kwoko anindulule.
21
Ndandiya kunika ababantu ufefe emehlweni ama‐Jipete; kwakuya kuti, nakumka, aniyi kumka zé:
22
koko abafazi beya kubiza kwabamelwanekazi babo, nakwabapambukelikazi abasezindlwini zabo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato: eniya kuzibeka pezu kwonyana benu, napezu kwentombi zenu; naniya kupanga ama‐Jipete.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40