bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 32
Exodus 32
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 33 →
1
KEKALOKU abantu bakubona ukuba u‐Mosesi uyalibala ukuhla entabeni, baza abantu bahlanganisana ngaku‐Arone, bati kuye: Suka, usenzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina.
2
Wati u‐Arone kubo: Kumlani amacici egolide asezindlebeni zabafazi benu, na kwezonyana benu, nakwezentombi zenu, niwazise kum.
3
Baza bonke abantu bawakumla amacici egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa ku‐Arone.
4
Wayamkela ke esandleni sabo, wayiyila ngento yokuqoqa, wayenza itole elityityishiweyo. Baza bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete.
5
Wati u‐Arone akulibona, waka isibingelo ebusweni balo; waza wadanduluka u‐Arone, wati: Ngomso kuya kubako umtendeleko kuyehova.
6
Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, banikela amadini okutshiswa, basondeza neminikelo yoxolo; bahlala pantsi ke abantu badle basele nokusela, bandula ukusuka badlale.
7
Wada wateta uyehova ku‐Mosesi, ngokuti: Hamba, uhle; ngokuba abantu bako, abo ububanyusa elizweni le‐Jipete, sebezonakalisile:
8
bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalele yona; bazenzele itole elityityishiweyo, bazitobile pambi kwalo, balibingele, bati: Aba bangotixo bako, Sirayeli! abakunyusileyo ezweni le‐Jipete.
9
Wati kanjako uyehova ku‐Mosesi: Ndibabonile abantu aba; kekaloku, bona ke, bangabantu abantamo ilukuni.
10
Ngako kaloku ndiyeke, uze umsindo wam uvute ngakubo, ndide ndibagqibele: ndandiya kwenza wena ube sisizwe esikulu.
11
Kodwa u‐Mosesi wambongoza uyehova, utixo wake, wati: Kunganina, Yehova! ukuba kuvute umsindo wako ngasebantwini bako, obakupileyo ezweni le‐Jipete, ngamandla amakulu, nangesandla esomeleleyo?
12
Kunganina ukuba ama‐Jipete atsho ukuti: Kungenxa yobubi abakupileyo, ukuba ababulale ezintabeni, nokuba abagqibele ebusweni bomhlaba? Buya ebushushwini bengqumbo yako, ube nosizi pezu kwobububi ngakubo abantu bako.
13
Kumbula ngo‐Abrahame, ngo‐Yisake, nango‐Sirayeli, izicaka zako, owabubafungela ngokwako, wateta kubo ngokuti: Ndiya kwandisa inzalo yenu ibe njengenkwenkwezi zezulu, nalo lonke elilizwe enditetile ngalo, ndolinika kwinzalo yenu, ize ilidle ilifa lalo kude kube ngunapakade.
14
Waza wanosizi uyehova pezu kwobububi wabete uya kubenza ebantwini bake.
15
Wajika u‐Mosesi wehla entabeni, enawo amacwecwe amabini esinqi̔no esandleni sake; bekuba̔liwe emacwecweni ngamacala omabini; kwaba̔lwa kuwo ngelinye icala nangelinye.
16
Lamacwecwe ebengumsebenzi katixo, nokuba̔la kwakukuba̔la kukatixo, kuqoqiwe emacwecweni.
17
Xeshekweni u‐Yoshuwa weva ingxokozelo yabantu ekumemezeni kwabo, wati ku‐Mosesi: Kuko ingxokozelo yokulwa emnqubeni.
18
Koko wati: Asi lilo ilizwi lesidanduluko sokweyisa, asi lilo nelizwi lesikalo sokucitwa; lilizwi lokucula endilivayo mna.
19
Kwaza kwati, akusondela emnqubeni, wabona itole elo, nokududa; yandul’ ukuvuta ingqumbo ka‐Mosesi, owalahla amacwecwe ezandleni zake, wawaqekeza ezantzi kwentaba.
20
Watabata netole ababelenzile, walitshisa emlilweni, walisila lada lacoleka, walivutululela emanzini, waza waseza usapo luka‐Sirayeli kuwo.
21
Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Benze nto nina kuwe abantu aba, ukuba uzisile pezu kwabo isono esikulu kangaka?
22
Wati ke u‐Arone: Maingavuti ingqumbo yenkosi yam! uyabazi ababantu wena, ukuba banxam ele inkohlakalo.
23
Baye besiti kum: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lowo, londoda eyasinyusayo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhliwe yinto nina.
24
Ndaza ndati kubo: Osukuba enegolide, makayikumle, ayinike kum; yona ndayiposa emlilweni, kwada kwapuma itole eli.
25
Wati u‐Mosesi akubona abantu ukuba bahlubulukile, (ngokuba u‐Arone ebebahlubisile babe nehlazo pakati kwabasukelayo,)
26
wandula wema u‐Mosesi esangweni lomnquba, wati: Olunge kuyehova, makeze kum! Baye bebutelana ngakuye bonke abalusapo luka‐Levi.
27
Waza wati kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Abanye ngabanye mabafake iziṙele zabc ngasematangeni abo, badlule, babuye kwelinye isango baye kwelinye isango lomnquba, basike omnye umzalwana wake, nomnye umhlobo wake, nomnye ummelwane wake.
28
Lwaye usapo luka‐Levi lwenza ngelizwi lika‐Mosesi; kwawa ke ebantwini, ngalomini, ngati angamawaka matatu amadoda.
29
Ngokuba u‐Mosesi ebesiti: Zalisani izandla zenu kuyehova namhla; ngokuba umntu’eya kuba ngakuye unyana wake, nangakuye umzalwana wake; ukuze namkeliswe namhla itamsanqa.
30
Kwaye kute ngomnye umhla, wati u‐Mosesi ebantwini: Nina nonile ngesono esikulu; kodwa kaloku ndonyukela kuyehova, kungati umhlaumbi ndiya kwenzela isono senu uxoliso.
31
Waza u‐Mosesi wabuyela kuyehova, wati: Au! ababantu bonile ngesono esikulu, bazenzele otixo begolide.
32
Nakaloku, ukuba uya kubaxolela isono sabo —; ukuba kodwa akungebe njalo, uze undicime encwadini yako oyiba̔lileyo.
33
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Lowo osukuba onile ngakum, nguye endiya kumcima encwadini yam.
34
Kodwa hamba kaloku, ukokele abantu kulo ndawo endanditeta ngayo kuwe: bona ke, ingelosi yam iya kuhamba pambi kwako; koko ngemini yokubuza kwam ndiya kusohlwayela isono sabo pezu kwabo.
35
Waza uyehova wabeta abantu, ngenxa yokuba bebelenzile itole, elo walenzayo u‐Arone.
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40