bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 34
Exodus 34
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 35 →
1
WANDULA uyehova wati ku‐Mosesi: Zibazele amacwecwe amatye abe mabini enjengawokuqala; ndandiya kuba̔la pezu kwalamacwecwe amazwi abesemacwecweni okuqala, owauwaqekezile.
2
Yiba selulungile kwakusa, uze unyukele kusasa entabeni ye‐Sinai, uzimise pambi kwam kona, engcopo yentaba.
3
Kanti akuyi kunyuka mntu nawe; kanjalo makungabonwa mntu kuyo yonke intaba; kwa negusha nenkomo mazingadli pambi kwentaba leyo.
4
Wasuka wabaza amabini amacwecwe amatye enjengawokuqala; waza wavuka u‐Mosesi kwa kusasa, wenyukela entabeni ye‐Sinai, njengokuba ebemyalele uyehova; watabata esandleni sake amacwecwe amatye omabini.
5
Waye uyehova esihla efini, wema naye kona, washumayela igama likayehova.
6
Waza wadlula uyehova pambi kwake, washumayela ngokuti: Uyehova, uyehova e ngutixo, enetaṙu, enofefe, equmba kade, emkulu ngobubele nenyaniso;
7
ogcinela amawaka ububele, oxolela inkohlakalo, nesigqito, nesono, ongayi kuka agwebele onetyala; eyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwabantwana babantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana.
8
Wanxama ke u‐Mosesi, watoba pantsi ngasemhlabeni, wabedesha.
9
Wati: Ukuba kaloku ndifumene ufefe emehlweni ako, Nkosi! maize ihambe inkosi pakati kwetu; nakuba bengabantu abantamo ilukuni aba; uze uxolele inkohlakalo yetu nesono setu, usamkele tina sibe lilifa lako.
10
Waza wati: Bona ke, sendilwenza ucebano: pambi kwabo bonke abantu bako ndoyenza imimangaliso, ekungazanga kudalwe enjalo kuwo wonke umhlaba, nakuzo zonke izizwe; boti bonke abantu opakati kwabo babone umsebenzi kayehova; ngokuba iyinto eyoyikekayo leyo endiya kuyenza kuwe.
11
Gcina wena oko ndikuyalela kona namhla nje: bona ke, ndiza kugxota ebusweni bako aba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Hete, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi.
12
Zilumkele, ukuba ungalwenzi ucebano nabemi belozwe uya kulo, hleze lube ngumgibe pakati kwako.
13
Koko izibingelo zabo niya kuzicita, nezifanekiso zabo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zabo niya kuzigaula:
14
(ngokuba ungayi kubedesha utixo wumbi; ngokuba uyehova, ngu‐Bukwele igama lake, ngutixo enobukwele yena:)
15
hleze ulwenze ucebano nabemi belizwe, uti bakuṙexezela otixo babo, babingele nokubingela otixo babo, ati omnye akumeme, wandule utye kumbingo wake;
16
uti kanjalo utabatele onyana bako kwintombi zabo, ziti intombi zabo, zakuṙexezela otixo babo, zenze nonyana bako baṙexezele otixo babo.
17
Akuyi kuzenzela otixo abatyityishiweyo.
18
Umtendeleko wezonka ezingenagwele uya kuwugcina: yoba yimihla isixe̔nxe uya kuzidla izonka ezingenagwele, njengokuba bendikuyalela, ngelimisiweyo ixesha lenyanga engu‐Abibe; ngokuba ngenyanga engu‐Abibe wabupuma e‐Jipete.
19
Konke kuzityulwa ngako kukokwam; kwa zonke inkomo zako ezizalwa zingamaduna, amazibulo enkomo ezinkulu nezincinane.
20
Kodwa izibulo leqwaṙashe uya kukulula lona ngexwana; ukuba kanti akuyi kulikulula, uze ulapule intamo. Bonke abangamazibulo onyana bako uya kubakulula. Mabangabonakali pambi kwam bengenanto.
21
Yimihla mitandatu uya kusebenza, kodwa ngomhla wesixe̔nxe uya kupumla: ngexesha lokulima nangexesha lokuvuna uya kupumla.
22
Kanjalo umtendeleko weveki uya kuwenza, owolibo lwokuvunwa kwenqolowa, kwa nomtendeleko wokubuta ngasekupeleni kwomnyaka.
23
Kwoba ngamaxesha matatu emnyakeni mnye ekuya kubonakala onke amadoda ako ebusweni benkosi uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
24
Ngokuba ndiya kugqogqa intlanga pambi kwako, ndiyenze banzi nemida yako: kanjako aliyi kunqwenelwa mntu ilizwe lako, nxa unyukayo ukuya kubonakala ebusweni bukayehova, utixo wako, amaxesha matatu emnyakeni mnye.
25
Akuyi kunikela igazi lombingo wam kunye nokubiliswayo; kanjalo akuyi kuhlala kude kuse umbingo womtendeleko wepasika.
26
Isiqalo selibo zomhlaba wako uya kusingenisa endlwini kayehova, utixo wako. Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
27
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Ba̔la wena lamazwi; ngokuba kwa njengokutsho kwalamazwi ndilwenzile ucebano nawe no‐Sirayeli.
28
Wayeko kona ndawonye no‐yehova imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka akasidla, namanzi akawasela: wandula waba̔la pezu kwamacwecwe amazwi ocebano, amazwi olishumi.
29
Kwaza kwati, akuhla u‐Mosesi entabeni ye‐Sinai, amacwecwe omabini esinqi̔no esesandleni sika‐Mosesi, ekuhleni kwake entabeni, waengazi u‐Mosesi ukuba intlonze yobuso bake ibikazimla akuteta naye.
30
Wati u‐Arone, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli, bakubona u‐Mosesi, bona ke, intlonze yobuso bake yakazimla; ngako babesoyika ukusondela kuye.
31
Waza u‐Mosesi wababiza; wasuka u‐Arone, nazo zonke inkosi zentlanganiso, babuya beza kuye: waye u‐Mosesi wateta nabo.
32
Kwati kamva kwasondela lonke usapo luka‐Sirayeli: waza waluyalela ngako konke uyehova wabekutetile kuye entabeni ye‐Sinai.
33
Wati u‐Mosesi akuba egqibile ukuteta nabo, wabeka pezu kwobuso bake isigubungelo.
34
Kodwa nxa u‐Mosesi wangenayo ebusweni bukayehova ukuya kuteta naye, wandula wasusa isigubungelo wada wapuma: wati akuba epumile, wateta nosapo luka‐Sirayeli oko wayeyalelwa kona.
35
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabona ubuso buka‐Mosesi, ukuba intlonze yobuso buka‐Mosesi iyakazimla; waza u‐Mosesi wabuya wabeka isigubungelo pezu kwobuso bake, wada wangena ukuya kuteta naye.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40