bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 14
Exodus 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 15 →
1
Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lujike luti waca pambi kwe‐Pihahirote, pakati kwe‐Migidole nolwandle, malungana ne‐Bali‐tsefone: pambi kwayo niya kuti waca ngaselwandle.
3
Waeya kuti u‐Faro ngalo usapo luka‐Sirayeli: Luxakekile elizweni; intlango iluvalele.
4
Ndize ndigwenxise intliziyo ka‐Faro, ukuba woluputuma: ndandiya kubekwa ngaye u‐Faro, nangayo yonke impi yake, ukuze akwazi ama‐Jipete ukuba mna ndi nguyehova. Lwenje njalo ke.
5
Kwati kwakuxelwa kukumkani we‐Jipete ukuba abantu besabile, yandula yaguqulwa intliziyo ka‐Faro, neyezicaka zake, ngakubo abantu, bati: Kunganina ukuba siyenze lento, yokokuba sibandulule o‐Sirayeli ekusikonzeni?
6
Waza waselebopa inqwelo yake yokulwa, watabata naye abantu bake.
7
Watabata zazimakulu matandatu inqwelo zokulwa ezinyuliweyo, nazo zonke inqwelo zokulwa zase‐Jipete, nenjengele pezu kwazo zonke ngazinye.
8
Ngokuba uyehova ebegwenxisile intliziyo ka‐Faro, yokumkani we‐Jipete, waza waputuma usapo luka‐Sirayeli; kodwa usapo luka‐Sirayeli beluse lupumile ngesandla esipakamileyo.
9
Asuka ama‐Jipete aluputuma, alufumana lute waca ngaselwandle; (onke amahashe n enqwelo zokulwa zika‐Faro, nabakweli bake bamahashe, nempi yake;) kufupi ne‐Pihahirote, ngapambi kwe‐Bali‐tsefone.
10
Kwati akusondela u‐Faro, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwapakamisa amehlo alo, kekaloku nangaya ama‐Jipete ehamba emva kwalo; lwoyika kakulu ke; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova.
11
Lwaye lusiti ku‐Mosesi: Kungokuba kube kungeko mancw̔aba e‐Jipete na, lento usifudusileyo sifele entlango? kunganina ukuba wenje njalo kuti, ukuba usikupile e‐Jipete?
12
Asi lilo na ilizwi esalitetayo kuwe e‐Jipete, sisiti: Siyeke, size siwakonze ama‐Jipete? Ngokuba kunge kusilungele okokuba sikonze ama‐Jipete, ngapezu kwokokuba sifele entlango.
13
Koko wati u‐Mosesi ebantwini: Ningoyiki, yimani, nibone usindiso lukayehova, aya kunenzela namhla nje; ngokuba ama‐Jipete eniwabonileyo namhla nje, ningasayi kupinda ukuwabona kude kube ngunapakade.
14
Uyehova uya kunilwela, noba niti tu nina.
15
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Yinina ukuba ukale kum? Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lunduluke:
16
uze wena upakamise intonga yako, usolule isandla sako ngapezu kwolwandle, ulucande: lwoti usapo luka‐Sirayeli luye pakati kwolwandle pezu kwowomileyo umhlaba.
17
Nam, bona ke, ndozigwenxisa intliziyo zama‐Jipete, aeya kuza emva kwalo; ndandiya kubekwa ugaye u‐Faro nangayo yonke impi yake, ngazo inqwelo zake zokulwa nangabo abakweli bake bamahashe.
18
Aeya kukwazi ama‐Jipete ukuba mna ndi nguyehova, ndakubekwa ngo‐Faro, na ngenqwelo zake zokulwa, nangabakweli bake bamahashe.
19
Yaza ingelosi katixo, ebihamba pambi kwomkosi wama‐Sirayeli, yesuka yaya ngasemva kwawo; yati nentsika yelifu yesuka ebusweni bawo, yema ngasemva kwawo.
20
Yeza pakati kwomkosi wama‐Jipete nomkosi wama‐Sirayeli; laye liba lilifu lobumnyama kwabaya, kanti labukanyisa ubusuku kwaba; waza omnye umkosi awasondela komnye bonke ubusuku obo.
21
Waye u‐Mosesi wolula isandla sake ngapezu kwolwandle; wandula uyehova wemkisa ulwandle ngomoya onamandla wasempumalanga bonke ubusuku obo, walwenza ulwandle lube ngumhlaba owomileyo, ati amanzi acandeka.
22
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwaya pakati kwolwandle pezu kwowomileyo umhlaba; aza amanzi aba ludonga kulo ngesokunene salo nangesokohlo salo.
23
Aputuma ke ama‐Jipete, angena emva kwalo, onke amahashe ka‐Faro, inqwelo zake zokulwa, nabakweli bake bamahashe, kwa pakati kwolwandle.
24
Kwaza kwati ngelokusa ivaṙasho, wakangela uyehova ngasemkosini wama‐Jipete ngayo intsika yomlilo nelifu, wapitizelisa umkosi wama‐Jipete;
25
wahlangula nevili zenqwelo zawo zokulwa, wazihambisa ngokunzima; ada ati ama‐Jipete: Masisabe ebusweni bama‐Sirayeli, ngokuba uyehova elwela wona ngakuwo ama‐Jipete.
26
Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngapezu kwolwandle, aze amanzi abuyele pezu kwama‐Jipete, pezu kwenqwelo zawo zokulwa, napezu kwabakweli bawo bamahashe.
27
Wasuka u‐Mosesi wolula isandla sake ngapezu kwolwandle; lwandula ulwandle lwabuyela ekweleni kwalo okufuti, kwakuza kusa; ati ama‐Jipete esaba ngakulo; waza uyehova wavutulula ama‐Jipete pakati kwolwandle.
28
Ngokuba ebebuya amanzi lawo, aselela inqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, kunye nayo yonke impi ka‐Faro ebingene emva kwawo elwandle; akwasala kubo kwa namnye.
29
Kodwa usapo luka‐Sirayeli lwahamba pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwolwandle; ati amanzi aba ludonga kulo ngesokunene salo nangesokohlo salo.
30
Kwa njalo ke uyehova wasindisa o‐Sirayeli ngalomhla esandleni sama‐Jipete; baza o‐Sirayeli babona ama‐Jipete efile ngaselunxwemeni lwolwandle.
31
Kanjalo babona o‐Sirayeli lowomsebenzi umkulu, owayewenzile uyehova pezu kwama‐Jipete; baye abantu besoyika uyehova, bakolwa nguyehova nokukolwa, nangu‐Mosesi isicaka sake.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40