bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 2
Exodus 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 3 →
1
KWAYE kusuka indoda yendlu ka‐Levi, yaya yazeka intombi ka‐Levi.
2
Waye umfazi lo wamita, wazala unyana; wati akumbona ukuba umhle, wamfihla inyanga zantatu.
3
Koko xeshekweni ebengasenako ukumfihla, wamtabatela umkombe wengcongolo, wawusinda ngodaka nangetywina, waza wabeka umntwana kuwo, wabeka wona pakati kwemikanzi ngaselugudwini lwomlambo.
4
Waya udade wake wazimisa ekude, ukuze azi into aya kwenziwa yona.
5
Kekaloku yehla intombi ka‐Faro ukuya kuhlamba emlanjeni; wati umtinjana wayo wahamba ngasecaleni lomlambo; yaza yabona umkombe pakati kwemikanzi, yatuma isicakazana sayo siye siwuzeke.
6
Yati yakuba ivulile, yambona umntwana lowo; kekaloku bona ke, yinkwenkwana ilila; yaza yabetwa lusizi pezu kwayo, yati: Ngowakubo abantwana bama‐Hebere lo.
7
Wandul’ ukuti udade wake kwintombi ka‐Faro: Ndoka ndiye na ndikubizele umanyisikazi kuwo ama‐Heberekazi, aze akwanyisele umntwana lo?
8
Yaselisiti kuye intombi ka‐Faro: Hamba uye. Yasuka intombazana leyo yaya yabiza unina womntwana.
9
Yaza intombi ka‐Faro yati kuye: Susa lomntwana, undanyisele yena, ndandiya kunika umvuzo wako. Waza umfazi lowo watabata umntwana, wamanyisa.
10
Wandula wati, akuba mkulu umntwana, wamsa kwintombi ka‐Faro, waza waba ngunyana wayo; eyambiza ngegama elingu‐Mosesi, yati: Ngokuba ndimr̔olile emanzini.
11
Kwaye kute ngezontsuku, nxa selekulile u‐Mosesi, wapuma waya kubo abazalwana bake, wabonela imitwalo yabo; wada wabona um‐Jipete ebeta um‐Hebere, owasebazalwaneni bake.
12
Waza wabeka apa napaya, wati, akubona ukuba akuko mntu, wambulala um‐Jipete, wamselela entlabatini.
13
Wabuya wapuma ngomhla wesibini, kekaloku nanga amadoda mabini engama‐Hebere engxolisana; waza wati kweyonileyo: Umbeta nganina ummelwane wako?
14
Yati yona: Umiselwe ngubanina ukuba ube yinkosi nomgwebi pezu kwetu? Unga ungandibulala na, njengokuba ubulele um‐Jipete? Wandu ukwoyika u‐Mosesi, wati: Ngenyaniso lento yazekile.
15
Wati u‐Faro akuba evile lendawo, wafuna ukumbulala u‐Mosesi. Koko wesaba u‐Mosesi ebusweni buka‐Faro, waya wema elizweni le‐Midiyane: wada wahlala pantsi ngasequleni.
16
Kekaloku umperisite wase‐Midiyane wanentombi zasixe̔nxe; ezezayo zaka amanzi, zazalisa imijelo, ukuze kusezwe izimvu zoyise.
17
Bandula ukuza abalusi, bazigxota; koko wesuka u‐Mosesi wazisiza, waseza izimvu zazo.
18
Nxa zibe zifika ku‐Rehule uyise, wati yena: Kunganina ukuba nikaulezile kangaka ukubuya namhla?
19
Zati zona: Indoda engum‐Jipete yasihlangula esandleni sabalusi; kanjako yakolisa ukusikelela, yaseza izimvu.
20
Waza wati ezintombini zake: Ipina pofu? Iyinina lento niyishiyile indoda leyo? Yibizeni, ize itye isonka.
21
Wabe u‐Mosesi evuma ukuhlala nalondoda: yaza yanika u‐Mosesi u‐Tsipora intombi yayo.
22
Owazala unyana ke; waye u‐Mosesi ebiza igama lake ngo‐Gereshome; ngokuba ebesiti: Ndingowasemzini ezweni lasemzini.
23
KWAYE kute pakati kwezontsuku zininzi, wafa ukumkani we‐Jipete; lwaye usapo luka‐Sirayeli lwagula ngenxa yenkonzo, lwakala nokukala; kwaza ukubongoza kwalo kwenyukela kutixo ngenxa yenkonzo.
24
Weva utixo ukutswina kwalo, wayekumbula utixo ucebano lwake kunye no‐Abrahame, no‐Yisake, no‐Yakobi.
25
Waza utixo wabona usapo luka‐Sirayeli, waye utixo enokulwazi.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40