bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Exodus 25
Exodus 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 26 →
1
WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi esiti:
2
Teta nosapo luka‐Sirayeli, ukuba lunditabatele umnikelo: kubo bonke abantu abantliziyo zibaqu̔bayo, niya kuwamkela umnikelo wam.
3
Nguwo lo umnikelo eniya kuwamkela kubo: igolide, nesilivere, nexina,
4
nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, n oboya bebokwe,
5
nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, nemiti yeshitime;
6
ioli, ibe yeyesikanyiso; izimnandi, zibe zezeoli yokutambisa, nezesiqumiso esimnandi;
7
amatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka.
8
Kanjalo mabandenzele indawo eyingcwele, ndize ndihlale pakati kwabo.
9
Njengako konke ndikubonisa kona, njengawo umfanekiselo wetabanakele, nomfanekiselo wazo zonke impahla zayo, niya kuyenza kwa ngokunjalo.
10
Babeya kuyenza ityeya ngemiti yeshitime: yoba zikubite zibe mbini nesiqingata sekubite ubude bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ububanzi bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo.
11
Wauya kuyaleka ngegolide ecocekileyo, ngapakati nangapandle uya kuyaleka; uze wenze pezu kwayo isitsaba segolide ngento engqongayo.
12
Woyityityishela yona imisesane yegolide ibe mine, uyibeke emagumbini ayo omane, ize ibeko imisesane mibini ngelinye icala layo, nemisesane ekwa mibini ngelinye icala layo.
13
Wauya kuzenza izibonda ngemiti yeshitime, uzaleke ngegolide.
14
Nezibonda ezo uya kuzingenisa kuyo imisesane esemacaleni etyeya, ize ityeya itwalwe ngazo.
15
Zoba semisesaneni yetyeya ezozibonda; aziyi kususwa kuyo.
16
Wauya kubeka etyeyeni isinqi̔no endiya kusinika kuwe.
17
Kanjalo uya kusenza isihlalo sofefe ngegolide ecocekileyo: soba zikubite zibe mbini nesiqingata sekubite ubude baso, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ububanzi baso.
18
Uya kuzenza nekerubime zibe mbini ngegolide; ngesetyenzwa elikandelweyo uya kuzenza, zipuma ezincameni zombini zesihlalo sofefe.
19
Yenza ikerubime enye encameni yakweli icala, nekerubime enye encameni yakweliya icala; zipuma kuso isihlalo sofefe uya kuzenza ikerubime, ezincameni zaso zombini.
20
Zoti ikerubime zitwabulule amapiko omabini ngapezulu, zisigubungela ngamapiko azo isihlalo sofefe; nobuso bazo obenye bobekana nobenye; boba ngakuso isihlalo sofefe ubuso bekerubime.
21
Nesihlalo sofefe uya kusibeka pezulu pezu kwetyeya; nakuyo ityeya uya kubeka isinqi̔no endiya kusinika kuwe.
22
Ndandiya kuhlangana nawe kona apo, nditete nawe ndipezu kwaso isihlalo sofefe, kwa pakati kwazo ikerubime zombini ezingapezu kwetyeya yesinqi̔no, ngako konke endokuyalezela kona elusatsheni luka‐Sirayeli.
23
Kanjalo uya kuyenza itafile ngemiti yeshitime: yoba zikubite zibe mbini ubude bayo, nekubite ibe nye ububanzi bayo, nekubite ibe nye nesiqingata sekubite ubupakamo bayo.
24
Wauya kuyaleka ngegolide ecocekileyo; uze uyenzele isitsaba segolide ngento engqongayo.
25
Uya kuyenzela nodini, lungangobubanzi besandla, ngento engqongayo; uze wenzele udini lwayo isitsaba segolide ngento engqongayo.
26
Wauya kuyenzela yona imisesane yegolide ibe mine, uyibeke imisesane emagumbini omane asezinyaweni zayo zone.
27
Yoba malungana nodini imisesane leyo, ibe zindawo zezibonda zokuba kutwalwe itafile.
28
Izibonda ezo uya kuzenza ngemiti yeshitime, uzaleke ngegolide, ize itafile itwalwe ngazo.
29
Wauya kwenza izikotile zayo, nezitya zayo, nebekile zayo, nendebe zayo, ekuya kugalelwa ngazo: uya kuzenza ngegolide ecocekileyo.
30
Napezu kwetafile leyo uya kubeka izonka zokubonakala ebusweni bam ngamaxesha onke.
31
Kanjalo uya kuyenza ikandelare ngegolide ecocekileyo: ngesetyenzwa elikandelweyo iya kwenziwa lekandelare; isikondo sayo, nexokama layo, indetyana zayo, izikandana zayo, nentyatyambo zayo, zoba zezakuyo.
32
Imbaxa ezintandatu ziya kupuma emacaleni ayo; kwopuma imbaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo, nembaxa ezintatu zekandelare kwelinye icala layo.
33
Indetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba kwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; nendetyana ezintatu zifanisiwe nezamonde zoba nakwenye imbaxa, kwa n esikandana nentyatyambo; zoba kwa njalo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni.
34
Nakuyo ikandelare kwobako indetyana ezine zifanisiwe nezamonde, kunye nezikandana zazo, nentyatyambo zazo.
35
Kwobako esinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, n esinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, n esinye isikandana ngapantsi kwezimbini imbaxa zakuyo, njengazo imbaxa zontandatu ezipuma ekandelareni.
36
Izikandana zazo nembaxa zazo zoba zezakuyo: loba linye isetyenzwa elikandelweyo legolide ecocekileyo lipela.
37
Wauya kuyenzela izibane zibe sixe̔nxe; zaziya kumiswa izibane zayo, zize zikanyise ngapambi kwayo.
38
Izicimo zayo, nezipatelo zayo, zoba yigolide ecocekileyo.
39
Iya kwenziwa yona ngetalente yegolide ecocekileyo, kunye nazo zonke ezimpahla.
40
Uze ulumke ukuba uzenze ngomfanekiselo wazo, obuwuboniswa entabeni.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40