bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 13
Job 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 14 →
1
Bona ke, oku konke likubonile iliso lam; ikuvile indlebe yam, yayiqonda.
2
Into eniyaziyo nina, ndiyayazi nam; andiwi mna pantsi kwenu.
3
Kodwa mna ndiya kuteta kusomandhla; ndinga ndingatetelela kutixo.
4
Kanti ke nina ningabaqingi bobuxoki; ningabapolisi bokungento nina nonke.
5
Akwaba nabenigqibela ukuti cwaka! ngekuba bubulumko benu oko.
6
Kenive ke ukutetelela kwam, nipulapule ukupikisa kwomlomo wam.
7
Niya kutetela utixo ngobumenemene na? nomtetela ngenkohliso na?
8
Niya kubuka ubuso bake na? nompikela utixo na?
9
Ngekulungile na ukuba anipengulule? niya kumhanahanisa na, njengokuba kuhanahaniswa umntu?
10
Woqinisa ukunohlwaya, xeshekweni nibuka ubuso ngasese.
11
Ubungangamsha bake abunitusi na, nesoyikeko sake asiniweli na?
12
Izikumbuzo zenu ziyimizekeliso yotutu; indulana zenu zindulana zodaka.
13
Yitini cwaka nindiyeke, ndandiya kuteta mna, nangona kuya kuhla pezu kwam okunjanina.
14
Kunganina ukuba nditabate inyama yam ngamazinyo am, nobomi bam ndibubeke esandleni sam?
15
Ukuba uya kundibulala, ndotembela kuye noko; kodwa indlela zam ndiya kuzitetelela pambi kwake.
16
Kanjalo yena woba lusindiso lwam; ngokuba umginwa engezi ebusweni bake.
17
Kutalani ukupulapula isiteto sam, nokuxela kwam ezindlebeni zenu.
18
Bona ke, sendilungiselele ityala; ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa.
19
Ngubanina lowo oya kupika nam? ukuba kaloku bendiya kuti cwaka, ngendiqauka umpefumlo.
20
Kupela izinto ezimbini ungandenzeli zona: oko andiyi kuzimela ebusweni bako.
21
Isandla sako sikwelelise kude kum; nesoyikeko sako masinganditusi.
22
Wandule ukubiza wena, ndipendule mna; okanye nditete mna, undipendule wena.
23
Zingapina izikohlakalo nezono endinazo? zundazise ukugqita kwam nokwona kwam.
24
Kunganina ukuba undifihlela ubuso bako, nokuba undibala ngokuba lutshaba kuwe?
25
Igqabi elipetshetwayo uya kulingcangcazelisa na? umququ owomileyo wowusukela na?
26
Ngokuba uziba̔la ngakum into eziṙaṙa; nezikohlakalo zobutsha bam undenza ndilidle ilifa lazo.
27
Uyazifaka inyawo zam amakamandela, nazo zonke indlela zam uyazihlola; pezu kwengcambo zenyawo zam uyasika impau.
28
Yena lowo, njengento ebolileyo, uyalupala; njengengubo edliweyo linundu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42