bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 36
Job 36
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 37 →
1
WALEKELA u‐Elihu wati:
2
Ndihlalele kancinane, ndandiya kukutyela; ngokuba kuseko amazwi ngenxa katixo.
3
Ndiya kuzeka ukwazi kwam kwa kude; nakuye umenzi wam ndiya kunika ubulungisa.
4
Ngokuba ngenyaniso amazwi am akabuxoki: ofezekileyo ngokwazi unawe.
5
Bona ke, utixo umkulu, kanti akadeli; umkulu ngamandla engqondo.
6
Akayi kupilisa okohlakeleyo; nebango lababandezelweyo wolinika.
7
Akawasusi kwabalungileyo amehlo ake; nakunye nokumkani eteroneni, uyabahlalisa ngonapakade, bapakanyiswe ke.
8
Naxeshekweni benxityiwe ngemixokolelwane, babanjwa ngentambo zembandezelo;
9
uyandula abazise isenzo sabo, nezigqito zabo, ukuba benze nger̔atshi;
10
nendlebe zabo uyazityilela ululeko, axele ukuba mababuye enkohlakalweni.
11
Ukuba bayeva, bakonze nokukonza, bogqiba imihla yabo ebutamsanqeni, neminyaka yabo eziyolweni.
12
Kanti ukuba abeva, baya kububa ngomkonto, baqauke bengenakwazi.
13
Kwa njalo abaginwa ngentliziyo bayabekela ingqumbo; abakali akuba ebanxiba.
14
Kwofa umpefumlo wabo ebutsheni, nobomi babo pakati kwabanco̔lileyo.
15
Uyahlangula olusizi ngosizi lwake, nendlebe zabo uyazityila ngembandezelo.
16
Nawe ke ebeya kukur̔ola esixingweni, ukuya endaweni ebanzi ekungeko kuxinana kuyo; nento ebekwa esitebeni sako ibiya kuzala bunqata.
17
Kodwa uzalisile ityala lokohlakeleyo: ityala nomgwebo ziya ku bamba.
18
Ngokuba kuko umsindo, lumka hleze akususe ngesibeto: oko isizi esikulu asiyi kukusindisa.
19
Wobuka indyebo yako na? Nakanye; aka buki igolide, nawo onke amandla obutyebi.
20
Unganxameli ubusuku, apo abantu babutelwa endaweni yabo.
21
Lumka, ungabeki enkohlakalweni; ngokuba le uyinyulile pezu kwobunzima.
22
Bona ke, utixo uyazipakamisa emandleni ake: ngubanina ofundisayo njengaye?
23
Ngubanina ompatisileyo indlela yake? ngubanina notshilo ukuti: Ubenzile ubumenemene?
24
Kumbula ukuba uwuzukise umsebenzi wake, lowo abantu bawubencabencayo.
25
Uluntu lwonke luyawubonela; umntu uyakangela ekude.
26
Bona ke, utixo umkulu, asimazi; inani leminyaka yake, lona alinakupengululwa.
27
Ngokuba ewanyusa amatontsi amanzi; ayagalela imvula ngenkungu yake;
28
leyo amazulu ayicintsayo; ayatontsela pezu kwabantu ngento eninzi.
29
Kanjako kuko na ongaqondayo ukutwabuluka kwelifu, ukudywaba kwentente yake?
30
Bona ke, uyatwabulula ukukanya kwake pezu kwalo, namazantsi olwandle uyawagubungela.
31
Ngokuba ngazo ezizinto egweba izizwe, enika ukutya ngokuninzi.
32
Izandla zake uyazigubungela ngombane, awuyalezele apo aya kuwela kona.
33
Ududumo lwake luyaxela ngaye; kwinkomo luyaxela kwa ngako okunyukayo.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42