bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 38
Job 38
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 39 →
1
WANDULA uyehova wampendula u‐Jobi eluqwiteleni, wati:
2
Ngubanina lo ositayo icebo ngamazwi angenakwazi?
3
Sibinqe ke, njengendoda, isinqe sako; ndandiya kubuza kuwe, uze undazise.
4
Ubuko pina ndakuseka umhlaba? xela, ukuba uyazana nokuqonda.
5
Ngubanina obemisa imilinganiswa yawo, ukuba uyazi? umhlaumbi ngubanina owolulayo intambo pezu kwawo?
6
Kupezu kwento nina izisekelo zawo zatshoniswayo? umhlaumbi ngubanina owabeka ilitye legumbi lawo;
7
zakucula kunye inkwenkwezi zokusa, bati bonke onyana bakatixo badanduluka ngovuyo,
8
waza wabiyela ulwandle ngengcango, lwakutyoboza, njengokungati lwapuma esizalweni;
9
ndakulenza ilifu libe sisivato salo, nesitokotoko sibe sisiqoqo salo;
10
ndakulwabela umda wam, ndabeka imivalo nengcango,
11
ndati: Woza kude kube lapa, koko ungayi kugqita; kulapa kuya kuhlaliswa ukukukumala kwamaza ako?
12
Uwuyalele umso na, kuselokwemihla yako? usazisile isifingo indawo yaso na,
13
ukuba sizibambe incam zomhlaba, bati abakohlakeleyo bavutululwe kuwo?
14
Uyaguqulwa njengodongwe lwesincamatiselo; ziti gqi izinto zawo njengesivato.
15
Kuyabanjwa kwabakohlakeleyo ukukanya kwabo; nengalo epakamileyo iyapulwa.
16
Ungenile na ematendeni olwandle? uhambile na ezindaweni zapakati zenzulu?
17
Uwatyilelwe amasango okufa na? nengcango zesitunzi sokufa uzibonile na?
18
Ugqalele ububanzi bomhlaba na? xela, ukuba konke oku uyakwazi.
19
Ipina ke indlela apo kuhlala ukukanya? nobumnyama, ipina indawo yabo,
20
ukuba ubuse emdeni wabo, nokuba wazane nendlela zisiya endlwini yabo?
21
Uyazi na, ngokokuba ubusel’ uzelwe oko, nokuba imihla yako mininzi inani layo?
22
Ungenile na ezimbekelweni zengqweqwe? nembekelo zesico̔to uzibonile na,
23
endisigcineleyo ixesha lobunzima, imini yokulwa neyemfazwe?
24
Ipina ke indlela apo kwabiwa ukukanya, nalapo kupangalala umoya wasempumalanga pezu kwomhlaba?
25
Ngubanina ocandele ingxokolo yamanzi imijelo, nokubaneka kwodudumo indlela;
26
ukuba kuniswe imvula pezu kwelizwe elingenamntu, pezu kwobugxwayiba ekungeko bantu kubo;
27
ukuba kukoliswe indawo ezicitakeleyo nezitshabaleleyo; nokuba kumiliswe utyani obupumayo?
28
Imvula inoyise na? okunye azelwe ngubanina amatontsi ombete?
29
Lapuma esizalweni sobanina iliqwa? nengqele emhlope yezulu, ngubanina ozeleyo yona?
30
Njengasetyeni amanzi afihlekile, nobuso benzulu bubambene.
31
Unganxiba na imbopelelo zesilimela? nemibambo yo‐Oriyone ungayicumbulula na?
32
Ungavelisa na izikwenkwezi zendlela yelanga ngexesha lazo? no‐Bere kunye nabantwana bake ungakapa bona na?
33
Uyayazi na imimiso yezulu? uyadala ukupata kwalo emhlabeni na?
34
Ungapakamisela emafini na ilizwi lako, yandule ingxokolo yamanzi ikugubungele?
35
Ungandulula imibane na, ize ihambe ke, iti nokuti kuwe: Nanku, si lapa?
36
Ngubanina obubekileyo embilini ubulumko? okunye ngubanina owanika entliziyweni ingqondo?
37
Ngubanina obalayo amafu ngobulumko? nentsuba zezulu ngubanina ozitambekisayo,
38
nxa lwelayo utuli lube yinto enyibilikileyo, ati amagada anamatelane?
39
Ungazingelela ingonyamakazi na into yokuqwenga? nenkanuko yengonyama ezintsha ungayincamisa na;
40
nxa zincatamela eminxunyeni, umhlaumbi zihlala eludadeni ngokulalela?
41
Ngubanina olungisela unomyai ukudla, okuya amatole ake alilayo kutixo, ati badubadu ngokuswela into yokutya?
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 39 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42