bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 31
Job 31
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 32 →
1
Ndenze ucebano namehlo am; ngendisiti nina ngoko ukukumbulela intombi?
2
Ngokuba siyinina isabelo sikatixo sivela pezulu, nelifa losomandla livela ezinyangweni?
3
Intshabalalo asi yeyake olimenemene na? nelishwa asi lelabo abasebenzi benkohlakalo na?
4
Akaziboni na yena indlela zam? nawo onke amanyatela am akazibali na?
5
Ukuba ndihambile nobuxoki; ukuba unyawo lwam lukaulezele enkohlisweni:
6
mandilinganiswe esilinganisweni esilungeleleneyo, ukuze abazi utixo ubunene bam.
7
Ukuba kutyekile endleleni ukuhamba kwam, ukuba intliziyo yam ilandele amehlo am, ukuba kunamatele ezandleni zam isidyobo;
8
mandihlwayele mna, adle omnye; nezityalo zam mazinyotulwe.
9
Ukuba intliziyo yam ihendelwe emfazini, ukuba ndilalele ngaselucangweni lwommelwane wam;
10
makasilele omnye umfazi wam, napezu kwake mabatobe pantsi abanye.
11
Ngokuba oko kuyinto ebuncwangu; ewe, oko kusisono esibang’ abagwebi.
12
Ngokuba kungumlilo kona; bekuya kudla kude kubujiswe; nako konke ukwanda kwam bekuya kukunyotula.
13
Ukuba ndidelile ityala lesicaka sam, nelesicakakazi sam, zakupika nam;
14
sendiya kwenza nto nina, nxa utixo avukayo? naxeshekweni abuzayo, kuyinto nina ndiya kuyipendula kuye?
15
Lowo owandenzayo mna embilini, akasenzanga na sona naso? asi nguye omnye osidalileyo esizalweni na?
16
Ukuba ndibandezile ukunqwenela kwamahlwempu, ukuba ndipelisile amehlo omhlolokazi,
17
ukuba ndityile ndedwa umtamo wam, nxa ingatyanga inkedama kuwo;
18
(ngokuba kwa sebutsheni bam ibisondliwa ndim njengoyise, nomhlolokazi kwa sesizalweni sikama̔ ndimkapile:)
19
ukuba ndibonile umntu ebuba ngokuswela into yokwambata, nolihlwempu engenasigubungelo;
20
ukuba isinqe sake asinditamsanqelisanga, nokuba akazifudumalisanga ngoboya bezimvu zam:
21
ukuba ndivivinyile isandla sam ngakuyo inkedama, nxa bendibona esangweni uncedo lwam:
22
mawuti umkono wam ukumke egxalabeni, nengalo yam yapuke enqwiniba.
23
Ngokuba intshabalaliso katixo ibisisituso kum; napambi kwobungangamsha bake bendikohliwe.
24
Ukuba ndenzile igolide ingqiniso yam; ukuba ndite kwigolide entle: Ulitemba lam:
25
ukuba ndandigcoba ngokuba buninzi ubutyebi bam, nangokuba sifumene inzuzo enkulu isandla sam:
26
ukuba ndibonele ilanga lakukanya, nenyanga yakuhamba ekukazimleni;
27
yaza intliziyo yam yahendwa ngasese, sada isandla sam sangana nomlomo wam:
28
oku nako bekuya kuba sisono esibang’ abagwebi; ngokuba ngendiba ndikanyele utixo opezulu.
29
Ukuba ndigcobile engozini yobenditiya, ndaza ndavuyelela kwakumfumana ububi;
30
(kanti umlomo wam andiwuvumanga wone, ngokunywebelela umpefumlo wake:)
31
ukuba abantu bentente yam abatshongo ukuti: Ngubanina ongaxelayo umntu ongahlutiswanga yinyama yake?
32
(akalalisa ngapandle owasemzini; ingcango zam ndazivulela umhambi:)
33
ukuba ndite njengo‐Adame ndagubungela isigqito sam, ngokufihla inkohlakalo yam esifubeni sam:
34
oko, mandinkwantye isihlwele esikulu, nokudela kwezizalwane makundimatise; ewe, manditi cwaka, ndingapumi elucangweni.
35
Akwaba bendinoya kundiva! Nalu upau lwam! usomandla makandipendule; nommangeleli wam makaba̔le incwadi.
36
Ngenyaniso ndinga ndiyitwala pezu kwegxalaba lam; ngendiyibopa njengesitsaba kum.
37
Ngendimxelela inani lamanyatela am; njengenkosi ngendisondela kuye.
38
Ukuba umhlaba wam uyakala ngakumi, nemisele yawo iyalila kunye;
39
ukuba ndizidlile iziqa̔mo zawo kungeko imali, nabalimi bawo ndibaqaukisile umpefumlo:
40
makupume inkanga esikundleni senqolowa, nokula esikundleni seṙalasi. Amazwi ka‐Jobi apelile.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42