bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 16
Job 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 17 →
1
WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2
Zininzi izinto ezinjalo endizivileyo; ningabatutuzeli abayinkatazo nina nonke.
3
Kuko ukupela na emazwini omoya? okunye utelekiswa yinto nina ukuba upendule?
4
Bendingatetayo nam njengani, ukuba umpefumlo wenu ubusesikundleni sompefumlo wam; bendingawafumbelelayo amazwi ngakuni, ndinihlunguzele intloko yam.
5
Kodwa ngendinomeleza ngomlomo wam, nokushukuma kwodebe lwam ngekudambisa.
6
Ukuba bendiya kuteta, akuyi kudanjiswa ubuhlungu bam; nokuba bendiya kuyeka, ndiya kumkelwa yinto nina?
7
Okunene kaloku undidinisile: ucitakalisile wena wonke umhlambi wam;
8
waye undibambile mna, kwaba linqi̔na oko; lwaluvuka ngakum ubityo lwam, luyanqi̔na ngasebusweni bam,
9
ingqumbo yake iqwengile, uyandizonda; unditshixizele ngamazinyo ake: utshaba lwam luwabazile amehlo alo ngakum.
10
Bandakamele ngomlomo wabo; bandibetile esidleleni ngokucekisa; bayandiṙaula kunye.
11
Utixo undinikele kolimenemene, wandeyelisela ezandleni zabakohlakeleyo.
12
Bendisekwonwabeni, kodwa wandingcangcazelisa: undibambile ngentamo, wanditi viti; wandimisa ndibe ngumlinganiso kuye.
13
Abatoli bake bayandingqonga; uyacanda izintso zam, engenanceba nje; uyapalazela emhlabeni inyongo yam.
14
Uyandityobozela ngesityobozelo pezu kwesityobozelo, uyandibalekela njengegoṙa.
15
Nditungile intlakantlaka pezu kwentlonze yam; ndingenisile upondo lwam elutulini.
16
Ubuso bam budumbile kukulila; isitunzi sokufa sipezu kwenkope zam:
17
nokokuba akuko budlwengu ezandleni zam, nokuba umtandazo wam ungcwele.
18
Mhlaba! ungaseleli igazi lam; makungabi nandawo nokubiza kwam.
19
Ewe, kaloku nje, naliya inqi̔na lam ezulwini, nomboneli wam ezinyangweni.
20
Abo bandigculelayo ngabahlobo bam; koko iliso lam litontsela kutixo.
21
Akwaba bekungatetelelwayo indoda pambi kwotixo, njengokuba unyana woluntu etetelela umlingane wake!
22
Ngokuba yiminyaka emincinane eya kuza, ndandiya kuhamba indlela e ndingayi kubuya ngayo.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42