bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Job 5
Job 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 6 →
1
Kaubize ke, ukuba kuko oya kusabela kuwe; nakuwupina kwabazingcwele uya kubeka?
2
Ngokuba olihilihili ingqumbo imbulala, noliyilo umona uyamfisa.
3
Ndibonile mna ihilihili lisendelisa ingcambo; kodwa ndahla ndaqalekisa ikaya lalo.
4
Abantwana balo bakude ekwonwabeni; boncinezelwa esangweni, kungeko umhlanguli:
5
elisivuno olambileyo uya kusidla, esisusa nasemaveni; nobutyebi babo umtiyeli ubunxamele.
6
Nakuba ububi bungaveli elutulini, nobunzima bungahlumi emhlabeni;
7
koko uluntu luzalelwayo ubunzima, njengokuba intlantsi zibalekela pezulu;
8
ngendifuna kutixo mna noko, nakuye utixo ngendibekela indawo yam:
9
ozenzayo izinto ezinkulu, ezingenakupengululwa; izinto ezimangalisayo, ezingenakubalwa;
10
onisa imvula pezu kwomhlaba, okupa amanzi pezu kwezindle:
11
ukuba abeke pezulu abatotyiweyo; bati abalilayo bapakanyiselwe ekwonwabeni.
12
Uyatshitshisa amaqinga abanamaqokolo, zide izandla zabo zingafezi nanto bayenzayo.
13
Uyabamba amalumko ngobawo ubuqokolo; necebo labajikayo linxamile.
14
Emini bayafumanana nobumnyama; nanjengasebusuku, bayaputaputa emini enkulu.
15
Kodwa uyamsindisa eṙeleni, emlonyeni wabo, nasesandleni sowomeleleyo, osweleyo.
16
Ngako kuko itemba kwihlwempu, iti inkohlakalo ivingce umlomo wayo.
17
Bona ke, unetamsanqa umntu owohlwaywa ngutixo; ngako ukubeta kwosomandla ungakudeli.
18
Ngokuba etutumbisa, abuye abope; uyalimaza, ziti izandla zake zipolise.
19
Ezimbandezelweni zintandatu uya kukusindisa; nakwezisixe̔nxe ububi abuyi kukupata.
20
Ekulambeni uya kukukulula ekufeni; nasemfazweni wokukulula emandleni eṙele.
21
Esibetweni solwimi uya kuzimela; akuyi kwoyika ingcitakaliso yakutika.
22
Ingcitakaliso nendlala wohleka ngazo; namaṙamncwa omhlaba akuyi kwoyika wona:
23
ngokuba luya kuba namatye asendle ucebano lwako; nezilo zasendle ziya kuxolana nawe.
24
Kanjalo uya kukwazi ukuba iseluxolweni intente yako; wauya kubonela kwiṙiwa lako, ungalahleki nto.
25
Uya kukwazi kanjako ukuba inzalo yako yoba ninzi, nabazukulwana bako njengenca yomhlaba.
26
Woza unobudala obuzeleyo encw̔abeni, njengokubutwa kwesita senqolowa ngexesha laso.
27
Bona ke oku, sikupengulule, kunje nje; kuve ke, uzazele wena.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42