bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 1
Numbers 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 2 →
1
WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi, entlango ye‐Sinai, ententeni yentlangano, ngowokuqala umhla wenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini emva kwokupuma kwabo elizweni le‐Jipete, esiti:
2
Tabatani inani layo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, ngezizalwane zalo, ngendlu zoyise zalo, ngombalo wamagama, onke amadoda ngamanye ngamanye;
3
engaminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, onke apumayo nomkosi kwa‐Sirayeli: lawo niya kuwabala ngemikosi yawo, wena no‐Arone.
4
Nakunye nani kwobako indoda ibe nye kwisizwe ngesizwe, indoda eyintloko pezu kwendlu yoyise yayo.
5
Ngawo la amagama awo amadoda aya kuma nani; eyesika‐Rubene, ngu‐Elitsure unyana ka‐Shedeyure;
6
eyesika‐Simone, ngu‐Shelumiyele unyana ka‐Tsurishadai;
7
eyesika‐Juda, ngu‐Nahashone unyana ka‐Haminadabi;
8
eyesika‐Yisakare, ngu‐Netaneli unyana ka‐Tsuhare;
9
eyesika‐Zebulone, ngu‐Eliyabe unyana ka‐Heloni;
10
eyosapo luka‐Josefe, — eyesika‐Frayime, ngu‐Elishama unyana ka‐Hamihude; eyesika‐Manase, ngu‐Gamaliyeli unyana ka‐Pedatsure;
11
eyesika‐Benjamine, ngu‐Abidane unyana ka‐Gideyoni;
12
eyesika‐Dane, ngu‐Ahihezere unyana ka‐Hamishadai;
13
eyesika‐Ashere, ngu‐Pagiyeli unyana ka‐Okerane;
14
eyesika‐Gadi, ngu‐Eliyasafa unyana ka‐Dehule;
15
eyesika‐Nefatali, ngu‐Ahira unyana ka‐Henani.
16
Aba bebengabadumileyo bentlanganiso, inkosi zezizwe zoyise babo; bebezintloko zamawaka akwa‐Sirayeli.
17
Baza u‐Mosesi no‐Arone batabata lamadoda abalulwayo ngamagama;
18
bahlanganisela ndawonye yonke intlanganiso, ngowokuqala umhla wenyanga yesibini, abati bona bashumayela ukuzalwa kwabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, bengabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngabanye ngabanye.
19
Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, kwa njalo wababala entlango ye‐Sinai.
20
Kekaloku onyana baka‐Rubene, owamazibulo ka‐Sirayeli, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, ngabanye ngabanye, bonke abangamadoda aminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, bonke abapumayo nomkosi;
21
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Rubene, bebengamawaka angamashumi mane enesitandatu, anamakulu mahlanu.
22
Abonyana baka‐Simone, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ababalweyo babo, ngombalo wamagama, ngabanye ngabanye, bonke abangamadoda aminyaka imashumi mabini napezulu ubudala bawo, bonke abapumayo nomkosi;
23
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Simone, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesitoba, anamakulu matatu.
24
Abonyana baka‐Gadi, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
25
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Gadi, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesihlanu, anamakulu matandatu enamashumi mahlanu.
26
Abonyana baka‐Juda, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
27
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Juda, bebengamawaka angamashumi asixe̔nxe enesine, anamakulu matandatu.
28
Abonyana baka‐Yisakare, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi:
29
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Yisakare, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesine, anamakulu mane.
30
Abonyana baka‐Zebulone, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
31
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Zebulone, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesixe̔nxe, anamakulu mane.
32
Abonyana baka‐Josefe:— Abonyana baka‐Frayime, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi:
33
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Frayime, bebengamawaka angamashumi mane, anamakulu mahlanu:
34
Abonyana baka‐Manase, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
35
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Manase, bebengamawaka angamashumi matatu enesibini, anamakulu mabini.
36
Abonyana baka‐Benjamine, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
37
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Benjamine, bebengamawaka angamashumi matatu enesihlanu, anamakulu mane.
38
Abonyana baka‐Dane, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
39
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Dane, bebengamawaka angamashumi matandatu enesibini, anamakulu asixe̔nxe.
40
Abonyana baka‐Ashere, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
41
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Ashere, bebengamawaka angamashumi mane enalinye, anamakulu mahlanu.
42
Onyana baka‐Nefatali, izizukulwana zabo, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo, ngombalo wamagama, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi;
43
ababalweyo babo, abesizwe sika‐Nefatali, bebengamawaka angamashumi mahlanu enesitatu, anamakulu mane.
44
Aba bangabo babalwayo, abo u‐Mosesi wababalayo, kwa no‐Arone, nenkosi zakwa‐Sirayeli, zingamadoda alishumi linamabini: ezinye ngezinye zazipezu kwendlu zoyise zazo.
45
Baye bonke ababalweyo bonyana baka‐Sirayeli, ngendlu zoyise zabo, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, bonke abapumayo nomkosi kwa‐Sirayeli,
46
kwa bonke ababalweyo, bebengamawaka angamakulu matandatu enamawaka matatu, anamakulu mahlanu enamashumi akwa mahlanu.
47
Kodwa aba‐Levi, ngesizwe soyise babo, bebengabalwa pakati kwabo.
48
Ngokuba ebetetile uyehova ku‐Mosesi, esiti:
49
Kupela isizwe sika‐Levi akuyi kubala sona, nenani labo akuyi kulitabata pakati kwonyana baka‐Sirayeli.
50
Kodwa wena, bamise aba‐Levi pezu kwayo itabanakele yesinqi̔no, napezu kwazo zonke impahla zayo, napezu kwako konke okukokwayo: bona baya kutwala itabanakele, kwa nazo zonke impahla zayo; babeya kukonza kuyo, bati waca ngokungqonga itabanakele.
51
Nasekundulukeni kwetabanakele, aba‐Levi boyihlisa; nasekumisweni kwetabanakele, aba‐Levi boyipakamisa; koko owasemzini osondelayo eya kufiswa.
52
Lwaye usapo luka‐Sirayeli luya kuti waca, olunye ngolunye ngakulo ibandla lalo, nolunye ngolunye ngakuyo ibanile yalo, ngemikosi yalo.
53
Kodwa aba‐Levi baya kuti waca ngokungqonga itabanakele yesinqi̔no, ukuze kungabiko msindo pezu kwentlanganiso yosapo luka‐Sirayeli: boti aba‐Levi kanjalo bagcine isigcinelo setabanakele yesinqi̔no.
54
Lwenje njalo usapo luka‐Sirayeli; njengako konke uyehova ebemyalele u‐Mosesi ngako, lwenje njalo ke.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36