bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 35
Numbers 35
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
1
WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, esiti:
2
Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba lubanike aba‐Levi, kulo ilifa lemfuyo yalo, izixeko zokuhlala; nobanika aba‐Levi nenqele ezixekweni ezizingqongayo.
3
Boba nezixeko ezo ukuba bahlale kuzo; nenqele zazo zoba zezenkomo zabo, nezempahla yabo, nezazo zonke izilo zabo.
4
Kanjalo inqele zezixeko, eniya kuzinika kuba‐Levi, zoqala eludongeni lwesixeko ziye nangapandle kude kube liwaka lekubite ngento engqongayo.
5
Naniya kulinganisa ngapandle kwesixeko, ngecala lasempumalanga ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasesuyide ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasentshonalanga ikubite ezingamawaka mabini, nangecala lasenode ikubite ezingamawaka mabini, isixeko sipakati nje: zoba njalo kubo inqele zezixeko.
6
Napakati kwezixeko eniya kuzinika kuba‐Levi kwobako izixeko zesipepelo ezitandatu, eniya kuzinika ukuba kusabele kona umbulali; napezu kwazo ezi niya kunika izixeko ezingamashumi mane enazibini.
7
Zonke izixeko eniya kuzinika kuba‐Levi zoba zizixeko ezingamashumi mane anesibozo; kwa zona nenqele zazo.
8
Nezixeko eniya kuzinika zivela kwimfuyo yosapo luka‐Sirayeli, abo banezininzi niya kutabata kubo ezininzi, nabo banezincinane niya kutabata kubo ezincinane; abanye ngabanye, ngokwelifa labo balidlayo, bonika ezixekweni zabo kuba‐Levi.
9
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
10
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni niweleyo i‐Yoredane ukuya elizweni le‐Kanane;
11
niya kwandula nizidalele izixeko ezifanelekileyo, e ziya kuba zizixeko zesipepelo kuni, ukuba kusabele kona umbulali, lowo obuleleyo umntu ngesiposo.
12
Zoba zizixeko zesipepelo kuni ngenxa yompindezeli; ukuze umbulali angafi, engekemi ebusweni bentlanganiso ekugwebeni.
13
Nezixeko ezo eniya kuzinika, zizixeko zesipepelo ezitandatu niya kuba nazo.
14
Izixeko zitatu niya kuzinika nganeno kwe‐Yoredane, nezixeko zitatu niya kuzinika ezweni le‐Kanane, eziya kuba zizixeko zesipepelo.
15
Ezizixeko zitandatu zoba yindawo yokupepela, kwa kulo usapo luka‐Sirayeli, nakuye owasemzini nakuye oliṙanuka pakati kwalo; ukuze kusabele kona osukuba ebulele umntu ngesiposo.
16
Kodwa ukuba umbetile ngento yesincete, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali.
17
Nokuba umbetile ngokuposa ilitye, abengafayo ngalo, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali.
18
Nokuba umbetile ngempahla yomti epetwe ngesandla, abengafayo ngayo, wada wabuba, ungumbulali yena; uya kufiswa ngenyaniso lombulali.
19
Umpindezeli wegazi nguye oya kufisa umbulali: akufumanana naye, uya kumfisa.
20
Ukuba kanjalo umsunduzile ngotiyo, umhlaumbi umjulele ngabomi, wada wabuba;
21
umhlaumbi umbetile ngesandla ngobutshaba, wada wabuba; uya kufiswa ngenyaniso umbeti lowo; ungumbulali yena: umpindezeli wegazi uya kumfisa lombulali, akufumanana naye.
22
Kodwa ukuba umsunduzile ngebaqo kungeko butshaba, umhlaumbi umjulele ngenye impahla engenzi ngabomi,
23
umhlaumbi ngelinye ilitye, abengafayo ngalo, engambonanga, waliwisa pezu kwake, wada wabuba, engabanga lutshaba kuye, engafunanga ukwenzakala kwake kanjako;
24
yoti intlanganiso igwebe pakati kwombulali lowo nompindezeli wegazi, njengezigwebo ezi.
25
Yaye intlanganiso iya kuhlangula umbulali esandleni sompindezeli wegazi; kanjalo intlanganiso iya kumbuyisela esixekweni sesipepelo sake, apo abesabele kona; waeya kuhlala kuso kude kufe umperisite omkulu, lowo otanjisiweyo ngeoli eyingcwele.
26
Kodwa ukuba umbulali lowo woka apume ngapandle kwomda wesixeko sesipepelo sake, apo abesabele kona;
27
ati umpindezeli wegazi amfumane pandle kwomda wesixeko sesipepelo sake; ukuba umpindezeli wegazi uya kumbulala umbulali lowo, akuyi kubako kuye ityala legazi:
28
ngokuba ange ehleli esixekweni sesipepelo sake, kwada kwafa umperisite omkulu. Kodwa emveni kwokufa kwomperisite omkulu umbulali angabuyela elizweni lemfuyo yake.
29
Ezi zinto ke zoba ngummiselwa wesiko kuni, ngezizukulwana zenu, kuzo zonke intlalo zenu.
30
Osukuba ebulala umntu, umbulali lowo uya kufiswa ngomlomo wamanqi̔na; kodwa inqi̔na linye aliyi kunqi̔na ngasemntwini, ukuba afe ngalo.
31
Aniyi kwamkela isizi ngenxa yobomi bombulali, onetyala lokufa; koko aya kufiswa ngenyaniso.
32
Aniyi kwamkela isizi ngenxa yalowo wesabeleyo esixekweni sesipepelo sake, sokuba abuye ukuya kuhlala elizweni, engekafi umperisite omkulu.
33
Kwa njalo aniyi kudyoba ilizwe enikulo: ngokuba ligazi elidyoba ilizwe; kanjako akungexoliselwe ilizwe ngenxa yegazi elipaleleyo kulo, kupela ngegazi lalowo owalipalazayo.
34
Ize ninganco̔lisi ilizwe eniya kuma kulo, endiya kuhlala mna pakati kwalo: ngokuba mna Yehova ndihleli pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36