bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 11
Numbers 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 12 →
1
KWABEKUTE, bakugungqa abantu, kwakubi ezindlebeni zikayehova: ngokuba uyehova ebesiva, yada yavuta ingqumbo yake; waza umlilo kayehova watshisa pakati kwabo, wagqibela inxenye ezipelweni zomnquba.
2
Baza abantu bakala ku‐Mosesi; kwati kwakutandaza u‐Mosesi kuyehova, kwadamba umlilo.
3
Ngako wabiza londawo ngegama eliyi‐Tabera; ngokuba bekutshisa pakati kwabo umlilo kayehova.
4
Kanjalo abantu abadityanisiweyo abapakati kwabo babanjwa kukukanuka; lwada lwabuya lwalila nosapo luka‐Sirayeli, lwati: Ngubanina oya kusidlisa inyama?
5
Siyakumbula intlanzi esibe sizidla e‐Jipete ngesisa; ikomkomere, nevatala, nelike, neonyine, netswele:
6
kanti kaloku umpefumlo wetu utshile; akuko nanto, ngapandle kwemana le, emehlweni etu.
7
(Yaibe imana leyo injengembewu yekoriyande, nokubonakala kwayo kunjengokubonakala kwebedolaki.
8
Besukasuka abantu, bayibuta, bayisila ematyeni, umhlaumbi bayinqusha esinqushelweni, bayipeka embizeni, benza ngayo nezonkana: lati isongo layo lanjengesongo lesonkana esimnandi esenziwa ngeoli.
9
Kwati kwakuhla umbete pezu kwomnquba ebusuku, kwehla imana pezu kwawo.)
10
Waye u‐Mosesi weva abantu belila ngezizalwane zabo, beseminyango yentente zabo abanye ngabanye: yada ingqumbo kayehova yavuta kakulu: kwakubi nasemehlweni ka‐Mosesi.
11
Waza wati u‐Mosesi kuyehova: Kunganina ukuba wenzele isicaka sako ububi? kunganina nokuba ndingafumananga ufefe emehlweni ako, lento uwubeka umtwalo wababantu bonke pezu kwam?
12
Ndim na obakaulileyo bonke ababantu? ndim na nobazeleyo, ukuba uti kum: Batwale esifubeni sako, njengokuba umondli etwala umntwana owanyayo, uye kwelozwe ubufungela oyise babo ngalo?
13
Ndozuza pina inyama, yokuba ndipe bonke ababantu? ngokuba belila ngakum, besiti: Sipe inyama, ukuba sidle.
14
Ndikohliwe ndindedwa kukutwala bonke ababantu; ngokuba kundisinda oko.
15
Ukuba kungokunjalo undenzelayo, uke ugqibele ukundibulala, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako; ndize ndingaboni ububi bam.
16
Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Ndihlanganisele amadoda abe ngamashumi asixe̔nxe kubo abadala bo‐Sirayeli, lawo uwaziyo ukuba angabadala babantu, namagosa abo; uze uwazise ententeni yentlangano, eme kona ndawonye nawe.
17
Ndoka ndihle ke, nditete nawe apo; ndandiya kucapula kulomoya opezu kwako, ndibeke pezu kwawo; neya kutwalelana nawe ekutwaleni ababantu, uze wena ungabatwali wedwa.
18
Nasebantwini uya kuti: Zingewaliseleni imini yangomso, naniya kuyidla inyama: ngokuba nililile ezindlebeni zikayehova, nisiti: Ngubanina oya kusidlisa inyama? ngokuba bekumnandi kuti e‐Jipete. Ngako uyehova wonipa inyama, naniya kuyidla.
19
Asi nguwo umhla umnye uya kuyidla, asi yiyo nemihla mibini, asi yiyo nemihla mihlanu, asi yiyo nemihla ilishumi, asi yiyo nemihla imashumi mabini;
20
yinyanga ipela noyidla, ide ipume ezimpumlweni zenu, ibe butyeketyeke kuni; ngenxa yokuba nilahlile uyehova opakati kwenu, nalila ebusweni bake, nisiti: Kunganina lento sapumayo e‐Jipete?
21
Wayesiti u‐Mosesi: Ngamawaka angamakulu matandatu abahamba ngenyawo, ababantu endipakati kwabo; ute noko: Ndobapa inyama, badle inyanga ipela.
22
Igusha nenkomo ziya kubaxe̔lelwa na, ukuba kube kokubaneleyo? zonke intlanzi zolwandle ziya kubabutelwa kusinina, ukuba kube kokubaneleyo?
23
Koko wati uyehova ku‐Mosesi: Isandla sikayehova sifinyele na? uya kubona kaloku ukuba ilizwi lam liya kukuhlela, linga kuhleli kusinina.
24
Wapuma ke u‐Mosesi, wawateta ebantwini amazwi kayehova: wandula wahlanganisa amadoda amashumi asixe̔nxe kubo abadala babantu, wawamisa ngento engqongayo intente.
25
Waza wehla uyehova ngelifu, wateta kuye, wacapula kuiomoya opezu kwake, wabeka pezu kwawo amadoda asixe̔nxe, abadala abo: kwaza kwati, kwakupumla pezu kwabo umoya lowo, baprofitesha, bengapindanga kodwa.
26
Koko bekusala amadoda amabini emnqubeni, eliti igama lomnye lingu‐Eledadi, negama lomnye lingu‐Medadi; waye umoya lowo wapumla pezu kwabo, (ngokuba bona bebepakati kwababa̔lelweyo, kanti bebengapumanga ukuya ententeni,) baprofitesha emnqubeni.
27
Yasuka yagidima indodana, yaxela ku‐Mosesi, yati: u‐Eledadi no‐Medadi baprofitesha emnqubeni.
28
Waza wapendula u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, owamadodana ake, wati: Nkosi yam, Mosesi! baqokoqele.
29
Wati kuye u‐Mosesi: Unekwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakayehova babengabaprofite, ukuba uyehova abeke pezu kwabo umoya wake!
30
Waza u‐Mosesi wabutela emnqubeni, yena nabadala bo‐Sirayeli.
31
Kwandul’ ukunduluka umoya kuyehova, wadlulisa izagwityi zivela olwandle, waziwisa ngasemnqubeni, ngoku ngati yihambo yemini nye ngelicala, nangokungati vihambo yemini nye ngeliya, ezindaweni ezingqongayo umnquba; zaye zingati zizikubite mbini pezu kwobuso bomhlaba.
32
Besuka ke abantu yonke imini leyo, nabo bonke ubusuku, nayo yonke imini elandelayo, babuta izagwityi: owenza ngokuncinane wabuta zazilishumi ihomere: baye bezanekela ezindaweni ezingqongayo umnquba.
33
Nxa inyama leyo isepakati kwamazinyo abo, ingekahlafunwa, yavuta ingqumbo kayehova ngakubo abantu, waza uyehova wabeta abantu ngesibeto esikulu kakulu.
34
Ngako kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Kibrote‐hatava: ngokuba bekukona bancw̔abayo abantu ababekanukile.
35
Banduluka abantu e‐Kibrote‐hatava baya e‐Hatserote; baza bako e‐Hatserote.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36