bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 22
Numbers 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 23 →
1
LWAZA lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, lwaya lwati waca ematafeni ase‐Mowabi, nganeno kwe‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
2
Kekaloku u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, wabona konke abekwenzile u‐Sirayeli kuba‐Amori.
3
Wandula u‐Mowabi woyika kakulu abantu abo, ngokuba bebaninzi bona; waye u‐Mowabi enesitukutezi ngenxa yalo usapo luka‐Sarayeli.
4
Waza wati u‐Mowabi kubadala bama‐Midiyane: Kaloku lomhlambi uya kukotulula konke okusingqongayo, njengokuba inkabi ikotulula utyani basendle. Kekaloku u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ebengukumkani wama‐Mowabi ngeloxesha ke.
5
Wandula watuma izigidimi ukuya ku‐Bilame, unyana ka‐Behori, e‐Petore, engasemlanjeni, elizweni losapo lwabantu bakowabo, ukuba ambize, esiti: Bona ke, kuvelile abantu e‐Jipete; naba begubungele ubuso bomhlaba, behleli malungana nam.
6
Kauze ke ngoko, undiqalekisele ababantu, ngokuba bona bendigqitisile ngamandla; kungati ndingaba namandla okuba sibabete, ndize ndibagxote elizweni: ngokuba ndisazi ukuba lowo umtamsanqelisayo uya kutanyusanqeliswa, nokuba lowo umqalekisayo uya kuqalekiswa.
7
Baza besuka abadala bama‐Mowabi nabadala bama‐Midiyane, benemilandu yokulaula ezandleni zabo; bada bafika ku‐Bilame, bateta kuye amazwi ka‐Balaki.
8
Wayesiti kubo: Lalisani apa obubusuku, ndandiya kuzisa impendulo kuni, njengokuba uyehova eya kunditetela. Zaza inkosana zase‐Mowabi zahlala no‐Bilame.
9
Kekaloku weza utixo ku‐Bilame, wati: Ngawapina lamadoda akuwe?
10
Waza u‐Bilame wati kutixo: u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ukumkani wama‐Mowabi, uwatumile kum, esiti:
11
Bona ke, kuvelile abantu e‐Jipete, abagubungele ubuso bomhlaba: kauze ke, undiqalekisele bona; kungati ndingaba namandla okulwa ngakubo, ndize ndibagxote.
12
Waza utixo wati ku‐Bilame: Akuyi kuhamba nawo; akuyi kuqalekisa abobantu, ngokuba benetamsanqa bona.
13
Wesuka u‐Bilame kusasa, wati kwinkosana zika‐Balaki: Hambani niye elizweni lenu, ngokuba esala uyehova ukundivumela ukuba ndiye nani.
14
Zaza zesuka inkosana zase‐Mowabi, zaya ku‐Balaki, zati: Walile u‐Bilame ukuhamba nati.
15
Wapinda nakanjako u‐Balaki watuma inkosana, ezininzi nezibekekileyo pezu kwazo ezo;
16
ezezayo ku‐Bilame, zati kuye: Utsho u‐Balaki, unyana ka‐Tsipore, ukuti: Zungabanjezelwa nto ukuba ungezi kum.
17
Ngokuba ndiya kukubeka kakulu kunene, nako konke uya kundixelela kona ndiya kukwenza: uze ke ngoko, undiqalekisele abantu aba.
18
Wapendula u‐Bilame wati kwizicaka zika‐Balaki: Nakuba u‐Balaki abeya kundinika indlu yake izele yisilivere negolide, andingegqite elizwini likayehova, utixo wam, ukuba ndenze okuncinane umhlaumbi okukulu.
19
Ngako kaloku, kenihlale apa nani obubusuku, ukuze ndiyazi into aya kwongeza uyehova ukuyiteta kum.
20
Waye utixo esiza ku‐Bilame ebusuku, wati kuye: Ukuba amadoda lawo eze kukubiza, suka, uhambe nawo; kodwa noko, lonto endiya kuyiteta kuwe, yiyo uya kuyenza.
21
Waselesuka u‐Bilame kusasa, wabopa iqwaṙashekazi lake, wahamba nenkosana zase‐Mowabi.
22
Yaza yavuta ingqumbo katixo, ngokuba ehambile: yasuka ingelosi kayehova yazimisa endleleni ibe ngumalane kuye. Kekaloku yena ebekwele pezu kweqwaṙashekazi lake, nabafana bake ababini benaye.
23
Lati iqwaṙashekazi labona ingelosi kayehova imi endleleni, neṙele layo lir̔oliwe esandleni sayo; ngako iqwaṙashekazi lapambuka endleleni, laya ngasendle. Waza u‐Bilame wabeta iqwaṙashekazi, ukuba alisonge liye endleleni.
24
Koko ingelosi kayehova ibimi endleleni yasezitiyeni zemiti yeveyine, udonga lungelicala, nodonga lungelocala.
25
Lati iqwaṙashekazi, lakubona ingelosi kayehova, lazincinezela ngaseludongeni, laluncinezela unyawo luka‐Bilame ngaseludongeni kanjalo; ngako wapinda walibeta.
26
Yaza ingelosi kayehova yabuya yagqita, yema endaweni exineneyo, apo ibingeko ndlela yokujika nangasekunene nangasekohlo.
27
Lati iqwaṙashekazi, lakubona ingelosi kayehova, lati butu ngapantsi kwo‐Bilame; yaza yavuta ingqumbo ka‐Bilame, wada walibeta iqwaṙashekazi ngenduku.
28
Wandula uyehova wawuvula umlomo weqwaṙashekazi, elati ku‐Bilame: Ndenze nto nina kuwe, ukuba undibetile lamaxesha omatatu?
29
Wayesiti u‐Bilame kwiqwaṙashekazi: Ngokokuba udlale ngam; akwaba bendineṙele esandleni sam! ngokuba kaloku ndinge ndikubulala.
30
Lati iqwaṙashekazi ku‐Bilame: Andililo iqwaṙashekazi lako na, okweleyo pezu kwalo kuseloko ubuko kwada kwanamhla nje? ndike ndaqela ukwenje njalo na kuwe? Wayesiti: Hai.
31
Waza uyehova watyila amehlo ka‐Bilame, wada wayibona ingelosi kayehova imi endleleni, neṙele layo lir̔oliwe esandleni sayo; wandula watoba ngapantsi, waqubuda ngobuso bake.
32
Yati kuye ingelosi kayehova: Yinina ukuba ulibetile iqwaṙashekazi lako lamaxesha omatatu? bona ke, ndipumile ndibe ngumalane, ngokuba igwenxekile indlela yako pambi kwam.
33
Kodwa iqwaṙashekazi lindibonile, lapambuka ebusweni bam lamaxesha omatatu; ukuba belingapambukanga kum, okunene kaloku ngendibe ndibulele wena, ndalondoloza lona lihleli.
34
Waza u‐Bilame wati kuyo ingelosi kayehova: Ndonile, ngokuba bendingakwazi ukuba uzimisile ngakum endleleni; ngako kaloku, ukuba kubi emehlweni ako, sendiya kubuya.
35
Koko ingelosi kayehova yati ku‐Bilame: Hamba nawo amadoda la; kodwa elozwi ndiya kuliteta kuwe, elona uya kuliteta kupela. Waza u‐Bilame wahamba nenkosana zika‐Balaki.
36
Kekaloku u‐Balaki akuva ukuba uyeza u‐Bilame, wandula wapuma ukuya kumkaulela esixekweni sase‐Mowabi, esisemdeni wase‐Arenone, esemdeni wokugqibela.
37
Waye u‐Balaki wati ku‐Bilame: Bendingatumi kuwe ngokunxama na, ukuba ndikubize? kunganina ukuba ubungezi kum? andingekubeke ngenyaniso na?
38
Wati u‐Bilame ku‐Balaki: Bona ke, ndize kuwe nje, ndingaka ndibe namandla okuteta into na? ilizwi alibekayo uyehova emlonyeni wam, lelo ndiya kuliteta.
39
Wasuka u‐Bilame waya no‐Balaki; bada bafika e‐Kiriyate‐hutsote.
40
Waza u‐Balaki wabinga inkabi negusha, waseletuma ku‐Bilame, nakwinkosana ezinaye.
41
Kwaye kute kwakusa, u‐Balaki wamtabata u‐Bilame, wamnyusela ezindaweni ezipakamileyo zika‐Bali, ukuba ekona agqibele ukukangela abantu.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36