bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 14
Numbers 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 15 →
1
Yasuka yakala yonke intlanganiso, yakupa ilizwi labo; bati abantu balila ngobusuku obo.
2
Lwaza lwonke usapo luka‐Sirayeli lwaṙoṙa ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone; kanjalo yonke intlanganiso yati kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete! umhlaumbi akwaba sabesifele kulentlango!
3
Kunganina ke ukuba uyehova usizisile kwelilizwe, size siwe ngesiṙele, bati abafazi betu, nentsapo zetu, babe lixoba? Kanene akungesilungele ukubuyela e‐Jipete na?
4
Baza bati omnye kwomnye: Masidale intloko, sibuyele e‐Jipete.
5
Bandul’ ukuwa u‐Mosesi no‐Arone ngobuso babo, pambi kwawo wonke umhlambi wentlanganiso yosapo luka‐Sirayeli.
6
Bati no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, no‐Kalebi unyana ka‐Jefune, bengabakubo ababepandile ilizwe, baṙazula izivato zabo;
7
bateta kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, besiti: Elozwe, esibe sicanda kulo silipande, lilizwe elilungileyo kakulu kunene.
8
Ukuba uyehova uyasitanda, uya kwandula asizise kwelolizwe, alinike kuti; ilizwe elela ubisi nobusi.
9
Zeniti kodwa ningamvukeli uyehova, nabantu belozwe ningaboyiki; ngokuba besisonka setu; kumkile kubo umtunzi wabo, uyehova unati; ningaboyiki.
10
Yati kodwa yonke intlanganiso: Mabagityiselwe ngamatye. Kwandul’ ukubonakala ubungcwalisa bukayehova ententeni yentlangano, pambi kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli.
11
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Kude kube ninina ababantu bondidela? nakude kube ninina bangakolwa ndim, ngenxa yayo yonke imiqondiso endiyenzileyo pakati kwabo?
12
Ndiya kubabeta ngesifo esibubisayo, ndibagqogqe nokubagqogqa; ndandiya kukwenza wena ube luhlanga olukulu nolunamandla pezu kwabo.
13
Kuloko u‐Mosesi wati kuyehova: Kwohla kuvakale kuma‐Jipete, (ngokuba ubanyusile ngamandla ako ababantu kwa pakati kwawo,)
14
ati wona axele kubo abemi belilizwe, a bavile ukuba wena, Yehova! upakati kwabo ababantu, ukuba wena, Yehova! uyabonwa iliso kwiliso, nokuba ilifu lako limi pezu kwabo, nokuba uyandulela kubo ngentsika yelifu emini, nangentsika yomlilo ebusuku.
15
Nxa uya kububisa ababantu njengomntu mnye, ziya kwandula ukutsho intlanga ezivileyo udumo lwako, zisiti:
16
Ngenxa yokuba ebekohlwa uyehova kukuzisa ababantu kwelozwe wabefunga ngalo kubo, kukona ababulele entlango.
17
Kaloku maaze amandla enkosi abe makulu, njengokuba ubuteta ngokuti:
18
Uyehova uqumba kade, emkulu ngobubele, exolela inkohlakalo nesigqito, engake agwebele onetyala, esohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana.
19
Uze uke uxolele inkohlakalo yababantu, njengobukulu bobubele bako, nanjengokuba ubaxolele ababantu kwa se‐Jipete kwada kwalapa.
20
Waza wati uyehova: Ndibaxolele njengelizwi lako.
21
Kodwa noko, ndihleli nje mna, kwozaliswa bubungcwalisa bukayehova umhlaba wonke.
22
Ngokuba onke lomadoda abonileyo ubungcwalisa bam, nemiqondiso yam, endibe ndiyenza e‐Jipete nasentlango apa, endilingile elishumi lamaxesha, engapulapulanga ilizwi lam;
23
ngenyaniso akasayi kubona elozwe ndibafungele oyise bawo ngalo; kanjako bonke abandidelileyo abasayi kulibona.
24
Kanti isicaka sam u‐Kalebi, ngokuba ebenomoya wumbi kuye, wakolisa ukundilandela, yena ndiya kumzisa kwelozwe apo wabesiya kona; kanjalo inzalo yake yolifuya.
25
Kodwa ama‐Amaleki naba‐Kanane bahleli emhlanjeni; jikani ngomso, nihambele ngasentlango, ngendlela yaselwandle olubomvu.
26
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti:
27
Kwoda kube ninina endiya kunyamezela lentlanganiso ekohlakeleyo, eṙoṙayo ngakum? Ukuṙoṙa kwosapo luka‐Sirayeli olundiṙoṙelayo ngako ndikuvile.
28
Yiti kulo: Ndihleli nje, utsho uyehova, njengokuba nitetile ezindlebeni zam, ndiya kwenje njalo kuni.
29
Kwa kulentlango ziya kuwa izidumbu zenu; nabo bonke ababalweyo benu, ngalo lonke inani lenu, bengabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, abaṙoṙileyo ngakum, —
30
nina okunene aniyi kungena kwelozwe, endandipakamisa isandla sam sokuba ndonihlalisa kulo, kupela ngu‐Kalebi unyana ka‐Jefune, no‐Yoshuwa unyana ka‐Nune.
31
Kanti intsapo zenu, enibe nisiti zoba lixoba, zona ndiya kuzingenisa, zize zilazi ilizwe elilahliweyo nini.
32
Kodwa nina, izidumbu zenu ziya kuwa kulentlango.
33
Nabantwana benu bona bodungudela entlango le iminyaka imashumi mane, batwale imibulo yenu, kude kugqityelwe izidumbu zenu entlango apa.
34
Njengenani lemihla enanipanda ilizwe ngalo, imihla emashumi mane, umhla mnye usendaweni yomnyaka mnye, niya kutwala inkohlakalo zenu, kwa iminyaka emashumi mane; naniya kukwazi ukwahlukana kwam.
35
Mna Yehova nditetile; ngenyaniso lento ndiya kuyenza kuyo yonke lentlanganiso ekohlakeleyo, abazihlanganisele ngakum: kulentlango baya kugqibeka, nakona apo baya kububa.
36
Kekaloku amadoda abewasusile u‐Mosesi ukuya kupanda ilizwe, aza abuya, aṙoṙisa ngakuye yonke intlanganiso, ngokuvelisa intlebo pezu kwelozwe,
37
kwa lamadoda abevela nentlebo embi ngelolizwe, abuba ngesibulalo ebusweni bukayehova.
38
Kodwa u‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, no‐Kalebi unyana ka‐Jefune, bona babesahleli kuwo amadoda lawo abeyile ukupanda ilizwe.
39
Waye u‐Mosesi wateta lamazwi kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: bati abantu balila kakulu.
40
Baza bavuka kusasa, benyukela engcopo yentaba, besiti: Nanku silapa nje, sasiya kunyuka siye kulondawo atetileyo uyehova ngayo; ngokuba sonile.
41
Koko u‐Mosesi wati: Kunganina lento niya kugqita ilizwi likayehova? ngokuba oko kungayi kutamsanqeleka.
42
Maningenyuki, ngokuba uyehova engeko pakati kwenu; ukuze ningoyiswa pambi kwentshaba zenu.
43
Ngokuba ama‐Amaleki naba‐Kanane sebekona pambi kwenu, naniya kuwa ngesiṙele: ngenxa yokuba nipambukile kuyehova, kukona uyehova angayi kubako nani.
44
Balinga nger̔atshi noko ukunyukela engcopo yentaba; kodwa ityeya yocebano lukayehova ayisukanga pakati kwomnquba, no‐Mosesi kanjalo.
45
Kwaza kwehla ke ama‐Amaleki naba‐Kanane abebehlala kulontaba, bababeta, babacita, kwada kwase‐Horema.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36