bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 33
Numbers 33
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 34 →
1
EZI zizimfuduko zosapo luka‐Sirayeli, olube lupuma ezweni le‐Jipete, ngemikosi yalo, ngapantsi kwesandla sika‐Mosesi no‐Arone.
2
Waye u‐Mosesi waba̔la izipumo zalo, ngemfuduko zalo, ngelizwi likayehova: zezi ke imfuduko zalo, ngezipumo zalo.
3
Lwaye lunduluka e‐Ramesese ngenyanga yokuqala, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yokuqala; ngomso emva kwepasika lwapuma usapo luka‐Sirayeli ngesandla esipakamileyo, pambi kwamehlo awo onke ama‐Jipete:
4
nxa ama‐Jipete ebencw̔aba abo abebabetile uyehova pakati kwawo, bonke abangamazibulo: napezu kwotixo bawo wabeyenzile uyehova imigwebo.
5
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Ramesese, lwaya lwati waca e‐Sukote.
6
Lwaza lwanduluka e‐Sukote, lwaya lwati waca e‐Etame, esesipelweni sentlango.
7
Lwaza lwanduluka e‐Etame, lwajikela e‐Pihahirote, epambi kwe‐Bali‐tsefone, lwaya lwati waca pambi kwe‐Migidole.
8
Lwaza lwanduluka pambi kwe‐Pihahirote, lwawela pakati kwolwandle ukuya entlango, lwahamba ihambo yentsuku ntatu entlango ye‐Etame, lwaya lwati waca e‐Mara.
9
Lwaza lwanduluka e‐Mara, lwafika e‐Elime: kekaloku kwakuko e‐Elime imitombo yamanzi ilishumi linamibini, nemiti yepalime imashumi asixe̔nxe; lwati waca apo ke.
10
Lwaza lwanduluka e‐Elime, lwaya lwati waca ngaselwandle olubomvu.
11
Lwaza lwanduluka elwandle olubomvu, lwaya lwati waca entlango ye‐Sine.
12
Lwaza lwanduluka entlango ye‐Sine, lwaya lwati waca e‐Dofeka.
13
Lwaza lwanduluka e‐Dofeka, lwaya lwati waca e‐Alushe.
14
Lwaza lwanduluka e‐Alushe, lwaya lwati waca e‐Refidime; ekwaye kungeko amanzi kona okuba abantu basele.
15
Lwaza lwanduluka e‐Refidime, lwaya lwati waca entlango ye‐Sinai.
16
Lwaza lwanduluka entlango ye‐Sinai, lwaya lwati waca e‐Kibrote‐hatava.
17
Lwaza lwanduluka e‐Kibrote‐hatava, lwati waca e‐Hatserote.
18
Lwaza lwanduluka e‐Hatserote, lwaya lwati waca e‐Ritema.
19
Lwaza lwanduluka e‐Ritema, lwaya lwati waca e‐Rimone‐paretse.
20
Lwaza lwanduluka e‐Rimone‐paretse, lwaya lwati waca e‐Libena.
21
Lwaza lwanduluka e‐Libena, lwaya lwati waca e‐Resa.
22
Lwaza lwanduluka e‐Resa, lwaya lwati waca e‐Kehelata.
23
Lwaza lwanduluka e‐Kehelata, lwaya lwati waca entabeni ye‐Shafere.
24
Lwaza lwanduluka entabeni ye‐Shafere, lwaya lwati waca e‐Harada.
25
Lwaza lwanduluka e‐Harada, lwaya lwati waca e‐Makelote.
26
Lwaza lwanduluka e‐Makelote, lwaya lwati waca e‐Tahate.
27
Lwaza lwanduluka e‐Tahate, lwaya lwati waca e‐Tara.
28
Lwaza lwanduluka e‐Tara, lwaya lwati waca e‐Miteka.
29
Lwaza lwanduluka e‐Miteka, lwaya lwati waca e‐Hashemona.
30
Lwaza lwanduluka e‐Hashemona, lwaya lwati waca e‐Moserote.
31
Lwaza lwanduluka e‐Moserote, lwaya lwati waca e‐Bene‐yahakane.
32
Lwaza lwanduluka e‐Bene‐yahakane, lwaya lwati waca e‐Hori‐gidegadi.
33
Lwaza lwanduluka e‐Hori‐gidegadi, lwaya lwati waca e‐Yotebata.
34
Lwaza lwanduluka e‐Yotebata, lwaya lwati waca e‐Habrona.
35
Lwaza lwanduluka e‐Habrona, lwaya lwati waca e‐Hetsiyone‐gebere.
36
Lwaza lwanduluka e‐Hetsiyone‐gebere, lwaya lwati waca entlango ye‐Tsine, eyeyase‐Kadeshe.
37
Lwaza lwanduluka e‐Kadeshe, lwaya lwati waca entabeni ye‐Hore, ngasesipelweni selizwe le‐Edome.
38
Wandula u‐Arone umperisite wenyukela entabeni ye‐Hore, ngelizwi likayehova, wabuba kona, ngomnyaka wamashumi mane emveni kwokupuma kwosapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jepete, ngenyanga yesihlanu, ngowokuqala umhla wenyanga.
39
Waye u‐Arone eyiminyaka ilikulu linamashumi mabini anamitatu ubudala bake, akububa entabeni ye‐Hore.
40
Kwaye kuvakala kum‐Kanane, kukumkani we‐Haradi, obehlala esuyide, ezweni le‐Kanane, ngokuza kwosapo luka‐Sirayeli.
41
Lwaza lwanduluka entabeni ye‐Hore, lwaya lwati waca e‐Tsalimona.
42
Lwaza lwanduluka e‐Tsalimona, lwaya lwati waca e‐Fumone.
43
Lwaza lwanduluka e‐Fumone, lwaya lwati waca e‐Obote.
44
Lwaza lwanduluka e‐Obote, lwaya lwati waca e‐Hiyi‐habarime, emdeni wase‐Mowabi.
45
Lwaza lwanduluka e‐Hiyi— habarime, lwaya lwati waca e‐Dibone‐gadi.
46
Lwaza lwanduluka e‐Dibone‐gadi, lwaya lwati waca e‐Halimone‐dibelatayime.
47
Lwaza lwanduluka e‐Halimone‐dibelatayime, lwaya lwati waca ezintabeni ze‐Habarime, pambi kwe‐Nebo.
48
Lwaza lwanduluka ezintabeni ze‐Habarime, lwaya lwati waca ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
49
Lwati waca ngase‐Yoredane apo, kwa se‐Bete‐yeshimote kwada kwase‐Abele‐shitime, ematafeni ase‐Mowabi.
50
WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, esiti:
51
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni niweleyo i‐Yoredane ukuya ezweni le‐Kanane,
52
niya kwandula nigqogqe bonke abemi belizwe pambi kwenu, nitshabalalise yonke imifanekiso yabo eba̔liweyo; kanjalo zonke izifanekiso zabo ezityityishiweyo nozitshabalalisa, nazo zonke indawo zabo ezipakamileyo nozicitakalisa:
53
naniya kubamba ilizwe, nize nihlale kulo: ngokuba ndinipile elozwe ukuba nilifuye.
54
Naniya kwamkela ilizwe libe lilifa ngeqashiso, ngezizalwane zenu: abo baninzi niya kubandisela ilifa labo, nabo bancinane niya kubancipisela ilifa labo; indawo apo kubapumela kona iqashiso, yoba yeyabo abanye ngabanye; ngezizwe zoyihlo benu niya kulamkela ilifa.
55
Kanti ukuba aniyi kubagqogqa abemi belizwe pambi kwenu, kuya kwandula ukuti, abo nibasalisa kubo boba ngameva emehlweni enu, nezihlaba emacaleni enu; babeya kunipata ngobutshaba pezu kwomhlaba enihlala kuwo.
56
Kwoti kanjako, njengokuba bendicinga ukwenza kubo, ndiya kwenza kuni.
← Chapter 32
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 34 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36