bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 28
Numbers 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 29 →
1
WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Yalela usapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Umnikelo wam, ukutya kwam kweminikelo eyenziwa ngomlilo, ivumba elimnandi lam, niya kulumka ukuba niwunikele kum ngexesha lawo elimiselweyo.
3
Wauya kuti kulo: Nguwo lo umnikelo owenziwa ngomlilo eniya kuwunikela kuyehova: zimbini imvana zomnyaka mnye ezimsulwa imini ngemini, libe lidini lokutshiswa elifuti.
4
Enye imvana uya kuyinikela kwakusa, neyesibini imvana uya kuyinikela pakati kwokuhlwa;
5
kwa neseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli enqushelweyo esesesine isiqingata sehine:
6
lidini lokutshiswa elifuti, elibe lidalelwa entabeni ye‐Sinai libe livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
7
Nomnikelo wokusela wawo wona woba sesesine isiqingata sehine kwenye imvana: kweyingcwele indawo uya kutululela umnikelo woselo olunamandla kuyehova.
8
Neyesibini imvana woyinikela pakati kwokuhlwa: njengomnikelo wokudla wokusa, nanjengomnikelo wokusela wawo, uya kunikela yona, ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
9
Nangemini yesabata niya kunikela zibe mbini imvana zomnyaka mnye ezimsulwa, nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, nomnikelo wokusela wawo:
10
lidini lokutshiswa lesabata ngesabata eli, ngapezu kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokusela walo.
11
Nasekutwaseni kwenyanga zenu niya kunikela idini lokutshiswa kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, n emvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe, ezimsulwa;
12
nezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwinkunzana inye; nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwinkunzi yegusha inye;
13
neseshumi isiqingata seyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, kwimvana ngemvana: lidini lokutshiswa libe livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
14
Neminikelo yokusela yazo yoba sisiqingata sehine yeveyine kuyo inkunzana, nesesitatu isiqingata sehine kuyo inkunzi yegusha, nesesine isiqingata sehine kuyo imvana: leli idini lokutshiswa lenyanga ngenyanga pakati kwazo inyanga zomnyaka.
15
Kanjako itakane lebokwe linye, libe lidini lesono kuyehova, ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, lonikelwa, kwa nomnikelo wokusela walo.
16
Nangenyanga yokuqala, ngoweshumi linesine umhla wenyanga, yipasika kuyehova.
17
Nangoweshumi linesihlanu umhla wenyanga leyo, ngumtendeleko: yimihla esixe̔nxe izonka ezingenagwele ziya kutyiwa.
18
Ngomhla wokuqala kwoba yintlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo:
19
koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo, libe lidini lokutshiswa, kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, nemvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe: zezimsulwa eniya kuba nazo:
20
nomnikelo wokudla wazo wona woba ngowomgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: zezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzana, nezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzi yegusha, eniya kuzinikela;
21
n eseshumi isiqingata seyefa wosinikela sibe kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye:
22
nebokwe ibe nye, ibe lidini lesono, nize nenzelwe uxoliso.
23
Ezizinto niya kuzinikela ngapandle kwedini lokutshiswa lokusa, elileledini lokutshiswa elifuti.
24
Kungokunjalo niya kunikela ngemini ngemini, imihla yosixe̔nxe, ukutya kwomnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa wonikelwa wona, kwa nomnikelo wokusela wawo.
25
Nangomhla wesixe̔nxe noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo.
26
Kanjalo ngomhla welibo, nxa nisondezayo umnikelo wokudla omtsha kuyehova, emva kweveki zenu, noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo:
27
koko niya kunikela idini lokutshiswa libe livumba elimnandi kuyehova: inkunzana zenkomo zibe mbini, nenkunzi yegusha ibe nye, n emvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe:
28
nomnikelo wokudla wazo womgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: ezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzana inye, ezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzi yegusha inye;
29
n eseshumi isiqingata seyefa kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye:
30
n etakane lobokwe libe linye, nize nenzelwe uxoliso.
31
Ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, niya kuzinikela, (zezimsulwa eniya kuba nazo,) kwa neminikelo yokusela yazo.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36