bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 27
Numbers 27
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 28 →
1
KWANDULA kwasondela intombi zika‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, kuzo izizalwane zika‐Manase, unyana ka‐Josefe: namagama entombi zake ngawo la: ngu‐Mahala, n o‐Noha, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Tiretsa.
2
Zaza zema ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bazo inkosi nayo yonke intlanganiso, ngasemnyango wentente yentlangano, zisiti:
3
Ubawo wafela entlango, waye yena engeko pakati kwembuto yabo ababezihlanganisela ngakuye uyehova embutweni ka‐Kora; kodwa wafa ngesake isono, engabanga nabo onyana ke.
4
Kunganina ukuba kususwe igama lobawo pakati kwesizalwane sake, ngokuba kungeko kuye unyana? Sinike imfuyo pakati kwabazalwana bobawo wetu.
5
Waye u‐Mosesi wasondeza ityala lazo pambi kwoyehova.
6
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
7
Intombi zika‐Tselofehadi zilungisile ukuteta: uya kuzinika ngenyaniso imfuyo yelifa pakati kwabazalwana boyise wazo; wanya kwenza ilifa loyise lidlulele kuzo.
8
Nakulo usapo luka‐Sirayeli uya kuteta, usiti: Nxa kufayo umntu, engenaye unyana, niya kulenza ilifa lake lidlulele kwintombi yake.
9
Naxeshekweni angenayo intombi, niya kunika ilifa lake kubaninawe bake.
10
Kodwa ukuba akanabo abaninawe, niya kunika ilifa lake kubaninawe boyise.
11
Ukuba kanjalo uyise akanabaninawe, niya kunika ilifa lake kumlamane wake okufupi kuye pakati kwesizalwane sake, oya kudla lona. Oku kwoba ngummiselwa wesiko elusatsheni luka‐Sirayeli, njengokuba uyehova ebemyalela u‐Mosesi.
12
WANDULA wati uyehova ku‐Mosesi: Nyukela kulentaba ye‐Habarime, uze ubone elozwe ndilinikileyo elusatsheni luka‐Sirayeli.
13
Nxa ulibonileyo, uya kwandula ubutelwe ebantwini bako nawe, njengokuba ebebutelwa u‐Arone umkuluwe wako:
14
ngokokuba nibe nivukela ilizwi lam entlango ye‐Tsine, ekupikeni kwentlanganiso, ukundingcwalisa ngasemanzini pambi kwamehlo abo. Lawo ngamanzi e‐Meriba yase‐Kadeshe entlango ye‐Tsine.
15
Waza u‐Mosesi wateta kuyehova, esiti:
16
Makati uyehova, utixo wemimoya yoluntu lwonke, ongamise indoda pezu kwalentlanganiso,
17
eya kupuma pambi kwabo, neya kungena pambi kwabo, eya kubapumisa kanjalo, neya kubangenisa; ukuze intlanganiso kayehova ingabi njengegusha ezingenamalusi.
18
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Tabatela kuwe u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, indoda ekukuyo umoya, ulalise isandla sako pezu kwake;
19
uze ummise ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bayo yonke intlanganiso: umyalezele kwa semehlweni abo.
20
Wauya kubeka kubungangamsha bako pezu kwake, ukuze beve ke, kwa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli.
21
Waeya kuma pambi kwo‐Elezari umperisite, oya kumbuzela ngokugweba kwe‐Urime ebusweni bukayehova: ngelizwi lake baya kupuma, nangelizwi lake baya kungena, yena, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli kunye naye, kwa yonke intlanganiso.
22
Wenza u‐Mosesi njengokuba uyehova ebemyalele: wayetabata u‐Yoshuwa, wammisa ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni bayo yonke intlanganiso;
23
waza walalisa izandla zake pezu kwake, wamyalezela; njengokuba uyehova ebetetile ngesandla sika‐Mosesi.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36