bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 24
Numbers 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
1
Kekaloku u‐Bilame, akubona ukuba kulungile emehlweni kayehova ukutamsanqela u‐Sirayeli, wabengayi njengakuwo amanye amaxesha ukufuna ngezinto zokunyanga, koko wabekisa ngasentlango ubuso bake.
2
Waye u‐Bilame epakamisa amehlo ake, wabona o‐Sirayeli bemi ngezizwe zabo; wandul’ ukumhlela umoya katixo.
3
Waza wapimisela umzekeliso wake, wati: Utsho u‐Bilame, unyana ka‐Behori; itsho indoda egatyuliwe amehlo;
4
utsho lowo ovileyo amazwi katixo, owabona umboniso wosomandla, esiwa pantsi, kanti etyiliwe amehlo, ukuti:
5
Hai ukuba ntle kwazo intente zako, Yakobi! n entlalo zako, Sirayeli!
6
Njengentili zitwabulukile, njengezitiya ngasemlanjeni, njengemiti emnandi ayityalileyo uyehova, njengemiti yesedare ngasemanzini.
7
Kuya kwela amanzi emipandeni yake, nembewu yake yoba ngasemanzini amaninzi; ukumkani wake woba mkulu pezu kwo‐Hagagi, nobukumkani bake buya kupakanyiswa.
8
Utixo wampumisa e‐Jipete; unamendu njengawenyati; uya kuzidla intlanga, intshaba zake, awanqabe amatambo azo, azityumze ngentolo zake.
9
Watoba, wati butu njengengonyama, nanjengengonyamakazi; ngubanina oya kumvusa? okutamsanqelisayo uya kutanyusanqelwa, nokuqalekisayo uya kuqalekiswa.
10
Yandula yavuta ingqumbo ka‐Balaki ngakuye u‐Bilame, wenza intlombe ngezandla; waye u‐Balaki esiti ku‐Bilame: Bendikubiza ukuba uziqalekise intshaba zam, kanti, bona ke, ugqibele ukuzitamsanqelisa lamaxesha omatatu.
11
Ngako kaloku, sabela endaweni yako: bendite ndiya kukwenzela imbeko enkulu; kodwa, bona ke, uyehova ukunqandile embekweni.
12
Waza u‐Bilame wati ku‐Balaki: Bendingateti na nakuzo izigidimi zako, owabuzituma ukuza kum, ndisiti:
13
Nakuba u‐Balaki abeya kundinika indlu yake izele yisilivere negolide, andingegqite elizwini likayehova, ukuba ndenze okulungileyo umhlaumbi okukohlakeleyo ngokweyam intliziyo; oko aya kukuteta uyehova, ndiya kuteta kwa kona?
14
Nakaloku, bona ke, ndiya ebantwini bam: yiza, ndokushumayeza oko abantu aba baya kukwenza kubantu bako emihleni yasemva.
15
Waza wapimisela umzekeliso wake, wati: Utsho u‐Bilame, unyana ka‐Behori; itsho indoda egatyuliwe amehlo;
16
utsho lowo ovileyo amazwi katixo, owaziyo ukwaziwa kwopezu konke; owabona umboniso wosomandla, esiwa pantsi, kanti etyiliwe amehlo, ukuti:
17
Ndiya kumbona, kungengoku kodwa; ndiya kumkangela, kungekufupi kodwa: kuya kuvela inkwenkwezi kwa‐Yakobi, kwovuka intonga kwa‐Sirayeli; eya kuwatyumza amacala omabini ase‐Mowabi, ilucite lwonke usapo lwembutumbutu.
18
Kanjalo u‐Edome woba yimfuyo; u‐Sehire naye woba yimfuyo yentshaba zake; kanti u‐Sirayeli uya kwenza ngobuṙoti.
19
Waeya kuba nobukosi ovela kwa‐Yakobi, atshabalalise abaseleyo esixekweni.
20
Nxa abebona u‐Amaleki, wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Usisiqalo sentlanga u‐Amaleki, kodwa ukupela kwake woda atshabalale.
21
Nxa abebona ama‐Keni, wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Intlalo yako inqabile, nendlu yako uyibekile eweni.
22
Noko ke um‐Keni uya kucitakaliswa, ade u‐Ashure akutimbe.
23
Walekela wapimisela umzekeliso wake, wati: Au! ngubanina oya kubudla ubomi, nxa utixo aya kukwenza oku!
24
Inqanawa zovela ecaleni lama‐Kiti, zibandezele u‐Ashure, zibandezele no‐Hebere; naye yena woda atshabalale.
25
Waza wesuka u‐Bilame, waya wabuyela endaweni yake; wemka no‐Balaki ngendlela yake.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36