bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 26
Numbers 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
1
KWAYE kute emveni kwesibulalo eso, watsho uyehova ku‐Mosesi, naku‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, esiti:
2
Tabatani inani layo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, elabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, ngendlu zoyise zabo, bonke abapumayo nomkosi kwa‐Sirayeli.
3
Baza u‐Mosesi no‐Elezari umperisite bateta nabo ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, besiti:
4
Tabatani inani labaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo; njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi, nosapo luka‐Sirayeli olwapumayo ezweni le‐Jipete.
5
U‐Rubene, owamazibulo ka‐Sirayeli: onyana baka‐Rubene: k u‐Hanoki kwavela isizalwane sama‐Hanoki; ku‐Palu, isizalwane sama‐Palu;
6
ku‐Hetserone, isizalwane sama‐Hetserone; ku‐Kami, isizalwane sama‐Kami.
7
Zezi izizalwane zama‐Rubene: nabalweyo awo ebengamawaka angamashumi mane enamatatu, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matatu.
8
Nonyana baka‐Palu; ngu‐Eliyabe.
9
Nonyana baka‐Eliyabe; ngu‐Nemuweli, no‐Datane, no‐Abirame, Ngulo‐Datane no‐Abirame, abadumileyo entlanganisweni, abebepika no‐Mosesi no‐Arone embutweni ka‐Kora, bakupika noyehova;
10
wada umhlaba wavula umlomo wawo, wabaginya bona no‐Kora, kwakububa imbuto leyo, okuya umlilo wadlayo amadoda angamakulu mabini anamashumi mahlanu, aza aba ngumqondiso.
11
Kodwa onyana baka‐Kora bebengafi bona.
12
Onyana baka‐Simone, ngezizalwane zabo: ku‐Nemuweli kwavela isizalwane sama‐Nemuweli; ku‐Yamine, isizalwane sama‐Yamine; ku‐Yakine, isizalwane sama‐Yakine;
13
ku‐Zera, isizalwane sama‐Zera; ku‐Saule, isizalwane sama‐Saule.
14
Zezi izizalwane zama‐Simone: engamawaka angamashumi mabini enamabini, anamakulu mabini.
15
Onyana baka‐Gadi, ngezizalwane zabo: ku‐Tsefone kwavela isizalwane sama‐Tsefone; ku‐Hagi, isizalwane sama‐Hagi; ku‐Shuni, isizalwane sama‐Shuni;
16
ku‐Ozeni, isizalwane sama‐Ozeni; ku‐Heri, isizalwane sama‐Heri;
17
ku‐Arodi, isizalwane sama‐Arodi; ku‐Areli, isizalwane sama‐Areli.
18
Zezi izizalwane zama‐Gadi, ngabalweyo awo: engamawaka angamashumi mane, anamakulu mahlanu.
19
Onyana baka‐Juda bebengu‐Here no‐Onane; kodwa babuba u‐Here no‐Onane elizweni le‐Kauane.
20
Baye onyana baka‐Juda ngezizalwane zabo be ngaba: ku‐Shela kwavela isizalwane sama‐Shela; ku‐Faretse, isizalwane sama‐Faretse; ku‐Zera, isizalwane sama‐Zera.
21
Nonyana baka‐Faretse bebe ngaba: ku‐Hetserone kwavela isizalwane sama‐Hetserone; ku‐Hamule, isizalwane sama‐Hamule.
22
Zezi izizalwane zika‐Juda, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi asixe̔nxe enamatandatu, anamakulu mahlanu.
23
Onyana baka‐Yisakare, ngezizalwane zabo: k u‐Tola kwavela isizalwane sama‐Tola: ku‐Puwa, isizalwane sama‐Puwa:
24
ku‐Yashube, isizalwane sama‐Yashube; ku‐Shimrone, isizalwane sama‐Shimrone.
25
Zezi izizalwane zika‐Yisakare, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi matandatu enamane, anamakulu matatu.
26
Onyana baka‐Zebulone, ngezizalwane zabo: ku‐Serede kwavela isizalwane sama‐Serede; ku‐Eloni, isizalwane sama‐Eloni; ku‐Yaheleli, isizalwane sama‐Yaheleli.
27
Zezi izizalwane zama‐Zebulone, ngabalweyo awo: engamawaka angamashumi matandatu, anamakulu mahlanu.
28
Onyana baka‐Josefe, ngezizalwane zabo, bebengu‐Manase no‐Frayime.
29
Onyana baka‐Manase: ku‐Makire kwavela isizalwane sama‐Makire: wati u‐Makire wazala u‐Gileyadi: ku‐Gileyadi kwavela isizalwane sama‐Gileyadi.
30
Ngaba onyana baka‐Gileyadi: k u‐Yihezere kwavela isizalwane sama‐Yihezere; ku‐Heleki, isizalwane sama‐Heleki;
31
na k u‐Asiriyeli, isizalwane sama‐Asiriyeli; na k u‐Shekeme, isizalwane sama‐Shekeme;
32
na k u‐Shemida, isizalwane sama‐Shemida; na k u‐Hefere, isizalwane sama‐Hefere
33
Kodwa u‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, ebengenabo onyana, wanentombi kupela; namagama entombi zika‐Tselofehadi, ngu‐Mahala, no‐Noha, n o‐Hogela, n o‐Mileka, no‐Tiretsa.
34
Zezi izizalwane zika‐Manase: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mahlanu enamabini, anamakulu asixe̔nxe.
35
Ngaba onyana baka‐Frayime, ngezizalwane zabo: ku‐Shutela kwavela isizalwane sama‐Shutela; ku‐Bekere, isizalwane sama‐Bekere; ku‐Tahane, isizalwane sama‐Tahane.
36
Ngaba nonyana baka‐Shutela: ku‐Herani kwavela isizalwane sama‐Herani.
37
Zezi izizalwane zonyana baka‐Frayime, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi matatu enamabini, anamakulu mahlanu. Ngaba onyana baka‐Josefe, ngezizalwane zabo.
38
Onyana baka‐Benjamine, ngezizalwane zabo: ku‐Bela kwavela isizalwane sama‐Bela; ku‐Ashebele, isizalwane sama‐Ashebele; ku‐Ahirame, isizalwane sama‐Ahirame;
39
ku‐Shufame, isizalwane sama‐Shufame; ku‐Hufame, isizalwane sama‐Hufame.
40
Nonyana baka‐Bela bebengu‐Aredi no‐Nahamane: ku‐Aredi kwavela isizalwane sama‐Aredi; ku‐Nahamane, isizalwane sama‐Nahamane.
41
Ngaba onyana baka‐Benjamine, ngezizalwane zabo: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mane enamahlanu, anamakulu matandatu.
42
Ngaba onyana baka‐Dane, ngezizalwane zabo: ku‐Shuhame kwavela isizalwane sama‐Shuhame. Zezi izizalwane zika‐Dane, ngezizalwane zabo.
43
Zonke izizalwane zama‐Shuhame, ngabalweyo awo, ebengamawaka angamashumi matandatu enamane, anamakulu mane.
44
Onyana baka‐Ashere, ngezizalwane zabo: ku‐Yimna kwavela isizalwane sama‐Yimna; ku‐Yishevi, isizalwane sama‐Yishevi; ku‐Beriha, isizalwane sama‐Beriha:
45
konyana baka‐Beriha; ku‐Kebere kwavela isizalwane sama‐Kebere; ku‐Makiyeli, isizalwane sama‐Makiyeli.
46
Negama lentombi ka‐Ashere lalingu‐Sera.
47
Zezi izizalwane zonyana baka‐Ashere, ngababalweyo babo: bengamawaka angamashumi mahlanu enamatatu, anamakulu mane.
48
Onyana baka‐Nefatali, ngezizalwane zabo: ku‐Yatsiyeli kwavela isizalwane sama‐Yatsiyeli; ku‐Guni, isizalwane sama‐Guni;
49
ku‐Yetsere, isizalwane sama‐Yetsere; ku‐Shileme, isizalwane sama‐Shileme.
50
Zezi izizalwane zika‐Nefatali, ngezizalwane zabo: nababalweyo babo bebengamawaka angamashumi mane enamahlanu, anamakulu mane.
51
Ngaba ababalweyo bosapo luka‐Sirayeli: bengamawaka angamakulu matandatu enewaka linye ngapandle, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matatu.
52
Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti:
53
Kubo aba ilizwe liya kwabiwa libe lilifa, ngombalo wamagama.
54
Abo baninzi uya kubandisela ilifa labo, nabo bancinane uya kubancipisela ilifa labo; ngento elingana nababalweyo babo baya kunikwa ilifa labo abanye ngabanye.
55
Kodwa ilizwe liya kwabiwa ngeqashiso noko; ngamagama ezizwe zoyise babo baya kulidla ilifa.
56
Njengokuti kweqashiso kuya kwabiwa ilifa lalo, pakati kwabaninzi nabancinane.
57
Ngaba nababalweyo babo aba‐Levi, ngezizalwane zabo: ku‐Gereshone kwavela isizalwane sama‐Gereshone; ku‐Kohati, isizalwane sama‐Kohati; ku‐Merari, isizalwane sama‐Merari.
58
Zizo ezi izizalwane zaba‐Levi: isizalwane sama‐Libeni, isizalwane sama‐Hebrone, isizalwane sama‐Mahali, isizalwane sama‐Mushi, isizalwane sama‐Kora. Wati u‐Kohati wazala u‐Hamerame.
59
Nomfazi ka‐Hamerame igama lake lalingu‐Yokebedi, intombi ka‐Levi, owati unina wamzalela u‐Levi e‐Jipete; waye yena ezalela u‐Hamerame u‐Arone no‐Mosesi, no‐Miriyame udade wabo.
60
No‐Arone kwazalelwa yena u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare.
61
Kodwa babuba u‐Nadabi no‐Abihu, bakunikela umlilo wasemzini pambi kwoyehova.
62
Baye ababalweyo babo bengamawaka angamashumi mabini enamatatu, bengawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu: ngokuba bona bebengabalwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ngenxa yokuba bebenganikwa lifa pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
63
Aba bangabo babalwayo ngu‐Mosesi no‐Elezari umperisite, ababala usapo luka‐Sirayeli ematafeni ase‐Mowabi, ngase‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko.
64
Kodwa pakati kwabo aba, bekungeko namnye wababebalwa ngu‐Mosesi no‐Arone umperisite, okuya babebala usapo luka‐Sirayeli entlango ye‐Sinai.
65
Ngokuba uyehova ebete ngabo: Baya kufa ngenyaniso entlango. Kwada akwabiko oseleyo kubo namnye, kupela ngu‐Kalebi, unyana ka‐Jefune, no‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36