bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 18
Numbers 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 19 →
1
WAZA wati uyehova ku‐Arone: Wena, nonyana bako, nendlu kayihlo kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yeyingcwele indawo; kanjalo wena, nonyana bako kunye nawe, niya kutwala inkohlakalo yobuperisite benu.
2
Nakanjako, abazalwana bako, isizwe sika‐Levi, isizwe soyihlo, ubasondeze nawe, ukuze babandakanyelwe kuwe, bakukonze: kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, noba pambi kwentente yesinqi̔no.
3
Babeya kugcina isigcinelo sako, nesigcinelo sentente yonke; koko bengayi kusondela kuzo impahla zeyingcwele indawo, nakuso isibingelo, ukuba bangafi, kwa bona, nani kanjalo.
4
Bobandakanyelwa kuwe, bagcine isigcinelo sayo intente yentlangano, kuyo yonke inkonzo yentente: kanti owasemzini akayi kusondela kuni.
5
Naniya kugcina isigcinelo seyingcwele indawo, nesigcinelo sesibingelo; kuze kungabuyi kubeko umsindo pezu kwosapo luka‐Sirayeli.
6
Ngokuba mna, bona ke, nditabatile abazalwana benu, aba‐Levi, kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli; basisipiwo kuni bepiwa uyehova, ukuba bayenze inkonzo yayo intente yentlangano.
7
Kodwa wena, nonyana bako kunye nawe, niya kugcina ubuperisite benu kuzo zonke izinto zesibingelo, nakokwapakati kwekuselo; naniya kukonza: ubuperisite benu ndibunikile bube yinkonzo yokupiwa; nowasemzini osondelayo yena uya kufiswa.
8
Walekela wateta uyehova ku‐Arone, esiti: Mna, bona ke, ndandikunikile ukugcinelwa kweminikelo yam yokufunqufunqulwa; eyazo zonke izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli ndiyinikile kuwe ngenxa yokutanjiswa, nakubo onyana bako, ngommiselo ongunapakade.
9
Oku kwoba kokwako kwizinto ezingcwelekazi zivela emlilweni: yonke iminikelo yalo, kwa yonke iminikelo yokudla yalo, nawo onke amadini esono alo, nawo onke amadini etyala alo, oluya kuyinikela kum; kwoba yingcwelekazi kuwe oku, nakubo onyana bako.
10
Kweyingcwele yezingcwele indawo uya kukudla; onke amadoda aya kukudla; kwoba yingcwele kuwe.
11
Oku kokwako nako: umnikelo wokufunqufunqulwa wokupa kwalo, kunye nayo yonke iminikelo yokushukushukunyiswa yosapo luka‐Sirayeli; ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade; bonke abacocekileyo endlwini yako baya kutya oko.
12
Bonke ubunqata beoli, nabo bonke ubunqata beveyine, nobenqolowa, iziqalo zazo, oluya kuzinika kuyehova, ndikunikile zona.
13
Ulibo lwako konke okusemhlabeni walo, oluya kuluzisa kuyehova, lwoba lolwako; bonke abacocekileyo endlwini yako baya kuludla.
14
Konke okwahlukanisiweyo kwa‐Sirayeli kwoba kokwako.
15
Konke ekuzityulwa ngako pakati kwenyama yonke, abaya kukusondeza kuyehova, pakati kwabantu, napakati kwezilo, kwoba kokwako; kodwa amazibulo abantu uya kugqibela ukuwakulula, namazibulo ezilo ezinco̔lileyo uya kukulula wona.
16
Nabo abaya kukululwa pakati kwabo, ababudala buyinyanga nye uya kubakulula, ngokulinganisa kwako, ngemali yeshekele ezintlanu, ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo: zigera ezimashumi mabini yona.
17
Kodwa izibulo lenkomo, umhlaumbi izibulo legusha, umhlaumbi izibulo lebokwe, akuyi kuwakulula; ayingcwele wona: igazi lawo uya kulisasaza pezu kwesibingelo, nenqata lawo uya kulitshisa libe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova.
18
Kanti inyama yawo yoba yeyako; njengesifuba sokushukushukunyiswa, nanjengowokunene umkono, yoba yeyako.
19
Yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yezinto ezingcwele, oluya kunikela ngayo usapo luka‐Sirayeli kuyehova, ndiyinikile kuwe, nakonyana bako, nakwintombi zako kunye nawe, ngommiselo ongunapakade: lucebano lwetyuwa olungunapakade, pambi kwoyehova, kwa kuwe nakwinzalo yako kunye nawe.
20
Wati uyehova kanjalo ku‐Arone: Akuyi kulamkela ilifa elizweni lalo, akuyi kuba naso isabelwa pakati kwalo kanjako; mna ndisisabelwa sako nelifa lako pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
21
Nakubo onyana baka‐Levi, bona ke, ndinikile zonke izishumi kwa‐Sirayeli zibe lilifa, ngenxa yenkonzo yabo abakonza ngayo, kwa inkonzo yentente yentlangano.
22
Kanjalo malungapindi usapo luka‐Sirayeli ukusondela ententeni yentlangano, hleze lutwale isono, lufe ke.
23
Kodwa aba‐Levi bona baya kuyenza inkonzo yentente yentlangano, batwale nokutwala inkohlakalo yabo: kwoba ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu, ukuba bangalamkeli ilifa pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
24
Ngokuba izishumi zosapo luka‐Sirayeli, oluya kunikela ngazo umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova, ndizinikile kuba‐Levi zibe lilifa; ngako oko ndite kubo: Pakati kwosapo luka‐Sirayeli abayi kulamkela ilifa.
25
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
26
Teta kanjalo kuba‐Levi, uti kubo: Noti nakuzamkela kulo usapo luka‐Sirayeli izishumi, endizinikileyo kuni zivela kulo zibe lilifa lenu, nandule ninikele ngazo umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova, isishumi sezishumi ezo;
27
esiya kunibalelwa ukuba ngumnikelo wokufunqufunqulwa wenu, njengenqolowa ivela esibayeni sokubula, nanjengobuzala buvela esincinezelweni seveyine.
28
Kwa njalo niya kunikela nani umnikelo wokufunqufunqulwa kuyehova kuzo zonke izishumi zenu, eniya kuzamkela kulo usapo luka‐Sirayeli; naniya kunika kwa kuzo umnikelo wokufunqufunqulwa kayehova ku‐Arone umperisite.
29
Kuzo zonke izipiwo zenu niya kunikela yonke iminikelo yokufunqufunqulwa kayehova; kubo bonke ubunqata bazo, kokuyingcwele yazo kwa kuzo.
30
Ngako uya kuti kubo: Nxa ninikeleyo ubunqata bazo kwa kuzo, kuya kwandula ukubalelwa aba‐Levi njengenzuzo yesibaya sokubula, nanjengenzuzo yesincinezelo seveyine.
31
Naniya kudla oko kuzo zonke indawo, nina nendlu yenu: ngokuba kungumvuzo kuni ngenxa yenkonzo yenu ententeni yentlangano.
32
Aniyi kutwala isono pezu kwako, nakunikela ubunqata bako kwa kuko; kanjalo aniyi kudyoba izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, nize ningafi.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36