bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 9
Numbers 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
1
WAYE uyehova wateta ku‐Mosesi entlango ye‐Sinai, ngowesibini umnyaka emva kwokupuma kwabo ezweni le‐Jipete, ngenyanga yokuqala, esiti:
2
Ipasika maluyibambe usapo luka‐Sirayeli ngexesha layo elimisiweyo.
3
Ngomhla weshumi linesine kulenyanga, pakati kwokuhlwa, niya kuyibamba, ngexesha layo elimisiweyo: njengayo yonke imimiselo yayo, nanjengawo onke amasiko ayo, niya kubamba yona.
4
Wandula wateta u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba maluyibambe ipasika.
5
Lwaza lwayibamba ipasika ngoweshumi linesine umhla wenyanga yokuqala, pakati kwokuhlwa, entlango ye‐Sinai: njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako, lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli.
6
Kekaloku kwaye kuko amadoda atile, abe enco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo womntu, ukuba ebekohliwe ukubamba ipasika ngalomhla; ngako asondela ebusweni buka‐Mosesi, nasebusweni buka‐Arone, ngalomhla.
7
Aza ati lamadoda kuye: Tina sinco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo womntu; kunganina ukuba sinqandwe, side singabi nakunikela umnikelo kayehova ngexesha lawo elimisiweyo, pakati kwosapo luka‐Sirayeli?
8
Wayesiti kuwo u‐Mosesi: Hlalani nimi, ndandiya kuva into uyehova woyiyalela ngani.
9
Waza uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti:
10
Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Xeshekweni umntu wakuni, umhlaumbi wakuzo izizukulwana zenu, anco̔lile ngenxa yomzimba ofileyo, umhlaumbi usekuhambeni okukude, uya kubamba ipasika noko kuyehova.
11
Ngenyanga yesibini, ngoweshumi linesine umhla, pakati kwokuhlwa, baya kubamba yona; kunye nezonka ezingenagwele n emifuno eṙaṙa baya kuyidla.
12
Abayi kusalisa nto kuyo kude kuse; abayi kwapula nalinye itambo kuyo kanjalo: njengayo yonke imimiselo yepasika baya kuyibamba.
13
Nomntu ongococekileyo, engabi sekuhambeni, oya kuyeka ukubamba ipasika, uya kunqanyulwa umpefumlo lowc ebantwini bawo: ngenxa yokuba umnikelo kayehova engawunikelanga ngelimisiweyo ixesha lawo, uya kutwala isono sake lowamntu.
14
Naxeshekweni kupambukele kuni owasemzini, oya kubamba ipasika kuyehova: njengommiselo wepasika, nanjengesiko layo, kwa njalo uya kuyibamba: ummiselo okwa mnye woba kuni, nakowasemzini nakozelweyo elizweni.
15
KEKALOKU ngomhla wokupakanyiswa kwayo itabanakele, laza ilifu lasibekela itabanakele, kwa intente yesinqi̔no; elati ngokuhlwa lapezu kwetabanakele njengokubonakala kwomlilo, kwada kwasa.
16
Kwaye kunjalo futi: ilifu layisibekela, nangobusuku kwakuko ukubonakala kwomlilo.
17
Kwati kwakunyuswa ilifu ententeni, lwandula emveni kwoko lwanduluka usapo luka‐Sirayeli; nasendaweni apo lahlala kona ilifu, kwa kona lwati waca usapo luka‐Sirayeli.
18
Ngelizwi likayehova lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, nangelizwi likayehova lwati waca: yonke imihla lahlalayo ilifu pezu kwetabanakele, lwati waca.
19
Naxeshekweni ilifu belilibala pezu kwetabanakele imihla yamininzi, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwasigcina isigcinelo sikayehova, lunganduluki nje.
20
Kwaye kute, lakuba ilifu libe liyimihla emincinane pezu kwetabanakele; ngelizwi likayehova lwati waca, nangelizwi likayehova lwanduluka.
21
Kwaye kute, lakuba ilifu beliko kwa sekuhlweni kwada kwasa, laza ilifu lenyuswa ngokusa, lwandula lwanduluka: nokuba bekusemini, nokuba bekusebusuku, kwenyuswayo ilifu, lwandula lwanduluka.
22
Nokuba bekuyimihla mibini, nokuba bekuyinyanga, nokuba bekungumnyaka, kwalibalayo ilifu pezu kwetabanakele, lihleli pezu kwayo, lwati waca usapo luka‐Sirayeli, lunganduluki nje; koko lakunyuswa, lwanduluka ke.
23
Ngelizwi likayehova lwati waca, nangelizwi likayehova lwanduluka: isigcinelo sikayehova lwasigcina, ngelizwi likayehova, ngesandla sika‐Mosesi.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36