bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 4
Numbers 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 5 →
1
Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti:
2
Tabata inani lonyana baka‐Kohati, pakati kwabo onyana baka‐Levi, ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo,
3
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ukuba bawenze umsebenzi ententeni yentlangano.
4
Yoba yilé inkonzo yonyana baka‐Kohati ententeni yentlangano, kwe yingcwele yezingcwele:
5
Ekundulukeni kwomnquba, kwoza u‐Arone nonyana bake, batule ikuselo lelengalenga, bayigubungele ngalo ityeya yesinqi̔no:
6
bandule babeke pezu kwayo isigubungelo sezintsu zamacelesi, bayandlale kwa pezulu iqiya yezuluṙa lipela, bafake izibonda zayo.
7
Napezu kwetafile yezonka zokubonakala baya kwandlala iqiya, babeke pezu kwayo izikotile, nezitya, nendebe, nebekile, ekuya kugalelwa ngazo; kanjalo isonka esifuti soba pezu kwayo;
8
bandule bandlale pezu kwazo iqiya yesibomvu, bagubungele yona ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zayo.
9
Babeya kutabata iqiya yezuluṙa, bagubungele ikandelare yesikanyiso, nezibane zayo, nezicimo zayo, nezipatelo zayo, nazo zonke izitya zeoli zayo, abakonzayo kuyo ngazo.
10
Baya kubeka yona, nazo zonke impahla zayo, esigubungelweni sezintsu zamacelesi, baze bayibeke pezu kwesibonda sokutwala.
11
Napezu kwesibingelo segolide baya kwandlala iqiya yezuluṙa, bagubungele yona ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zaso.
12
Kanjako bozitabata zonke impahla zenkonzo, abakonzayo ngazo kweyingcwele indawo, bazibeke eqiyeni yezuluṙa, bazigubungele ngesigubungelo sezintsu zamacelesi, bazibeke pezu kwesibonda sokutwala.
13
Baya kwandula basuse ututu esibingelweni, bandlale pezu kwaso iqiya yesimnyama;
14
baze babeke pezu kwayo zonke impahla zaso, ezo bakonza kuso ngazo, izipatamlilo, n eforoke, nezikotululo, nezitya zokufefela, zonke impahla zaso isibingelo; bati kanjalo bandlale pezu kwaso isigubungelo sezintsu zamacelesi, bafake izibonda zaso.
15
Boti bakuba begqibile u‐Arone nonyana bake ukugubungela eyingcwele indawo, nazo zonke impahla zeyingcwele indawo, ekundulukeni kwomnquba; emveni kwoko, baya kuza onyana baka‐Kohati ukuza kutwala: kodwa mabangayicukumisi leyo nto ingcwele, hleze bafe. Ezi zinto zingumtwalo wonyana baka‐Kohati ententeni yentlangano.
16
Nokulinda kuka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, yioli yesikanyiso, nesiqumiso esimnandi, nomnikelo wokudla wemihla ngemihla, neoli yokutambisa; kwa ukulindwa kwayo yonke itabanakele, nokwako konke okukuyo, okweyingcwele indawo, nokwazo zonke impahla zayo.
17
Waza wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti:
18
Isizwe sezizalwane zama‐Kokati maningasinqamli pakati kwaba‐Levi;
19
koko lento niya kuyenza kubo, ukuba bapile, bangafi nokufa, bakusondela kweyingcwele yezingcwele: u‐Arone nonyana bake baya kungena, babamise abanye ngabanye pezu kwenkonzo yabo nasekutwaleni kwabo.
20
Kodwa abayi kungena ukuza kubona, nxa kugujungelwa okuyingcwele, hleze bafe.
21
Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti:
22
Tabata inani lonyana baka‐Gereshone nabo, ngendlu zoyise zabo, ngezizalwane zabo:
23
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, nbudala babo, wobabala: bonke abangenayo ukwenza ubukonzo, ukuba basebenze umsebenzi ententeni yentlangano.
24
Yoba yilé inkonzo yezizalwane zama‐Gereshone, ekusebenzeni nasekutwaleni.
25
Baya kutwala izikuselo zetabanakele, nentente yentlangano, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezintsu zamacelesi, esipezu kwaso ngapezulu, nelengalenga locango lwentente yentlangano;
26
namalengalenga ebala, nelengalenga locango lwesango lebala, elingakuyo itabanakele nangakuso isibingelo ngento engqongayo; nentambo zazo, nazo zonke impahla zenkonzo yazo, nako konke okuzenzelweyo, ukuba bakonze ngazo.
27
Yoba ngelizwi lika‐Arone nonyana bake yonke inkonzo yonyana bama‐Gereshone, kuko konke ukutwala kwabo, nakuko konke ukusebenza kwabo; naniya kubamisela ukugcinwa kwayo yonke imitwalo yabo.
28
Yilé inkonzo yezizalwane zonyana baka‐Gereshone ententeni yentlangano: nesigcinelo sabo, soba ngapantsi kwesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite.
29
Onyana baka‐Merari, uya kubala bona ngezizalwane zabo, ngendlu zoyise zabo:
30
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, wobabala; bonke abangenayo kobubukonzo, ukuba basebenze umsebenzi wasententeni yentlangano.
31
Nasi isigcinelo sokutwala kwabo, ngako konke ukukonza kwabo ententeni yentlangano: iplanke zetabanakele, nemivalo yayo, nentsika zayo, neziseko zayo,
32
kwa nentsika zebala ezilingqongayo, neziseko zazo, nezikonkwane zazo, nentambo zazo, kunye nazo zonke impahla zazo, nako konke okwenkonzo yazo; naniya kuzibala ngamagama impahla zesigcinelo sokutwala kwabo.
33
Yilé inkonzo yezizalwane zonyana baka‐Merari, ngako konke ukukonza kwabo ententeni yentlangano, ngapantsi kwesandla sika‐Yitamare, unyana ka‐Arone umperisite.
34
Baza bati u‐Mosesi, no‐Arone, nenkosi zentlanganiso, babala onyana bama‐Kohati, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo,
35
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano:
36
baye ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, bengamawaka mabini anamakulu asixe̔nxe anamashumi mahlanu.
37
Aba bangababalweyo bezizalwane zama‐Kohati, bonke abakonzayo ententeni yentlangano, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
38
Kanjalo ababalweyo bonyana baka‐Gereshone, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo,
39
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano,
40
kwa ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, na ngendlu zoyise zabo, bebengamawaka mabini anamakulu matandatu anamashumi matatu.
41
Aba bangababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Gereshone, bonke abakonzayo ententeni yentlangano, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova.
42
Nababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Merari, ngezizalwane zabo, na ngendlu zoyise zabo,
43
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo kobubukonzo, ngenxa yomsebenzi ententeni yentlangano,
44
kwa ababalweyo babo, ngezizalwane zabo, bebengamawaka matatu anamakulu mabini.
45
Aba bangababalweyo bezizalwane zonyana baka‐Merari, abati u‐Mosesi no‐Arone bababala ngelizwi likayehova ngesandla sika‐Mosesi.
46
Bonke ababalweyo, okuya u‐Mosesi no‐Arone, nenkosi zakwa‐Sirayeli, bababala aba‐Levi, ngezizalwane zabo, nangendlu zoyise zabo,
47
abaminyaka ingamashumi matatu nabapezulu, kwa kude kube ngabaminyaka ingamashumi mahlanu, ubudala babo, bonke abangenayo ukuza kuwenza umsebenzi wobukonzo, nomsebenzi wokutwala, ententeni yentlangano,
48
kwa ababalweyo babo, bebengamawaka asibozo anamakulu mahlanu anamashumi asibozo.
49
Ngelizwi likayehova babebalwa, ngesandla sika‐Mosesi, abanye ngabanye ngokusebenza kwabo, nangokutwala kwabo: abo babalwayo nguye, bebengabo uyehova ebemyalele u‐Mosesi ngabo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36