bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 10
Numbers 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
1
WAZA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Zenzele amaxilongo abe mabini ngesilivere; ngesetyenzwa elikandelweyo uya kuwenza: woba nawo ukuba kubizwe intlanganiso, nokuba kundululwe amabandla.
3
Nxa bavutelayo ngawo, yonke intlanganiso yozihlanganisela kuwe ngaselucangweni lwentente yentlangano.
4
Kanti nxa bavutelayo ngalinye, kuya kwandula kuhlanganiselwa ngakuwe inkosi, intloko zamawaka akwa‐Sirayeli.
5
Nxa nihlokomisayo ivuso, seleya kunduluka amabandla ate waca ngasempumalanga:
6
nxa nihlokomisayo ivuso ngokwesibini, seleya kunduluka amabandla ate waca ngasesuyide: baya kuhlokomisa ivuso ngenxa yenduluko zawo.
7
Kanti ekuhlanganisweni kwomhlambi, baya kuvutela, kodwa abayi kulenza ivuso.
8
Boba ngonyana baka‐Arone, abaperi site, abaya kuvutela ngawo amaxilongo; babeya kuba ngummiselwa ongunapakade kuni ngezizukulwana zenu.
9
Naxeshekweni niya ukulwa elizweni lenu ngakulo utshaba olunibandezelayo, niya kwandula nenze ivuso ngamaxilongo lawo; naniya kukunjulwa ebusweni bukayehova, utixo wenu, nisindiswe nokusindiswa ezintshabeni zenu.
10
Kanjalo emhleni wovuyo lwenu, nasemitendelekweni yenu, nasekutwaseni kwenyanga zenu, niya kuvutela ngamaxilongo pezu kwamadini okutshiswa enu, napezu kwemibingo yoxolo yenu; ize ibe yinkunjulelwa kuni pambi kwotixo wenu: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
11
KWAZA kwati, ngomnyaka wesibini, ngeyesibini inyanga, ngowamashumi mabini umhla walonyanga, kwenyuswa ilifu kuyo itabanakele yesinqi̔no.
12
Lwandula lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, ngenduluko zalo, entlango ye‐Sinai; lati ilifu lahlala entlango ye‐Parane.
13
Lwaye lunduluka ngokwokuqala, ngelizwi likayehova, ngesandla sika‐Mosesi.
14
Kwaza kwanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Juda kuqala, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Nahashone, unyana ka‐Haminadabi.
15
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Yisakare ebengu‐Netaneli, unyana ka‐Tsuhare.
16
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Zebulone ebengu‐Eliyabe, unyana ka‐Heloni.
17
Kwaza kwahliswa itabanakele; bandul’ ukunduluka onyana baka‐Gereshone nonyana baka‐Merari, betwele itabanakele.
18
Yaza yanduluka ibanile yebandla lika‐Rubene, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Elitsure, unyana ka‐Shedeyure.
19
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Simone ebengu‐Shelumiyele, unyana ka‐Tsurishadai.
20
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Gadi ebengu‐Eliyasafa, unyana ka‐Dehule.
21
Kwandul’ ukunduluka ama‐Kohati, etwele eyingcwele indawo; bati abanye bapakamisa itabanakele kwada kwafikwa ngawo.
22
Yaza yanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Frayime, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Elishama, unyana ka‐Hamihude.
23
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Manase ebengu‐Gamaliyeli, unyana ka‐Pedatsure.
24
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Benjamine ebengu‐Abidane, unyana ka‐Gideyoni.
25
Yaza yanduluka ibanile yebandla lonyana baka‐Dane, ibuta ngasemva kwawo onke amabandla, ngemikosi yabo; napezu kwomkosi wake ebengu‐Ahihezere, unyana ka‐Hamishadai.
26
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Ashere ebengu‐Pagiyeli, unyana ka‐Okerane.
27
Napezu kwomkosi wesizwe sonyana baka‐Nefatali ebengu‐Ahira, unyana ka‐Henani.
28
Ezi zizinduluko zosapo luka‐Sirayeli, ngemikosi yalo, lwakunduluka.
29
Wabesiti u‐Mosesi ku‐Hobabe, unyana ka‐Rehule, um‐Midiyane, usomfazi ka‐Mosesi: Siyahamba tina ukuya kulondawo utshilo uyehova ngayo ukuti: Ndoninika yona; yiza nati, sasiya kukwenzela okulungileyo: ngokuba uyehova etetile okulungileyo pezu kwo‐Sirayeli.
30
Wayesiti kuye: Andiyi kuya; koko ndiya kuya elizweni lakowetu, nakubalamane bam.
31
Waza wati: Uze ungasishiyi ke; ngokuba, ekubeni ukwaziyo ukuti waca kwetu entlango, uya kuba ngamehlo kuti.
32
Kwakuya kuti, nxa uya kuhamba nati, ewe, kuya kuti, okokulunga uyehova aya kukwenza kuti, sokwenza nakuwe.
33
Baza bemka entabeni kayehova ihambo yemihla yamitatu; yati ityeya yocebano lukayehova yahamba pambi kwabo leyo hambo yemihla mitatu, iye kubahlolela indawo yokupumla.
34
Lalibe ilifu likayehova lipezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo emnqubeni.
35
Kwaye kute, yakunduluka ityeya, wati u‐Mosesi: Vuka, Yehova! intshaba zako mazicitwe, nabo bakutiyayo mababaleke ubuso bako!
36
Kanjako yakupumla, wati: Buyela, Yehova! kumawakawaka amawaka akwa‐Sirayeli!
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36