bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 21
Numbers 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 22 →
1
KEKALOKU kwakuvakala kum‐Kanane, kukumkani we‐Haradi, obehlala esuyide, ukuba kuyeza o‐Sirayeli ngendlela yase‐Atarime, wasuka walwa no‐Sirayeli, watimba kubo amatinjwa.
2
Waza wabambisa u‐Sirayeli ngesibambiso kuyehova, wati: Ukuba uya kunika ababantu esandleni sam ngenyaniso, sendiya kuzilahlela ekutshatyalalisweni izixeko zabo.
3
Wapulapula uyehova ilizwi lika‐Sirayeli, wanika aba‐Kanane; wada walahlela ekutshatyalalisweni bona nezixeko zabo; ngako igama lalondawo walibiza nge‐Horema.
4
Kwaza kwandulukwa entabeni ye‐Hore ngendlela yaselwandle olubomvu, ukuya kuzekelela ilizwe le‐Edome: koko umpefumlo wabantu ubudanile ngenxa yendlela.
5
Basuka bateta abantu ngakuye utixo nangakuye u‐Mosesi, bati: Kunganina lento nisinyusileyo e‐Jipete ukuza kufa kulentlango? ngokuba kungeko isonka, kungeko namanzi; uti umpefumlo wetu usitiye esisonka silikapukapu.
6
Waza uyehova watuma inyoka ezibumliloṙa pakati kwabantu, ezibe ziluma abantu; bafa ke abantu abaninzi bakwa‐Sirayeli.
7
Ngako abantu beza ku‐Mosesi, bati: Sonile, ngokuba sitetile ngakuyehova nangakuwe; tandaza kuyehova, ukuba asuse kuti ezinyoka. Waza u‐Mosesi wabatandazela abantu.
8
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yenza inyoka ebumliloṙa, umise yona pezu kwesibonda eside; kwakuya kuti, osukuba elunyiwe, akuyibonela, wopila.
9
Wandula u‐Mosesi wenza inyoka yexina, wayimisa pezu kwesibonda eside; kwaye kute, nxa inyoka ilumile umntu, waza wakangela enyokeni yexina, wapila ke.
10
Lwabuya lwanduluka usapo luka‐Sirayeli, lwaya lwati waca e‐Obote.
11
Lwaza lwanduluka e‐Obote, lwaya lwati waca e‐Hiyi‐habarime, entlango engapambi kwe‐Mowabi, ngasekupumeni kwelanga.
12
Lwanduluka kona, lwaya lwati waca entilini ye‐Zerede.
13
Lwanduluka kona, lwaya lwati waca nganeno kwe‐Arenone, esentlango, epumayo emdeni waba‐Amori: ngokuba i‐Arenone ingumda we‐Mowabi, pakati kwe‐Mowabi naba‐Amori.
14
(Ngako oko kutshiwo encwadini yemfazwe zikayehova, ukuti: Ngase‐Vahebi e‐Sufa, nangasemilanjaneni ye‐Arenone,
15
nasemfuleni wemilanjana, otambekela entlalweni ye‐Hari, wayame emdeni we‐Mowabi.)
16
Lwesuka nakona lwaya e‐Bere: liqula elo ekungalo wabesiti uyehova, ku‐Mosesi: Hlanganisa abantu, ndandiya kubanika amanzi.
17
(Okuya bavuma o‐Sirayeli lengoma: Mpompoza, mtombo! vumani kuwo ngokuguqulelana!
18
Umtombo inkosana zawupandayo, amanene abantu awumba, ngomnikamteto, ngemisimelelo yawo.) Lwesuka nasentlango lwaya e‐Matana;
19
lwesuka nase‐Matana lwaya e‐Nahaliyeli; lwesuka nase‐Nahaliyeli lwaya e‐Bamote;
20
lwesuka nase‐Bamote lwaya esihlanjeni, esisezindle zase‐Mowabi, engcotsheni ye‐Pisega, esibeka ngasebugxwayibeni.
21
Waza u‐Sirayeli wasusa izigidimi ukuya ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, ukuti:
22
Mandicande elizweni lako: asiyi kupambukela emasimini, nasezitiyeni zemiti yeveyine; asiyi̔ kusela amanzi amaqula kanjako: siya kuhamba ngendlela yokumkani, side sidlule imida yako.
23
Kodwa u‐Sihone ebengavumeli u‐Sirayeli acande emideni yake; waza u‐Sihone wahlanganisa bonke abantu bake, wapumela ngakuye u‐Sirayeli, ngasentlango, wada wafika e‐Yahetsa, walwa no‐Sirayeli.
24
Koko u‐Sirayeli wambeta ngohlangoti lweṙele, wabamba ilizwe lake kwa se‐Arenone kwada kwase‐Yaboki, kwada kwakulo usapo luka‐Hamoni: ngokuba umda wosapo luka‐Hamoni ubunqabile.
25
Waye u‐Sirayeli watabata zonke ezizixeko: wandula u‐Sirayeli wahlala kuzo zonke izixeko zaba‐Amori, e‐Heshebone, nakuwo onke amagxamesi ayo.
26
Ngokuba i‐Heshebone ibisisixeko sika‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obelwile nowapambili ukumkani wase‐Mowabi, waza watabata lonke ilizwe lake esandleni sake, kwada kwase‐Arenone.
27
Ngako oko kutiwa ngabateta imizekeliso: Yizani e‐Heshebone; masakiwe siqiniswe isixeko sika‐Sihone!
28
Ngokuba kupumile umlilo e‐Heshebone, ilangatye esixekweni sika‐Sihone; udlile i‐Hari yase‐Mowabi, n abanumzana basemantla ase‐Arenone.
29
Kwoba nzima kuwe, Mowabi! nitshabalele, bantu baka‐Kemoshe! unikile onyana bake abasindileyo, nentombi zake, ekutinjweni, kukumkani waba‐Amori, ku‐Sihone.
30
Sibatolele; i‐Heshebone itshabalele kwada kwase‐Dibone; sasicitakalisile kwada kwase‐Nofaki, e fik ela e‐Medeba.
31
Kwa njalo o‐Sirayeli bahlala ezweni laba‐Amori.
32
Wandula u‐Mosesi watuma ukuba kuhlolwe i‐Yahezere; basuka babamba amagxamesi ayo, bagqogqa aba‐Amori ababekona.
33
Bada bajika benyuka ngendlela yase‐Bashane; waza u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, wapumela ngakubo, yena nabo bonke abantu bake, kuliwe e‐Edrehi.
34
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Ungoyiki yena; ngokuba ndimnikile esandleni sako, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake; wauya kwenza kuye, njengokuba ubusenza ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone.
35
Baza bambeta, kwa nonyana bake, nabo bonke abantu bake, kwada akwabi samshiyelwa namnye oseleyo: babamba ilizwe lake kanjalo.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36