bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 5
Numbers 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 6 →
1
WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
2
Yalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba malundulule emnqubeni onke amaleperi, nabo bonke abanegqita, nosukuba enco̔lisiwe ngofileyo.
3
Kwa namadoda namankazana nowandulula; niya kuwandululela ngapandle kwomnquba; ukuze angayinco̔hsi iminquba yawo, endihlala mna pakati kwayo.
4
Lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, lwawandululela ngapandle kwomnquba: njengoko abetetile uyehova ku‐Mosesi, lwenza kwa ngokunjalo usapo luka‐Sirayeli.
5
Wateta kanjako uyehova ku‐Mosesi, esiti:
6
Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Indoda umhlaumbi umfazi xeshekweni baya kwenza ngaso esinye isono sabantu, begqita ngesigqito ngakuye uyehova, ade abe netyala umpefumlo lowo;
7
baya kwandula baxele isono sabo basenzileyo: waeya kubuyekezela ityala lake ngenani lalo, asongeze pezu kwalo esesihlanu isiqingata salo, anike kulowo unetyala kuye.
8
Kodwa ukuba umntu lowo akanaye osisalamane, ukuze kubuyekezelwe ityala kuye, maliti elotyala libuyekezelwe kuyehova, kumperisite; ngapandle kwenkunzi yegusha yokuxolisa, ekuya kumxoliselwa ngayo.
9
Kanjalo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yakuzo zonke izinto ezingcwele zosapo luka‐Sirayeli, oluyizisayo kumperisite, yoba yeyake.
10
Olunye ngolunye izinto ezingcwele zalo zoba zezake: oko kusukuba kunikwa ngumntu kumperisite, kwoba kokwake.
11
Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti:
12
Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Nxa aya kupambuka umfazi wendoda, enze ngakuyo ngobumenemene;
13
iti enye indoda ilale naye ngokulalela inzalo, kuze kufihlelwe amehlo eyake indoda, ati yena anco̔liswe ngasese, kungeko inqi̔na ngakuye, engatiwanga xafu kanjalo;
14
ukuba uyadlula pezu kwayo umoya wobukwele, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, ngokuba enco̔lisiwe; umhlaumbi uyadlula pezu kwayo umoya wobukwele, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, nakuba enganco̔liswanga:
15
iya kwandula indoda leyo imzise umfazi wayo kumperisite, iti kanjalo imzisele umnikelo wake, eseshumi isiqingata seyefa yomgubo weṙalasi; ayiyi kugalela pezu kwawo ioli, ayiyi kubeka pezu kwawo intlakamhlope kanjalo; ngokuba ungumnikelo wobukwele wona, umnikelo wenkumbuzo, okumbuzayo inkohlakalo.
16
Waye umperisite eya kumsondeza, ammise pambi kwoyehova.
17
Waye umperisite kanjalo eya kutabata amanzi angcwele empandeni wodongwe; nakulo utuli olusemhlabeni wetabanakele uya kutabata, alubeke emanzini lawo:
18
andule umperisite ammise umfazi ebusweni bukayehova, ayihlubulule intloko yomfazi, awubeke ezandleni zake umnikelo wenkumbuzo, onguwo umnikelo wobukwele; nasesandleni somperisite kwobako lamanzi aṙaṙa asenzayo isiqalekiso.
19
Waye umperisite eya kumfungisa, ati emfazini: Ukuba akulalanga ndoda nawe, nokuba akupambukelanga ekunco̔leni upantsi kweyako indoda, yiba ukululeka kulamanzi aṙaṙa asenzayo isiqalekiso:
20
koko ukuba upambukile upantsi kweyako indoda, nokuba unco̔lisiwe, ekubeni kuleleyo indoda nawe, ngapandle kweyako indoda:
21
(uya kwandula umperisite amfungise lomfazi ngesifungo sokuqalekisa, aze umperisite ati emfazini:) Wanga uyehova angakwenza ube sisiqalekiswa nesifungelwa pakati kwabantu bako, akuba uyehova esenza itanga lako linqi̔ne, nesisu sako sidumbe;
22
ati lamanzi, asenzayo isiqalekiso, angene ematunjini ako, adumbise isisu sako, anqi̔nise netanga lako! Waeya kuti umfazi lowo: Amene, amene!
23
Wosuka umperisite aziba̔le eziziqalekiso encwadini, azisulele emanzini aṙaṙa:
24
aze amseze umfazi lowo lomanzi aṙaṙa, asenzayo isiqalekiso: aeya kungena kuye lamanzi asenzayo isiqalekiso abe buṙaṙa.
25
Kanjalo umperisite uya kwamkela esandleni salomfazi umnikelo wobukwele, awushukushukumise umnikelo lowo pambi kwoyehova, awunikele pezu kwesibingelo:
26
andule umperisite abambe kuwo umnikelo ngento ezalisa isandla isikunjuzelwa sawo, asitshise pezu kwesibingelo; ati kamva amseze umfazi amanzi lawo.
27
Akuba selemsezile amanzi lawo, kuya kuti, ukuba unco̔lisiwe, nokuba enzile ngobumenemene ngakuyo indoda yake, aya kwandula angene kuye lamanzi asenzayo isiqalekiso, abe buṙaṙa, siti isisu sake sidumbe, netanga lake linqi̔ne: waye lomfazi eya kuba sisiqalekiswa pakati kwabantu bake.
28
Kodwa ukuba umfazi akanco̔lisiwe, koko ecocekile, woba ekululekile, akaule nokukaula inzalo.
29
Nguwo lo umteto wobukwele, okuya umfazi apambuka upantsi kweyake indoda, anco̔liswe;
30
umhlaumbi okuya umoya wobukwele udlula pezu kwendoda, ide ibe nobukwele pezu kwomfazi wayo, ize immise umfazi lowo pambi kwoyehova, ati umperisite enze kuye ngawo wonke lomteto.
31
Kwa njalo indoda yoba msulwa enkohlakalweni; kanti lomfazi wotwala inkohlakalo yake.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36