bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Numbers 29
Numbers 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 30 →
1
Nangenyanga yesixe̔nxe, ngowokuqala umhla wenyanga, noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo: woba ngumhla wokuhlokoma kwamaxilongo kuni.
2
Naniya kulenza idini lokutshiswa libe livumba elimnandi kuyehova: inkunzana yenkomo ibe nye, inkunzi yegusha ibe nye, n emvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe, ezimsulwa:
3
nomnikelo wokudla wazo womgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: ezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzana, ezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzi yegusha;
4
neseshumi isiqingata seyefa kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye:
5
netakane lebokwe libe linye, eledini lesono, nize nenzelwe uxoliso:
6
ngapandle kwedini lokutshiswa lenyanga etwasileyo, nomnikelo wokudla walo, nedini lokutshiswa elifuti, nomnikelo wokudla walo, neminikelo yokusela yawo, njengesiko lawo, libe livumba elimnandi, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
7
Nangoweshumi umhla walenyanga yesixe̔nxe noba nentlanganisano engcwele; naniya kubandezela imipefumlo yenu; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo:
8
koko niya kunikela idini lokutshiswa kuyehova, libe livumba elimnandi: inkunzana yenkomo ibe nye, inkunzi yegusha ibe nye, n emvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe: zezimsulwa eniya kuba nazo:
9
nomnikelo wokudla wazo womgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: ezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kuyo inkunzana, ezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzi yegusha inye;
10
n eseshumi isiqingata seyefa kwimvana ngemvana, kwezisixe̔nxe imvana ezinye ngezinye:
11
n etakane lebokwe libe linye, eledini lesono: ngapandle kwedini lesono lokuxolisa, nedini lokutshiswa elifuti, nomnikelo wokudla walo, neminikelo yokusela yawo.
12
Nangoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesixe̔nxe noba nentlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo: koko niya kubamba umtendeleko kuyehova isixe̔nxe semihla:
13
naniya kunikela idini lokutshiswa, umnikelo owenziwa ngomlilo, ivumba elimnandi kuyehova: inkunzana zenkomo zibe lishumi linantatu, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane: zoba zezimsulwa:
14
nomnikelo wokudla wazo womgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli: ezitatu ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzana nye, kwezilishumi linantatu inkunzana ezinye ngezinye; ezibini ezeshumi iziqingata zeyefa kwinkunzi nye yegusha, kwezimbini inkunzi zegusha ezinye ngezinye;
15
neseshumi isiqingata seyefa kwimvana nye, kwezilishumi linane imvana ezinye ngezinye:
16
netakane lebokwe libe linye, eledini lesono: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, n omnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
17
Nangomhla wesibini nonikela inkunzana zenkomo zibe lishumi linambini, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
18
nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko:
19
netakane lebokwe libe linye, eledini lesono: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, neminikelo yokusela yazo.
20
Nangomhla wesitatu nonikela inkunzana zenkomo zibe lishumi linanye, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
21
nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
22
nebokwe yedini lesono ibe nye: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
23
Nangomhla wesine nonikela inkunzana zenkomo zibe lishumi, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
24
n omnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
25
netakane lebokwe libe linye, eledini lesono: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, n omnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
26
Nangomhla wesihlanu nonikela inkunzana zenkomo zibe litoba, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
27
nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
28
nebokwe yedini lesono ibe nye: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
29
Nangomhla wesitandatu nonikela inkunzana zenkomo zibe sibozo, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
30
nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
31
nebokwe yedini lesono ibe nye: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, n omnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
32
Nangomhla wesixe̔nxe nonikela inkunzana zenkomo zibe sixe̔nxe, inkunzi zegusha zibe mbini, imvana zomnyaka mnye zibe lishumi elinane, ezimsulwa;
33
nomnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi zegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
34
nebokwe yedini lesono ibe nye: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, n omnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
35
Ngowesibozo umhla noba nentlanganiso enkulu; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo:
36
koko niya kunikela idini lokutshiswa, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova: inkunzana yenkomo ibe nye, inkunzi yegusha ibe nye, imvana zomnyaka mnye zibe sixe̔nxe, ezimsulwa;
37
n omnikelo wokudla wazo, neminikelo yokusela yazo, eyenkunzana, eyenkunzi yegusha, neyemvana, ngenani lazo, njengesiko;
38
nebokwe yedini lesono ibe nye: ngapandle kwelifuti idini lokutshiswa, nomnikelo wokudla walo, nowokusela walo.
39
Ezizinto niya kuzinikela kuyehova ngemitendeleko yenu emiselweyo, ngapandle kwezibambiso zenu, neminikelo yesisa yenu, ngenxa yamadini okutshiswa enu, nangenxa yeminikelo yokudla yenu, nangenxa yeminikelo yokusela yenu, nangenxa yeminikelo yoxolo yenu.
40
Waxela ke u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, njengako konke uyehova abemyalele u‐Mosesi ngako.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36