bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 11
1 Chronicles 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 12 →
1
BANDULA o‐Sirayeli bonke bazihlanganisela ku‐Davide e‐Hebrone, besiti: Bona ke, silitambo lako nenyama yako tina.
2
Kanjako kwa ngapambili, xeshekweni u‐Saule abesengukumkani, ebenguwe owapumisa nowangenisa o‐Sirayeli; kanjalo uyehova, utixo wako, wati kuwe: Wena uya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli, wauya kuba yinkosi pezu kwabo abantu bam o‐Sirayeli.
3
Ngako bonke abadala bo‐Sirayeli beza kukumkani e‐Hebrone; waye u‐Davide walwenza ucebano nabo e‐Hebrone ebusweni bukayehova; baza bamtambisa u‐Davide abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, njengalo ilizwi likayehova, ngo‐Samyali.
4
Waza waya u‐Davide, no‐Sirayeli bonke, e‐Yerusaleme, eyi‐Yebusi; ngokuba ama‐Yebusi, abemi belozwe, ebekona.
5
Baza abemi base‐Yebusi bati ku‐Davide: Akuyi kungena apa. Wati u‐Davide noko wayitimba inqaba ye‐Ziyone, ekwa siso isixeko sika‐Davide.
6
Wayesiti u‐Davide: Osukuba ebeta ama‐Yebusi ukuqala, uya kuba yintloko nenkosi. Waza u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya wenyuka ukuqala, waba yintloko.
7
Wandula u‐Davide wahlala enqatyeni; ngako oko bayibiza ngokuti sisixeko sika‐Davide.
8
Waza waka isixeko eso ngokungqonga, kutabata e‐Milo kwada kwakuyo indawo engqongayo; nesisalela sesixeko wasihlaziya u‐Jowabi.
9
Waye u‐Davide wamana ehambisa, waba mkulu; ngokuba uyehova wemikosi ebenaye.
10
ZIZO ezi intloko zamagoṙa abenawo u‐Davide, abezomelezela yena ebukumkanini bake, kunye no‐Sirayeli bonke, ukumenza ukumkani, njengelizwi likayehova pezu kwo‐Sirayeli.
11
Nangu umbalwa wamagoṙa abenawo u‐Davide: u‐Yashobame unyana ka‐Hakemoni, intloko yenjengele; yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye ngexesha linye.
12
Kwaye kuko emva kwake u‐Elezari, unyana ka‐Dodo, um‐Ahoha, obepakati kwawo amagoṙa amatatu.
13
Yena wabeko no‐Davide e‐Pase‐damime, akuhlanganiselwa kona ama‐Filistiya ukulwa, apo bekuko kona isahlulo somhlaba sizele yiṙalasi; baza abantu besaba pambi kwama‐Filistiya.
14
Kodwa bazimisa pakati kwentsimi leyo, bayilondoloza, bawabulala ama‐Filistiya; waza uyehova wabasindisa ngosindiso olukulu.
15
Kwaye kusihla abatatu bakubo abamashumi matatu abazintloko ngaseweni ukuya ku‐Davide emqolombeni we‐Hadulame: wati umkosi wama‐Filistiya wati waca emhlanjeni wama‐Rafa.
16
Waye u‐Davide oko ebesenqatyeni, nelali yama‐Filistiya ibiko oko e‐Beteleheme.
17
Waza u‐Davide walangazelela, wati: Akwaba bendinokusezwa amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni!
18
Basuka abatatu abo batyoboza emkosini wama‐Filistiya, baka amanzi equleni lase‐Beteleheme, elisesangweni, bawatwala, bawazisa ku‐Davide: koko u‐Davide ebengavumi ukuwasela, kodwa wawatululela kuyehova,
19
wati: Ubunzima mabube kum buvela kutixo wam, ukuba ndiyenza lento! igazi lalamadoda ndiya kuwasela na, abehamba ngokuncama ubomi bawo? ngokuba ngokuncama ubomi bawo ewazisile: ngako ebengavumi ukuwasela. Ezizinto azenza lawomagoṙa matatu.
20
Kanjalo u‐Abishai, umninawe ka‐Jowabi, ebeyintloko yabatatu: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye, waza wanegama pakati kwabatatu abo.
21
Kubo abatatu abo, ebebekekile ngapezu kwababini, waba yinkosi yabo; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala.
22
U‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, unyana wendoda ebuṙoti, obemkulu, ngezenzo, owase‐Kabetsele, yena wabulala amadoda mabini abungonyamaṙa ase‐Mowabi: kanjako wehla wabulala ingonyama pakati kwomnxuma ngomhla wengqele:
23
wabulala nendoda engum‐Jipete, indoda yobude obukulu, yekubite ezintlanu; nasesandleni som‐Jipete lowo ibiko intshuntshe njengomti wabaluki; koko wehlela kuye ngentonga, wayityutula intshuntshe esandleni som‐Jipete, wambulala ngeyake intshuntshe.
24
Ezizinto wazenza u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, waza wanegama pakati kwalawomagoṙa matatu.
25
Pakati kwabo abamashumi matatu, bona ke, ebebekekile; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala. Wati u‐Davide wammisa pezu kwomlisela wake.
26
Kanjako amagoṙa asezimpini ebengaba: u‐Hasaheli umninawe ka‐Jowabi; u‐Lehanane unyana ka‐Dodo, um‐Beteleheme;
27
u‐Shamote, um‐Harori: u‐Heletse, um‐Peloni;
28
u‐Hira unyana ka‐Hikeshe, um‐Tekoha; u‐Abihezere, um‐Hanatote;
29
u‐Sibekai, um‐Husha; u‐Hilai, um‐Ahoha;
30
u‐Maharai, um‐Netofati; u‐Helede unyana ka‐Bahana, um‐Netofati;
31
u‐Yitai unyana ka‐Rabai, owase‐Gibeha yosapo luka‐Benjamine; u‐Benaya, um‐Piratone;
32
u‐Hurai, owasezintilini zase‐Gahashe; u‐Abiyeli, um‐Haraba;
33
u‐Hazamaveti, um‐Bahurime; u‐Eliyaba, um‐Shahalaboni:
34
kubo onyana baka‐Hashame, um‐Gizo, u‐Jonatane unyana ka‐Shage, um‐Harari;
35
u‐Ahiyame unyana ka‐Sakare, um‐Harari; u‐Elifali unyana ka‐Ure;
36
u‐Hefere, um‐Mekera; u‐Ahiya, um‐Peloni;
37
u‐Hetsero, um‐Karamele; u‐Narai unyana ka‐Zebai;
38
u‐Joweli umninawe ka‐Natane; u‐Mibihare unyana wom‐Hagare;
39
u‐Tseleki, um‐Hamoni: u‐Naharai, um‐Berote, umtwali wezixo̔bo ku‐Jowabi unyana ka‐Tseruya:
40
u‐Hira, um‐Yetere; u‐Garebi, um‐Yetere;
41
u‐Huriya, um‐Hete; u‐Zabadi unyana ka‐Halai;
42
u‐Hadina unyana ka‐Shiza, um‐Rubene, intloko yama‐Rubene, ekunye naye amashumi matatu;
43
u‐Hanane unyana ka‐Mahaka; no‐Yoshafate, um‐Miteni;
44
u‐Huziya, um‐Hashetarote: u‐Shama, no‐Yeyeli, onyana baka‐Hotame, um‐Harohere;
45
u‐Yedaheli unyana ka‐Shimri; no‐Yoha umzalwana wake, um‐Titse;
46
u‐Eliyeli, um‐Mahavi; no‐Yeribai, no‐Yoshariya, onyana baka‐Lenahame: no‐Yitema, um‐Mowabi;
47
u‐Eliyeli; no‐Obedi; no‐Yahasiyeli, um‐Metsobaya.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29