bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 16
1 Chronicles 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 17 →
1
Baza bangenisa ityeya katixo, bayimisa pakati kwentente ebe yolulelwe yona ngu‐Davide; baye benikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo pambi kwotixo.
2
Xeshekweni u‐Davide abegqibile ukunikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, wandula wabatamsanqelisa abantu egameni likayehova.
3
Kanjalo wabela kubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, kuwo amadoda nakubo abafazi, kwabanye ngabanye, isimba lesonka, nesiqendu senyama, negubu leveyine.
4
WAZA wamisela pambi kwetyeya kayehova abatile kuba‐Levi babe ngabakonzi, nokuba bakankanye, babulele, badumise uyehova, utixo wo‐Sirayeli:
5
u‐Safa oyintloko, no‐Zekariya osemva kwake; u‐Yeyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Matitiya, no‐Eliyabe, no‐Benaya, no‐Obedi‐edome; wati u‐Yeyeli wavakalisa ngenebele nangehadi, kodwa u‐Safa wavakalisa ngesimbali;
6
no‐Benaya, no‐Yahaziyeli, abaperisite, ngamaxilongo futi pambi kwetyeya yocebano lukatixo.
7
Oko, kwa ngalomini, wanika u‐Davide kuqala cliculo lokumdumisa uyehova esandleni sika‐Safa nabazalwana bake, lokuti:
8
Bulelani kuyehova, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwabantu.
9
Vumani kuye, culani amaculo kuye, tetani ngayo yonke imimangaliso yake.
10
Qa̔yisani ngegama lake eliyingcwele: maivuye intliziyo yabamfunayo uyehova.
11
Buzani uyehova namandla ake: funani ubuso bake futi.
12
Kumbulani imimangaliso yake ayenzileyo, imiqondiso yake, nezigwebo zomlomo wake;
13
nina nzalo ka‐Sirayeli isicaka sake, bonyana baka‐Yakobi, abaqashwa bake!
14
Nguyehova, utixo wetu, yena; imigwebo yake ikuwo wonke umhlaba,
15
Kumbulani ucebano lwake kude kube ngunapakade; ilizwi wabelixela kwiwaka lezizukulwana;
16
ucebano owalwenzayo no‐Abrahame, nesifungo sake ku‐Yisake;
17
walumisela ku‐Yakobi lube ngumteto, ku‐Sirayeli lube lucebano olungunapakade,
18
esiti: Ndokunika ilizwe le‐Kanane, isabiwo selifa lenu;
19
okuya nibe ningabantu abalula, kwa into encinanana nabasemzini kulo.
20
Bati bakuya kwisizwe ngesizwe, bevela kw obunye ubukumkani besiya ebantwini bambi:
21
akavumelanga mntu ukuba ababandezele; wabohlwaya nokumkani ngenxa yabo,
22
esiti: Ningacukumisi abatanjiswa bam, nabaprofite bam ningabapati kakubi.
23
Vumani kuyehova, mhlaba wonke! shumayelani usindiso lwake ngemihla ngemihla.
24
Balisani ubungcwalisa bake pakati kwabaheyideni, imimangaliso yake pakati kwezizwe zonke.
25
Ngokuba uyehova emkulu, ulungel’ ukudunyiswa kakulu; ulungel’ ukwoyikwa napezu kwotixo bonke.
26
Ngokuba bonke otixo bezizwe bengamadalo; kanti uyehova walenza izulu.
27
Ebusweni bake kuko isitomo nobungangamsha: endaweni yake kuko amandla nomgcobo.
28
Nikelani kuyehova, zizukulwana zabantu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla.
29
Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake: zisani umnikelo, ningene ebusweni bake: bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele.
30
Tutumelani pambi kwake, mhlaba wonke! Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa.
31
Malivuye izulu, ugcobe umhlaba; makutiwe pakati kwezizwe: Uyehova upete ngobukumkani.
32
Malugqume ulwandle, nokuzala kwalo; mazivuyelele izindle, nako konke okupakati kwazo.
33
Oko iya kugcoba yonke imiti yehlati ebusweni bukayehova: ngokuba esiza agwebe umhlaba.
34
Bulelani kuyehova, ngokuba elungile: ngokuba ububele bake bungunapakade.
35
Yitini: Sisindise. Tixo wosindiswa lwetu! sihlanganise, usihlangule kubaheyideni, size sibulele egameni lako elingcwele, siqa̔yise eludunyisweni lwako.
36
Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kwa kunapakade kude kube ngunapakade! Baza bati bonke abantu: Amene! bamdumisa uyehova.
37
Kwa njalo washiyela kona, ebusweni betyeya yocebano lukayehova, u‐Safa nabazalwana bake, ukuba bakonze pambi kwetyeya futi, njengendawo yemihla ngemihla;
38
no‐Obedi‐edome, nabazalwana babo, amashumi matandatu anesibozo; no‐Obedi‐edome unyana ka‐Jedutune, no‐Hosa, babe ngabalindimnyango;
39
no‐Tsadoki umperisite, nabazalwana bake abaperisite, pambi kwetabanakele kayehova endaweni epakamileyo ese‐Gibeyone,
40
ukuba banikele amadini okutshiswa kuyehova, pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa futi, ngokusa nangokuhlwa, benze nangako konke okuba̔liweyo emtetweni kayehova owabewuxele ko‐Sirayeli;
41
nakunye nabo u‐Hemani no‐Jedutune, nesisalela sabanyuliweyo, abebebalulwe ngamagama, ukuba babulele kuyehova, ngokuba ububele bake bungunapakade;
42
nakunye nabo u‐Hemani no‐Jedutune, benamaxilongo nesimbali zibe zezabavakalisayo, nezinto zokuculisa zikatixo. Bati onyana baka‐Jedutune balinda esangweni.
43
Bada bemka bonke abantu baya abanye ngabanye ezindlwini zabo; waza wabuya u‐Davide ukuya kutamsanqelisa indlu yake.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29