bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 18
1 Chronicles 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 19 →
1
KWABEKUTE emveni kwoku, ukuba u‐Davide wabeta ama‐Filistiya, wawatobisa; waza watabata i‐Gate namagxamesi ayo esandleni sama‐Filistiya.
2
Wabeta nama‐Mowabi; aza ama‐Mowabi aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo.
3
Waza u‐Davide wabeta u‐Hadarezere, ukumkani we‐Tsoba, kwada kwase‐Hamati, ekuhambeni kwake ukuya kumisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate.
4
Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namawaka asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo: waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo a wenqwelwana zalikulu.
5
Kekaloku ama‐Siriya ase‐Damakusi eza ukumnceda u‐Hadarezere ukumkani we‐Tsoba; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda angamawaka angamashumi mabini anamabini.
6
Wandula u‐Davide wazibeka ilali e‐Siriya yase‐Damakusi; ati ama‐Siriya aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
7
Wayetabata u‐Davide amakaka egolide abepezu kwezicaka zika‐Hadarezere, wawazisa e‐Yerusaleme.
8
Waye u‐Davide kanjalo wayisusa e‐Tibehati, nase‐Kune, izixeko zika‐Hadarezere, ixina, into eninzi kakulu, owati u‐Solomone wenza ngayo ulwandle lwexina, nentsika, nempahla zexina.
9
Kekaloku kwakuviwa ngu‐Tohu ukumkani we‐Hamati, ukuba u‐Davide ubetile wonke umkosi ka‐Hadarezere ukumkani we‐Tsoba,
10
wandula wamtuma u‐Hadorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadarezere wambeta; (ngokuba u‐Hadarezere ebenzile imfazwe no‐Tohu;) watuma nempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezexina.
11
Ezi nazo ukumkani u‐Davide wazenza ngcwele kuyehova, kunye nesilivere negolide abezisusile kuzo zonke intlanga: kuwo ama‐Edome, nakuwo ama‐Mowabi, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya, nakuwo ama‐Amaleki.
12
Kanjako u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa, amawaka alishumi elinesibozo.
13
Waza wazibeka ilali e‐Edome; ada onke ama‐Edome aba ngabakonzi ku‐Davide. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
14
Waye u‐Davide wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke, wenzela bonke abantu bake ubugwebo nobulungisa.
15
Kekaloku u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya ebepezu kwomkosi; no‐Yehoshafate unyana ka‐Ahilude ebengumkumbuzi;
16
kanjako u‐Tsadoki unyana ka‐Ahitube, no‐Abimeleki unyana ka‐Abiyatare, bebengabaperisite; no‐Shavisha ebengumba̔li;
17
no‐Benaya unyana ka‐Yoyada ebepezu kwaba‐Kereti naba‐Peleti; nonyana baka‐Davide bebengabokuqala ngasesandleni sokumkani.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29