bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 9
1 Chronicles 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 10 →
1
Kwa njalo o‐Sirayeli bonke baba̔lelwa ngokuzalwa: bona ke, baba̔lwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda, ababefuduselwa e‐Babilone ngenxa yokugqita kwabo.
2
KEKALOKU abemi bokuqala, abo bezayo ezimfuyweni zabo, ezixekweni zakowabo, bebengaba‐Sirayeli, abaperisite, aba‐Levi, naba‐Netini.
3
Nase‐Yerusaleme bahlala abosapo luka‐Juda, nabosapo luka‐Benjamine, nabosapo luka‐Frayime no‐Manase.
4
Ngu‐Hutai, unyana ka‐Hamihude, unyana ka‐Omri, unyana ka‐Yimri, unyana ka‐Bani, kulo usapo luka‐Faretse unyana ka‐Juda.
5
Nakuwo ama‐Shilo: ngu‐Hasaya owamazibulo, nonyana bake.
6
Nakonyana baka‐Zera: ngu‐Yeyuli, nabazalwana babo, amakulu matandatu anamashumi asitoba.
7
Nakubo onyana baka‐Benjamine: ngu‐Salu, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Hodaviya, unyana ka‐Hasenuwa;
8
no‐Bineya, unyana ka‐Yerohame; no‐Ela, unyana ka‐Huzi, unyana ka‐Mikeri; no‐Meshulame, unyana ka‐Shefatiya, unyana ka‐Rehule, unyana ka‐Biniya;
9
nabazalwana babo, ngezizukulwana zabo, amakulu alitoba anamashumi mahlanu anesitandatu. Lamadoda onke ebezintloko zendlu zoyise kwindlu zoyise zawo.
10
Nakubo abaperisite: ngu‐Yedaya, no‐Yoyaribe, no‐Yakine,
11
no‐Hazariya, unyana ka‐Hilikiya, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Tsadoki, unyana ka‐Merayoti, unyana ka‐Ahitube, umpati wendlu katixo;
12
no‐Hadaya, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Pashure, unyana ka‐Malekiya; no‐Mahasai, unyana ka‐Hadiyeli, unyana ka‐Yazera, unyana ka‐Meshulame, unyana ka‐Meshilemiti, unyana ka‐Yimeri;
13
nabazalwana babo, intloko zendlu zoyise zabo, iwaka linye elinamakulu asixe̔nxe anamashumi matandatu; amadoda akalipileyo emsebenzini wenkonzo yayo indlu katixo.
14
Nakubo aba‐Levi: ngu‐Shemaya, unyana ka‐Hashube, unyana ka‐Zarikame, unyana ka‐Hashabiya, kubo onyana baka‐Merari;
15
no‐Bakebakari, no‐ Hereshe, no‐Galali, no‐Mataniya, unyana ka‐Mika, unyana ka‐Zikeri, unyana ka‐Safa;
16
no‐Hobadiya, unyana ka‐Shemaya, unyana ka‐Galali, unyana ka‐Jedutune; no‐Berekiya, unyana ka‐Asa, unyana ka‐Lekana, owahlala emizini yama‐Netofati.
17
Nabalindimnyango; ngu‐Shalume, no‐Hakube, no‐Talimone, no‐Ahimane, nabazalwana babo: u‐Shalume ebenguye omkulu.
18
Kwada kwakaloku, esangweni lokumkani ngasempumalanga, aba bebengabalindimnyango emikosini yosapo luka‐Levi.
19
Kanjalo u‐Shalume, unyana ka‐Kore, unyana ka‐Abiyasafa, unyana ka‐Kora, nabazalwana bake bendlu kayise, ama‐Kora, bebepezu kwomsebenzi benkonzo, bengabagcini beminyango yetabanakele: njengokuba oyise babo bebepezu kwomnquba kayehova, bengabagcini bendawo yokungena,
20
akuba u‐Finehasi unyana ka‐Elezari ebeyinkosi pezu kwabo ngapambili, uyehova enaye.
21
U‐Zekariya, unyana ka‐Meshelemiya, ebengumlindimnyango elucangweni lwentente yentlangano.
22
Bonke abo baketwayo babe ngabalindi eminyangweni, bebengamakulu mabini aneshumi linesibini. Aba baba̔lelwa ngemizi yabo, owati u‐Davide, no‐Samyali umboni, wabamisa ebusebenzini babo.
23
Baye bona nonyana babo bebepezu kwamasango ayo indlu kayehova, indlu yentente, ngemivaṙasho.
24
Ngasemacaleni omane bebeko abalindimnyango abo, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasenode, nangasesuyide.
25
Nabazalwana babo, ababe‐ semizini yabo, bamiselwa ukuza emva kwemihla esixe̔nxe, ngamaxesha ngamaxesha, babe nabo ekukonzeni.
26
Ngokuba ebusebenzini obo bebengabane abalindimnyango abakulu, abebengaba‐Levi; bona bapezu kwenkambili napezu kwendyebo zendlu katixo.
27
Baye belalisa ngokungqonga indlu katixo, ngokuba bekugcinwa ngabo, bekukokwabo nokuvula ngemiso ngemiso.
28
Bati inxenye yabo bapezu kwezinto zenkonzo, ukuba bazingenise ngenani, nokuba bazipumise ngenani kanjako.
29
Nenxenye yabo bamiswa pezu kwempahla, kwa pezu kwempahla zonke zeyingcwele indawo, napezu kwomgubo ocolekileyo, neveyine, neoli, nentlakamhlope, nezimnandi.
30
Nakonyana babaperisite abanye bamanya amafuta ezimnandi.
31
No‐Matitiya, owakubo aba‐Levi, obengowamazibulo ka‐Shalume um‐Kora, ebesebusebenzini pezu kwomsebenzi wezinto ezojiweyo.
32
Nakonyana bama‐Kohati, kubo abazalwana babo, abanye babepezu kwezonka zokuṙozwa, ukuba zilungiswe ngesabata ngesabata.
33
Nakubo aba abanye bebengabaculi, intloko zendlu zoyise pakati kwaba‐Levi, ezinkambilini, bekululekile; ngokuba bebebangwa ngumsebenzi lowo, imini nobusuku.
34
Aba bebezintloko zendlu zoyise pakati kwaba‐Levi, ngezizukulwana zabo, inkosi. Aba bahlala e‐Yerusaleme.
35
NASE‐GIBEYONE wahlala uyise we‐Gibeyone, u‐Yeyeli: igama lomfazi wake lalingu‐Mahaka:
36
nonyana wake wamazibulo, ngu‐Habedoni; n abanye, ngu‐Tsure, no‐Kishe, no‐Bali, no‐Nere, no‐Nadabi,
37
no‐Gedore, no‐Ahiyo, no‐Zekariya, no‐Mikelote.
38
Waye u‐Mikelote wazala u‐Shimame. Bati ke naba bahlala nabazalwana babo e‐Yerusaleme, malungana nabazalwana babo.
39
Kekaloku u‐Nere wazala u‐Kishe; no‐Kishe wazala u‐Saule: no‐Saule wazala u‐Jonatane, no‐Maleki‐shuha, no‐Abinadabi, no‐Shebali.
40
Nonyana ka‐Jonatane ebengu‐Meribi‐bali; waza u‐Meribi‐bali wazala u‐Mika:
41
nonyana baka‐Mika bebengaba: u‐Pitone, no‐Meleke, no‐Tareha.
42
Waye u‐Ahazi wazala u‐Yara; no‐Yara wazala u‐Halemete, no‐Hazamaveti, no‐Zimri; wati u‐Zimri wazala u‐Motsa;
43
no‐Motsa wazala u‐Bineha: u‐Refaya ebengunyana wake; u‐Elehasa ebengunyana wake; u‐Atsele ebengunyana wake.
44
Kekaloku u‐Atsele ebenonyana batandatu, abamagama angala: u‐Zarikame, u‐Bokeru, no‐Shimayeli, no‐Shehariya, no‐Hobadiya, no‐Hanane. Aba bangonyana baka‐Atsele.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29