bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 12
1 Chronicles 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 13 →
1
KEKALOKU ngaba abezayo ku‐Davide, e‐Tsikilage, nxa abesavalelwa ngenxa ka‐Saule unyana ka‐Kishe: bebepakati kwamagoṙa nabo, bengabancedi emfazweni;
2
benokutyeda isipeta, besenza nangesokunene nangesokohlo isandla ukusaula ngamatye n okutola ngentolo ngesipeta: bebengabakubo abazalwana baka‐Saule, kuma‐Benjamine:
3
oyintloko u‐Ahihezere, no‐Yohashe, onyana baka‐Shemaha, um‐Gibeha; no‐Yeziyeli, no‐Pelete, onyana baka‐Hazamaveti; no‐Beraka; no‐Jehu, um‐Hanatote;
4
no‐Yishemaya, um‐Gibeyone, obeligoṙa pakati kwabamashumi matatu, obepezu kwabamashumi matatu kanjako; no‐Jeremiya; no‐Yahaziyeli; no‐Johanane; no‐Yozabadi, um‐Gedera;
5
u‐Eluzai; no‐Jerimote; no‐Behaliya; no‐Shemariya; no‐Shefatiya, um‐Harufe:
6
u‐Lekana, no‐Yishiya, no‐Hazareli, no‐Yohezere, no‐Yashobame, ama‐Kora;
7
no‐Johela, no‐Zebadiya, onyana baka‐Yerohame, owase‐Gedore.
8
Nakuma‐Gadi kwazahlula ukuya ku‐Davide enqatyeni ngasentlango amagoṙa abuṙoti, amadoda omkosi eqelene nokulwa, exo̔be ikaka nomkonto; ubuso bawo bu njeng obuso bengonyama, enjengamabadi pezu kwentaba ngokuba namendu:
9
u‐Hezere ebengowokuqala; u‐Hobadiya ebengowesibini: u‐Eliyabe ebengowesitatu;
10
u‐Mishemana ebengowesine; u‐Jeremiya ebengowesihlanu;
11
u‐Hatai ebengowesitandatu; u‐Eliyeli ebengowesixe̔nxe;
12
u‐Johanane ebengowesibozo; u‐Lezabadi ebengowesitoba:
13
u‐Jeremiya ebengoweshumi; u‐Makebanai ebengoweshumi elinesinye.
14
Aba ke bebengabonyana baka‐Gadi, intloko zomkosi: lowo obengomncinane wapezu kwekulu, nalowo obengomkulu wapezu kwewaka
15
Ngabo aba abawela i‐Yoredane ngenyanga yokuqala, yakuba ibizalele pezu kwazo zonke indonga zayo; baza basabisa bonke abasemihlanjeni, ngasekupumeni nangasekutshoneni kwelanga.
16
Kwaye kusiza enqatyeni ku‐Davide inxenye kubo onyana baka‐Benjamine no‐Juda.
17
Waza u‐Davide wapumela pambi kwabo, wateta, wati kubo: Ukuba nize ngoxolo kum, ukuze nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; kodwa ukuba nize ukundikila ezintshabeni zam, kungeko ubudlwengu nje esandleni sam, makabone utixo wobawo betu, ohlwaye ke!
18
Waza umoya wangena ku‐Hamasai, intloko yenjengele, owati: Singabako. Davide! sikunye nawe, nyana ka‐Jese! uxolo, uxolo malube kuwe, uxolo malube nakubancedi bako; ngokuba utixo wako ekunceda. Wandula u‐Davide wabamkela, wababeka pakati kwentloko zebandla.
19
Nakubo o‐Manase kwapongomela ku‐Davide inxenye, nxa abesiza nama‐Filistiya ukulwa ngaku‐Saule: kanti abawanceda: ngokuba inkosi zama‐Filistiya bezite ngecebo zamndulula, zisiti: Uya kupongomela enkosini yake u‐Saule, azise ingozi pezu kwentloko zetu.
20
Nxa abesiya e‐Tsikilage, kwapongomela kuye, kubo o‐Manase, u‐Hadena, no‐Yozabadi, no‐Yedaheli, no‐Mikaheli, no‐Yozabadi, no‐Elihu, no‐Tsiletai, intloko zamawaka akwa‐Manase.
21
Aba bamnceda u‐Davide ngakulo ibandla, ngokuba bebengamagoṙa abuṙoti bonke: baba zinkosi emkosini kanjako.
22
Ngokuba ngexesha elo, imihla ngemihla, bekuziwa ku‐Davide ukumnceda, kwada kwabako umkosi omkulu, njengomkosi katixo.
23
OKU kukubalwa kwamaqela abaxo̔bele ukulwa, a bezayo ku‐Davide e‐Hebrone, ukuba kuguqulelwe kuye ubukumkani buka‐Saule, njengelizwi likayehova.
24
Onyana baka‐Juda, abapete ikaka nomkonto, bebengamawaka matandatu anamakulu asibozo, bexo̔bele ukulwa.
25
Kubo onyana baka‐Simone, amagoṙa abuṙoti ekulweni, ngamawaka asixe̔nxe anekulu linye.
26
Kubo onyana baka‐Levi, ngamawaka mane anamakulu matandatu.
27
Kekaloku u‐Yoyada ebeyinkosi yama‐Arone, enaye amawaka matatu anamakulu asixe̔nxe:
28
no‐Tsadoki, indodana ebiligoṙa elibuṙoti; nendlu kayise, inkosi zayo bezingamashumi mabini anesibini
29
Nakubo onyana baka‐Benjamine, abazalwana baka‐Saule, ngamawaka matatu: ngokuba kwada kwakaloku into eninzi yabo yabambelela kwindlu ka‐Saule.
30
Nakubo onyana baka‐Frayime, ngamawaka angamashumi mabini anamakulu asibozo, amagoṙa abuṙoti, amadoda adumileyo kwindlu zoyise zawo.
31
Nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, ngamawaka alishumi linesibozo, abebalulwe ngamagama, ukuba eze kumenza u‐Davide ukumkani.
32
Nakubo onyana baka‐Yisakare, abo bakwaziyo ukuqiqa amaxesha, ukuba bayiqonde into bange beyenza o‐Sirayeli, abazintloko zabo bebengamakulu mabini; bati bonke abazalwana babo benza ngelizwi labo.
33
Nakubo o‐Zebulone, abo bapumayo nomkosi, becwangciselwe, ukulwa, benempahla zonke zemfazwe, ngamawaka angamashumi mahlanu; baye behlanganisana ke, bengenantliziyo mbini.
34
Nakubo o‐Nefatali, inkosi zaliwaka, nakunye nazo, benekaka nentshuntshe, ngamawaka angamashumi matatu enesixe̔nxe.
35
Nakuma‐Dane, ecwangciselwe ukulwa, ngamawaka angamashumi mabini enesibozo anamakulu matandatu.
36
Nakubo o‐Ashere, abo bapumayo nomkosi, becwangciselwe ukulwa, ngamawaka angamashumi mane.
37
Napesheya kwe‐Yoredane, kwa kuwo ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, enempahla zonke zomkosi wokulwa, ngamawaka alikulu elinamashumi mabini.
38
Ati onke lamadoda okulwa, ehlanganisene ngamabandla, eza ngentliziyo ekolisekileyo e‐Hebrone, ukuba amenze u‐Davide ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kanjalo sonke isisalela so‐Sirayeli sasiyintliziyo nye naso ukwenza u‐Davide ukumkani.
39
Abeko kona ndawonye no‐Davide intsuku zantatu, esidla esela nokusela: ngokuba ebelungiselwe ukutya ngabazalwana bawo.
40
Kanjako abo abebekufupi nawo, kwada kwase‐Yisakare, ne‐Zebulone, ne‐Nefatali, bazisa isonka pezu kwamaqwaṙashe, napezu kwenkamela, napezu kwamaqwaṙaṙa, napezu kwenkabi, ukutya kwomgubo, amasimba amakiwane, nezipa zedreyive ezishwenyileyo, neveyine, neoli, nenkabi, negusha ngento eninzi: ngokuba bekuko uvuyo kwa‐Sirayeli.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29