bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 15
1 Chronicles 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 16 →
1
KEKALOKU u‐Davide wazenzela izindlu esixekweni sika‐Davide, wayilungisela ityeya katixo indawo, wayolulela intente.
2
Wandula wati u‐Davide: Akuko mntu ongayitwalayo ityeya katixo, kupela ngaba‐Levi; ngokuba bona ebanyulile uyehova ukuba batwale ityeya katixo, nokuba bamkonze kude kube ngunapakade.
3
Waza u‐Davide wabahlanganisela e‐Yerusaleme o‐Sirayeli bonke, ukuze ityeya kayehova inyuselwe endaweni yayo, leyo ebeyilungisele yona.
4
Kanjalo wababuta u‐Davide onyana baka‐Arone naba‐Levi:
5
konyana baka‐Kohati, u‐Wuriyeli oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu linamashumi mabini;
6
konyana baka‐Merari, u‐Hasaya oyinkosi, nabazalwana bake abangamakulu mabini anamashumi ekwa mabini;
7
konyana baka‐Gereshome, u‐Joweli oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu linamashumi matatu;
8
konyana baka‐Elitsafane, u‐Shemaya oyinkosi, nabazalwana bake abangamakulu mabini:
9
konyana baka‐Hebrone, u‐Eliyeli oyinkosi, nabazalwana bake abangamashumi asibozo;
10
konyana baka‐Huziyeli, u‐Haminadabi oyinkosi, nabazalwana bake abalikulu elineshumi linababini.
11
Waza u‐Davide wabiza u‐Tsadoki no‐Abiyatare abaperisite, naba‐Levi, u‐Wuriyeli, n o‐Hasaya, no‐Joweli, n o‐Shemaya, no‐Eliyeli, no‐Haminadabi,
12
wati kubo: Nina nizintloko zendlu zoyise zaba‐Levi; zingcwaliseni, nina nabazalwana benu, ukuba niyinyuse ityeya kayehova, utixo wo‐Sirayeli, ize endaweni ndiyilungisele yona.
13
Ngokokuba bekungenini abenje njalo ekuqaleni, watyobozela pezu kwetu uyehova, utixo wetu, ngokuba singamfunanga njengesiko.
14
Bandula abaperisite naba‐Levi bazingcwalisa, ukuze benyuse ityeya kayehova, utixo wo‐Sirayeli.
15
Lwaza usapo lwaba‐Levi lwayityata ityeya katixo emagxalabeni alo, ngezibonda ezipezu kwayo, njengokuba ebeyalele u‐Mosesi ngelizwi likayehova.
16
Wateta u‐Davide kwinkosi zaba‐Levi, ukuba zimise abazalwana bazo abaculi, benento zokuculisa, inebele, nehadi, nesimbali, bevakalisa ngokupakamisa ilizwi ngovuyo.
17
Baza aba‐Levi bamisa u‐Hemani unyana ka‐Joweli; nakubazalwana bake, u‐Safa unyana ka‐Berekiya; nakonyana baka‐Merari abazalwana babo, u‐Etane unyana ka‐Kushaya:
18
nakunye nabo, abazalwana babo besaci sesibini, u‐Zekariya, u‐Bene, no‐Yaziyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Huni, n o‐Eliyabe, no‐Benaya, no‐Mahaseya, no‐Matitiya, no‐Elifele, no‐Mikineya, no‐Obedi‐edome, no‐Yeyeli, abalindimnyango.
19
Baza abaculi, u‐Hemani, n o‐Safa, no‐Etane, bavakalisa ngesimbali zexina;
20
no‐Zekariya, no‐Aziyeli, no‐Shemiramote, no‐Yehili, no‐Huni, no‐Eliyabe, no‐Mahaseya, no‐Benaya, ngenebele ngokwehalamote;
21
no‐Matitiya, no‐Elifele, no‐Mikineya, no‐Obedi‐edome, no‐Yeyeli, no‐Hazaziya, ngehadi ngokwesheminiti, ukuhlabelisa.
22
Kekaloku u‐Kenaniya ebengumpati waba‐Levi ngokuvuma: waluleka ngokuvuma, ngokuba ebenokuqonda.
23
U‐Berekiya no‐Lekana bebengabalindimnyango betyeya.
24
U‐Shebaniya, no‐Yoshafate, no‐Netaneli, no‐Hamasai, no‐Zekariya, no‐Benaya, no‐Eliyezeri, abaperisite, bahlokomisa amaxilongo pambi kwetyeya katixo: u‐Obedi‐edome no‐Yehiya bebengabalindimnyango betyeya.
25
Kwaye kute, u‐Davide, nabadala bo‐Sirayeli, nenkosi zamawaka, baya ukunyusa ityeya yocebano lukayehova endlwini ka‐Obedi‐edome ngovuyo.
26
Kwaza kwati, ngokokuba utixo wabanceda aba‐Levi abatwala ityeya yocebano lukayehova, babingelela inkunzana zenkomo ezisixe̔nxe, nenkunzi zegusha ezikwa sixe̔nxe.
27
Kekaloku u‐Davide wavatiswa ngengubo yeqiya eshiceneyo, kwa nabo bonke aba‐Levi abatwala ityeya, nabaculi, no‐Kenaniya umpati wokuvuma kwabaculi: kanjalo u‐Davide ebeneyefodi yeqiya pezu kwake.
28
Kwa njalo o‐Sirayeli bonke benyusa ityeya yocebano lukayehova, ngokumemeza, nangentlokoma yopondo, nangamaxilongo, nangesimbali, bevakalisa ngenebele nangehadi.
29
Kwaza kwati, yakufika ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wakangela ngefentsile, wambona ukumkani u‐Davide eduda, edlala nokudlala: wandula wamdela entliziyweni yake.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29