bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 6
1 Chronicles 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 7 →
1
ONYANA baka‐Levi: ngu‐Gereshone, n o‐Kohati, no‐Merari.
2
Nonyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, n o‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli.
3
Nabantwana baka‐Hamerame: ngu‐Arone, no‐Mosesi, no‐Miriyame. Nonyana baka‐Arone: ngu‐Nadabi, no‐Abihu, n o‐Elezari, no‐Yitamare.
4
Wati u‐Elezari wazala u‐Finehasi; u‐Finehasi wazala u‐Abishuha,
5
no‐Abishuha wazala u‐Buki, no‐Buki wazala u‐Huzi,
6
no‐Huzi wazala u‐Zerahiya, no‐Zerahiya wazala u‐Merayoti;
7
u‐Merayoti wazala u‐Amariya, no‐Amariya wazala u‐Ahitube,
8
no‐Ahitube wazala u‐Tsadoki, no‐Tsadoki wazala u‐Himahatse,
9
no‐Himahatse wazala u‐Hazariya, no‐Hazariya wazala u‐Johanane,
10
no‐Johanane wazala u‐Hazariya, (nguye lo owapata ubuperisite endlwini abeyakile u‐Solomone e‐Yerusaleme,)
11
no‐Hazariya wazala u‐Amariya, no‐Amariya wazala u‐Ahitube,
12
no‐Ahitube wazala u‐Tsadoki, no‐Tsadoki wazala u‐Shalume,
13
no‐Shalume wazala u‐Hilikiya, no‐Hilikiya wazala u‐Hazariya,
14
no‐Hazariya wazala u‐Seraya, no‐Seraya wazala u‐Yehotsadaki,
15
no‐Yehotsadaki wemka nabatinjwa, xeshekweni uyehova wafudusayo o‐Juda ne‐Yerusaleme ngesandla sika‐Nebukanetsare.
16
Onyana baka‐Levi: ngu‐Gereshome, n o‐Kohati, no‐Merari.
17
Amagama onyana baka‐Gereshome ngala: ngu‐Libeni, no‐Shimehi.
18
Nonyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, no‐Yitsare, no‐Hebrone, no‐Huziyeli.
19
Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali, no‐Mushi. Ezi zizizalwane zaba‐Levi, ngoyise babo.
20
Esika‐Gereshome: u‐Libeni ebengunyana wake; u‐Yahati ebengunyana wake; u‐Zima ebengunyana wake;
21
u‐Jowahi ebengunyana wake; u‐Hido ebengunyana wake; u‐Zera ebengunyana wake; u‐Yaterai ebengunyana wake.
22
Onyana baka‐Kohati: u‐Haminadabi ebengunyana wake; u‐Kora ebengunyana wake; u‐Asire ebengunyana wake;
23
u‐Lekana ebengunyana wake; no‐Abiyasafa ebengunyana wake; no‐Asire ebengunyana wake;
24
u‐Tahati ebengunyana wake; u‐Wuriyeli ebengunyana wake; u‐Huziya ebengunyana wake; no‐Saule ebengunyana wake.
25
Nonyana baka‐Lekana: ngu‐Hamasai, no‐Ahimote.
26
Kekaloku u‐Lekana: onyana baka‐Lekana bebengaba: u‐Tsofai ebengunyana wake; no‐Nahate ebengunyana wake;
27
u‐Eliyabe ebengunyana wake; u‐Yerohame ebengunyana wake; u‐Lekana ebengunyana wake.
28
Nonyana baka‐Samyali: ngu‐Vashini owamazibulo, no‐Abiya.
29
Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali; u‐Libeni ebengunyana wake; u‐Shimehi ebengunyana wake; u‐Huza ebengunyana wake;
30
u‐Shimehi ebengunyana wake: u‐Hagiya ebengunyana wake; u‐Hasaya ebengunyana wake.
31
NGABA owati u‐Davide wabamisa pezu kwenkonzo yokucula endlwini kayehova, emvenikweni ibinendawo yokupumla ityeya.
32
Baye bekonza pambi kwentlalo yayo intente yentlangano ngokucula, wada u‐Solomone wayaka indlu kayehova e‐Yerusaleme: bandula bema kona enkonzweni yabo njengesiko labo.
33
Aba bangabemayo kona nonyana babo. Kubo onyana bama‐Kohati: u‐Hemani umculi, unyana ka‐Joweli, unyana ka‐Samyali,
34
unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Yerohame, unyana ka‐Eliyeli, unyana ka‐Toha,
35
unyana ka‐Tsufi, unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Mahate, unyana ka‐Hamasai,
36
unyana ka‐Lekana, unyana ka‐Joweli, unyana ka‐Hazariya, unyana ka‐Tsefaniya,
37
unyana ka‐Tahati, unyana ka‐Asire, unyana ka‐Abiyasafa, unyana ka‐Kora,
38
unyana ka‐Yitsare, unyana ka‐Kohati, unyana ka‐Levi, unyana ka‐Sirayeli.
39
Nomzalwana wake u‐Safa, owema ngasekunene kwake: u‐Safa, unyana ka‐Berakiya, unyana ka‐Shimeha,
40
unyana ka‐Mikaheli, unyana ka‐Bahaseya, unyana ka‐Malekiya,
41
unyana ka‐Eteni, unyana ka‐Zera, unyana ka‐Hadaya,
42
unyana ka‐Etane, unyana ka‐Zima, unyana ka‐Shimehi,
43
unyana ka‐Yahati, unyana ka‐Gereshome, unyana ka‐Levi.
44
Nabazalwana babo, onyana baka‐Merari, abema ngasekohlo: u‐Etane, unyana ka‐Kishi, unyana ka‐Habedi, unyana ka‐Maluke,
45
unyana ka‐Hashabiya, unyana ka‐Amatsiya, unyana ka‐Hilikiya,
46
unyana ka‐Ametsi, unyana ka‐Bani, unyana ka‐Shemere,
47
unyana ka‐Mahali, unyana ka‐Mushi, unyana ka‐Merari, unyana ka‐Levi.
48
Kanjalo abazalwana babo, aba‐Levi, bamiselwa yonke inkonzo yetabanakele yendlu katixo.
49
KEKALOKU u‐Arone nonyana bake baqumisa pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa, napezu kwesibingelo sesiqumiso, bemis elwe wonke umsebenzi w endawo eyingcwele yezingcwele, nokwenzela o‐Sirayeli uxoliso, njengako konke abeyalele ngako u‐Mosesi isicaka sikatixo.
50
Aba bangonyana baka‐Arone: u‐Elezari ebengunyana wake; u‐Finehasi ebengunyana wake; u‐Abishuha ebengunyana wake;
51
u‐Buki ebengunyana wake; u‐Huzi ebengunyana wake; u‐Zerahiya ebengunyana wake;
52
u‐Merayoti ebengunyana wake; u‐Amariya ebengunyana wake; u‐Ahitube ebengunyana wake;
53
u‐Tsadoki ebengunyana wake; u‐Himahatse ebengunyana wake.
54
Ezi ke zindawo zabo zokuhlala ngelali zabo, emideni yabo, ezonyana baka‐Arone, ezezizalwane zama‐Kohati: ngokuba iqashiso lokuqala belilelawo.
55
Kwaye kunikwa kuwo i‐Hebrone, elizweni lakwa‐Juda, nenqele zayo ezingqongayo.
56
Kodwa kwanikwa izindle zasesixekweni, nemizi yaso, ku‐Kalebi unyana ka‐Jefune.
57
Kwaza kwanikwa onyana baka‐Arone izixeko zakwa‐Juda; i‐Hebrone, isixeko sokupepela, ne‐Libena nenqele zayo, ne‐Yatire, ne‐Shetemoha nenqele zayo,
58
ne‐Hilene nenqele zayo, ne‐Debire nenqele zayo,
59
ne‐Hashane, nenqele zayo, ne‐Bete‐shemeshe nenqele zayo:
60
nakuso isizwe sika‐Benjamine kwacatshulwa i‐Geba nenqele zayo, ne‐Halemete nenqele zayo, ne‐Hanatote nenqele zayo. Zonke izixeko zabo, ngezizalwane zabo, zizixeko ezilishumi linazitatu.
61
Kodwa onyana baka‐Kohati, abo baseleyo kwisizalwane sesosizwe, kwacatshul elwa bona esiqingateni sesizwe, kwa esiqingateni sesizwe sika‐Manase, ngeqashiso, izixeko ezilishumi.
62
Nonyana baka‐Gereshome, ngezizalwane zabo, kwacatshul elwa bona esizweni sika‐Yisakare, nasesizweni sika‐Ashere, nasesizweni sika‐Nefatali, nasesizweni sika‐Manase e‐Bashane, izixeko ezilishumi linazitatu.
63
Onyana baka‐Merari kwacatshule lwa bona ngeqashiso, ngezizalwane zabo, esizweni sika‐Rubene, nasesizweni sika‐Gadi, nasesizweni sika‐Zebulone, izixeko ezilishumi linazibini.
64
Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli lwabanika aba‐Levi izixeko ezo nenqele zazo.
65
Lwabanika ngeqashiso, zicatshulwe esizweni sosapo luka‐Juda, nasesizweni sosapo luka‐Simone, nasesizweni sosapo luka‐Benjamine, ezizixeko, ezona zibiziweyo ngamagama.
66
N abaseleyo ezizalwaneni zonyana baka‐Kohati, babenezixeko zasemideni yabo zicatshulwe esizweni sika‐Frayime.
67
Baye bebanika, kuzo izixeko zokupepela, i‐Shekeme nenqele zayo, entabeni yakwa‐Frayime; ne‐Gezere nenqele zayo,
68
ne‐Yokemame nenqele zayo, ne‐Bete‐horone nenqele zayo,
69
ne‐Ajalone nenqele zayo, ne‐Gate‐rimone nenqele zayo:
70
kwacatshulwa nakuso isiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Hanere nenqele zayo, ne‐Bilehame nenqele zayo, zibe zezesizalwane sonyana baka‐Kohati abaseleyo.
71
Onyana baka‐Gereshome kwacatshul elwa bona esizalwaneni sesiqingata sesizwe sika‐Manase, i‐Golane yase‐Bashane nenqele zayo, ne‐Hashetarote nenqele zayo;
72
nasesizweni sika‐Yisakare, i‐Kedeshe nenqele zayo, i‐Daberate nenqele zayo,
73
ne‐Ramote nenqele zayo, ne‐Haneme nenqele zayo;
74
nasesizweni sika‐Ashere, i‐Mashali nenqele zayo, ne‐Habedoni nenqele zayo,
75
ne‐Hukoke nenqele zayo, ne‐Rehobi nenqele zayo;
76
nasesizweni sika‐Nefatali, i‐Kedeshe yase‐Galili nenqele zayo, ne‐Hamone nenqele zayo, ne‐Kiriyatayime nenqele zayo.
77
Nonyana baka‐Merari abaseleyo kwacatshul elwa bona esizweni sika‐Zebulone, i‐Rimone nenqele zayo, i‐Tabore nenqele zayo:
78
napesheya kwe‐Yoredane ngase‐Jeriko, ngecala lasempumalanga le‐Yoredane, kwacatshulwa esizweni sika‐Rubene, i‐Betsere yasentlango nenqele zayo, ne‐Yahetsa nenqele zayo,
79
ne‐Kedemote nenqele zayo, ne‐Mefahate nenqele zayo;
80
nasesizweni sika‐Gadi, i‐Ramote yase‐Gileyadi nenqele zayo, ne‐Mahanayime nenqele zayo,
81
ne‐Heshebone nenqele zayo, ne‐Yahezere nenqele zayo.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29