bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 21
1 Chronicles 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 22 →
1
WAZA wapakama u‐Satane ngakubo o‐Sirayeli, wamvusa u‐Davide ukuba abale abantu.
2
Wayesiti u‐Davide ku‐Jowabi, nakwinkosi zabantu: Hambani, niye nibale o‐Sirayeli, kwa se‐Beresheba kude kube se‐Dane, nilizise inani labo kum, ukuba ndilazi.
3
Waza wati u‐Jowabi: Makongeze uyehova ebantwini bake, inani elinjengokuba bengaka kube ngamaxesha alikulu! pofu, nkosi yam, kumkani! asi ngabo abazizicaka zenkosi yam bonke na? kunganina ukuba ifuna lento inkosi yam? kunganina ukuba ibenzele o‐Sirayeli ityala?
4
Kodwa ilizwi lokumkani belinamandla pezu kwelika‐Jowabi. Ngako wapuma u‐Jowabi, wacanda kuyo yonke i‐Sirayeli, wada weza e‐Yerusaleme.
5
Waza u‐Jowabi wanika inani lokubalwa kwabantu ku‐Davide: kekaloku o‐Sirayeli bonke bebengamadoda angamawaka aliwaka, anamawaka alikulu ngapandle, aber̔ola iṙele; no‐Juda bebengamadoda angamawaka angamakulu mane anamashumi asixe̔nxe, aber̔ola iṙele.
6
Kodwa o‐Levi no‐Benjamine akababala pakati kwabo: ngokuba ilizwi lokumkani belitiyeka ku‐Jowabi.
7
Lendawo ibikohlakele emehlweni katixo; ngako wabeta o‐Sirayeli.
8
Waza wati u‐Davide kutixo: Ndonile kakulu, ukuba ndiyenzile lento; kodwa kaloku, zukwelelise inkohlakalo yesicaka sako, ngokuba ndenzile ngobudenge kakulu.
9
Wandula wateta uyehova ku‐Gadi, umboni ka‐Davide, esiti:
10
Hamba, uye utete ku‐Davide, usiti: Utsho uyehova ukuti: Izinto ezintatu ndiyazaneka pambi kwako; zinyulele ibe nye kuzo, ukuba ndiyenze kuwe.
11
Wasuka weza u‐Gadi ku‐Davide, wati kuye: Utsho uyehova ukuti: Ziqashele ke:
12
ibe yiminyaka mitatu yendlala na? umhlaumbi zibe zinyanga ezintatu zokubujiswa na pambi kwentshaba zako, nxa iṙele lentshaba zako likufumanayo? umhlaumbi ibe yimihla mitatu ekuya kubako iṙele likayehova, kwa isifo esibubisayo, elizweni, nengelosi kayehova itshabalalisa kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli kusinina? Ngako kaloku, gqala lelinina ilizwi endiya kulibuyisela konditumileyo.
13
Waza u‐Davide wati ku‐Gadi: Ndixakekile kakulu; makendiwe esandleni sikayehova, ngokuba izibele zake zininzi kakulu; mandingawi esandleni sabantu.
14
Ngako uyehova watuma isifo esibubisayo kwa‐Sirayeli; aza awa ko‐Sirayeli amadoda angamawaka angamashumi asixe̔nxe.
15
Waye utixo wasusa ingelosi ukuya e‐Yerusaleme ukuba iyitshabalalise: kekaloku nxa ibisatshabalalisa yona, wakangela uyehova, waba nosizi pezu kwobubi obo, wati kuyo ingelosi ebitshabalalisa: Kwanele: yekisa kaloku isandla sako. Yati ingelosi kayehova yema ngasesibayeni sokubula sika‐Orenane um‐Yebusi.
16
Waza u‐Davide wapakamisa amehlo ake, wabona ingelosi kayehova imi pakati kwomhlaba nezulu, inalo iṙele elir̔oliweyo esandleni sayo lolukile pezu kwe‐Yerusaleme. Kwandula kwawa u‐Davide, nabadala begujungelwe ngentlakantlaka, ngobuso babo.
17
Wayesiti u‐Davide kutixo: Asi ndim na owati makubalwe abantu? ndim onguye owonileyo nowenzi̔leyo ngokukohlakeleyo kakulu; kodwa igusha ezi, yinto nina ziyenzileyo? Yehova, Tixo wam! isandla sako makesibe ngakum, nangakuyo indlu kabawo, singabi ngakubo abantu bako sibe sisibulalo.
18
Yandula ingelosi kayehova yamxelela u‐Gadi ukuti ku‐Davide, ukuba enyuke u‐Davide, amisele uyehova isibingelo esibayeni sokubula sika‐Orenane um‐Yebusi.
19
Waza wenyuka u‐Davide ngelizwi lika‐Gadi, owabelitetile egameni likayehova.
20
Wati akujika u‐Orenane, wabona ingelosi; bati onyana bake bobane, abebenaye, bazimela: kekaloku u‐Orenane ebebula inqolowa.
21
Nxa u‐Davide abesiza ku‐Orenane, wakangela u‐Orenane wambona u‐Davide, wapuma esibayeni sokubula, wazitoba pambi kwo‐Davide ngobuso ngasemhlabeni.
22
Wayesiti u‐Davide ku‐Orenane: Ndinike indawo yesibaya sokubula, ukuba ndakele uyehova isibingelo kuyo; ngenxa yemali ezalisekileyo woyinika kum; ukuze kunqamke esisibulalo ebantwini.
23
Waza wati u‐Orenane ku‐Davide: Yitabatele kuwe, ize yenze inkosi yam ukumkani okulungileyo emehlweni ayo: kangela, ndiyanika inkabi zibe ngamadini okutshiswa, nenqwelwana zokubula zibe zinkuni, nenqolowa ibe ngumnikelo wokutya; konke ndiyakunika.
24
Kodwa ukumkani u‐Davide wati ku‐Orenane: Hai; koko ndiya kuyitenga ngenyaniso ngemali ezalisekileyo: ngokuba ndingayi kutabatela uyehova okukokwako, ndiwanikele amadini okutshiswa angamelwanga nto.
25
Kwa njalo u‐Davide wamnika u‐Orenane ngenxa yalondawo ishekele zegolide zamakulu matandatu ngesilinganiswa.
26
Waza u‐Davide wakela kona isibingelo kuyehova, wanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo, wabiza kuyehova, owampendula ngomlilo uvela ezulwini pezu kwesibingelo sedini lokutshiswa.
27
Waye uyehova kanjalo waxelela ingelosi, yaza yabuya yafaka iṙele layo esinxobeni salo.
28
Kwa ngeloxesha, akubona u‐Davide ukuba uyehova ebempendule esibayeni sokubula sika‐Orenane um‐Yebusi, wandula wabingelela kona.
29
Ngokuba itabanakele kayehova, owayenzayo u‐Mosesi entlango, nesibingelo sedini lokutshiswa, ngexesha elo, bezisendaweni epakamileyo e‐Gibeyone.
30
Kodwa wakohlwa u‐Davide ukuya pambi kwayo, ukuze afune utixo; ngokuba ebenokwoyika ngenxa yeṙele lengelosi kayehova.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29