bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 27
1 Chronicles 27
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 28 →
1
KEKALOKU usapo luka‐Sirayeli ngenani lalo, intloko zendlu zoyise, nenkosi zamawaka nezamakulu, namagosa alo abemkonza ukumkani ngazo zonke indawo zezahlulo, ezangena zapuma nokupuma inyanga ngenyanga, ngazo zonke inyanga zomnyaka: ezizahlulo amadoda esinye ngesinye ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
2
Pezu kwesahlulo sokuqala, ngenyanga yokuqala, ebengu‐Yashobame unyana ka‐Zabideli; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane:
3
yena ebengo wosapo luka‐Faretse, eyintloko pezu kwazo zonke inkosi zemikosi ngeyokuqala inyanga.
4
Napezu kwesahlulo senyanga yesibini, ebengu‐Dodai um‐Ahoha; na pezu kwesahlulo sake wabengumpati no‐Mikelote; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
5
Eyesitatu inkosi yomkosi, ngenyanga yesitatu, ibingu‐Benaya unyana ka‐Yoyada, inene elikulu; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane:
6
u‐Benaya lo ebeligoṙa pakati kwabamashumi matatu, epezu kwabamashumi matatu kanjako; na pezu kwesahlulo sake wabengu‐Hamizabadi unyana wake.
7
Eyesine, ngenyanga yesine, ibingu‐Hasaheli umninawe ka‐Jowabi, no‐Zebadiya unyana wake emva kwake; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
8
Eyesihlanu inkosi, ngenyanga yesihlanu, ibingu‐Shamehute um‐Yizera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
9
Eyesitandatu, ngenyanga yesitandatu, ibingu‐Hira unyana ka‐Hikeshe, um‐Tekoha; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
10
Eyesixe̔nxe, ngenyanga yesixe̔nxe, ibingu‐Heletse um‐Peloni, owosapo luka‐Frayime; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
11
Eyesibozo, ngenyanga yesibozo, ibingu‐Sibekai um‐Husha, owama‐Zera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
12
Eyesitoba, ngenyanga yesitoba, ibingu‐Abihezere um‐Hanatote, owama‐Benjamine; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
13
Eyeshumi, ngenyanga yeshumi, ibingu‐Maharai um‐Netofati, owama‐Zera; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
14
Eyeshumi linesinye, ngeyeshumi linesinye inyanga, ibingu‐Benaya um‐Piratone, owosapo luka‐Frayime; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
15
Eyeshumi linesibini, ngeyeshumi linesibini inyanga, ibingu‐Heledai um‐Netofati, owama‐Hotineli; nakuso isahlulo sake ebengamawaka angamashumi mabini anamane.
16
Kanjalo pezu kwezizwe zo‐Sirayeli bebengaba: umpati wama‐Rubene ebengu‐Eliyezeri, unyana ka‐Zikeri; owama‐Simone ebengu‐Shefatiya, unyana ka‐Mahaka;
17
owaba‐Levi ebengu‐Hashabiya, unyana ka‐Kemuweli; owama‐Arone ebengu‐Tsadoki;
18
owama‐Juda ebengu‐Elihu, owabakuluwe baka‐Davide; owama‐Yisakare ebengu‐Omri, unyana ka‐Mikaheli;
19
owama‐Zebulone ebengu‐Yishemaya, unyana ka‐Hobadiya; owama‐Nefatali ebengu‐Jerimote, unyana ka‐Zariyeli;
20
owosapo luka‐Frayime ebengu‐Hosheha, unyana ka‐Hazaziya; owesiqingata sesizwe sika‐Manase ebengu‐Joweli, unyana ka‐Pedaya;
21
owesiqingata sesizwe sika‐Manase e‐Gileyadi ebengu‐Hido, unyana ka‐Zekariya: owama‐Benjamine ebengu‐Yahasiyeli, unyana ka‐Abenere;
22
owama‐Dane ebengu‐Hazareli, unyana ka‐Yerohame: aba ke bebezinkosi zezizwe zo‐Sirayeli.
23
Kodwa inani labo abaminyaka imashumi mabini nangapantsi ubudala babo, akalibala u‐Davide: ngokuba ebete uyehova uya kwandisa o‐Sirayeli babe njengenkwenkwezi zezulu.
24
U‐Jowabi unyana ka‐Tseruya waqala ukubala, kodwa akagqiba, ngokuba ngenxa yoku bekuko umsindo pezu kwo‐Sirayeli: ngako inani elo belingabekwa embalisweni yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani u‐Davide.
25
Kekaloku pezu kwendyebo zokumkani, ebengu‐Hazamaveti unyana ka‐Hadiyeli; napezu kwendyebo ezisezindleni, nas ezixekweni, nasemizini, nasezinqatyeni, ebengu‐Jonatane unyana ka‐Huziya;
26
napezu kwabo basebenzayo emasimini ekulinyweni kwomhlaba, ebengu‐Hezeri unyana ka‐Kelube;
27
napezu kwemiyezo yemiti yeveyine, ebengu‐Shimehi um‐Rama; napezu kwokusemiyezweni yemiti yeveyine ngenxa yokubekelwa kweveyine, ebengu‐Zabedi um‐Shefame;
28
napezu kweminquma nemikiwane ebisezihlanjeni, ebengu‐Balihanane um‐Gedere; napezu kweoli ebekelweyo, ebengu‐Yohashe;
29
napezu kwenkomo ezadlayo e‐Sharone, ebengu‐Shiterai um‐Sharone; napezu kwenkomo ezibe zisemihlanjeni, ebengu‐Shafate unyana ka‐Hadelai:
30
napezu kwenkamela, ebengu‐Obili um‐Shimayeli; napezu kwamaqwaṙashe, ebengu‐Jedeya um‐Meronote;
31
napezu kwenkomo ezincinane, ebengu‐Yazizi um‐Hagare: bonke aba bebengabapati pezu kwempahla abenayo ukumkani u‐Davide.
32
Kekaloku u‐Jonatane uyisekazi ka‐Davide ebengumpakati, obeyindoda enokuqonda nomba̔li; u‐Yehili unyana ka‐Hakemoni ebendawonye nonyana bokumkani;
33
u‐Ahitofele ebengumpakati wokumkani; u‐Hushai um‐Areki ebelikolwane lokumkani;
34
nasemva kwo‐Ahitofele, ngu‐Yoyada unyana ka‐Benaya, no‐Abiyatare; nenkosi yomkosi kakumkani ebengu‐Jowabi.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29