bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 7
1 Chronicles 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 8 →
1
KEKALOKU onyana baka‐Yisakare: ngu‐Tola, no‐Puwa, n o‐Yashube, no‐Shimrone, abane.
2
Nonyana baka‐Tola: ngu‐Huzi, no‐Refaya, no‐Jeriyeli, no‐Jamai, no‐Yibesame, no‐Shemuweli, intloko zendlu yoyise yabo, zeka‐Tola: bebengamaṙoti akalipileyo ezizukulwaneni zabo: bebengamawaka angamashumi mabini anesibini, anamakulu matandatu, inani labo emihleni ka‐Davide.
3
Nonyana baka‐Huzi; ngu‐Yizeraya: nonyana baka‐Yizeraya: ngu‐Mikaheli, no‐Hobadiya, no‐Joweli, n o‐Yishiya, abahlanu, bezintloko bonke.
4
Kanjako kunye nabo, ngezizukulwana zabo, ngendlu zoyise zabo, bekuko amabandla omkosi wokulwa, amadoda angamawaka angamashumi matatu anesitandatu: ngokuba bebenabo abafazi nabantwana abaninzi.
5
Nabazalwana babo, kuzo zonke izizalwane zika‐Yisakare, amaṙoti akalipileyo, bebengamawaka angamashumi asibozo enesixe̔nxe ukuba̔lelwa kwabo bonke.
6
Onyana baka‐Benjamine: ngu‐Bela, no‐Bekere, no‐Yedaheli, abatatu.
7
Nonyana baka‐Bela: ngu‐Tseboni, no‐Huzi, no‐Huziyeli, no‐Jerimote, no‐Hiri, abahlanu, intloko zendlu zoyise, amaṙoti akalipileyo; nokuba̔lelwa kwabo, bebengamawaka angamashumi mabini anesibini, anamashumi matatu anesine.
8
Nonyana baka‐Bekere: ngu‐Zemira, no‐Yohashe, no‐Eliyezeri, no‐Eliwenai, no‐Omri, no‐Jeremote, no‐Abiya, no‐Hanatote, no‐Halamete: bonke aba bebengonyana baka‐Bekere.
9
Nokuba̔lelwa kwabo, ngezizukulwana zabo, intloko zendlu zoyise zabo, amaṙoti akalipileyo, bebengamawaka angamashumi mabini, anamakulu ekwa mabini.
10
Nonyana baka‐Yedaheli: ngu‐Bilehane; nonyana baka‐Bilehane: ngu‐Yehushe, no‐Benjamine, no‐Ehudi, no‐Kenana, no‐Zetane, no‐Tareshishe, no‐Ahishahare:
11
bonke aba bebengonyana baka‐Yedaheli, intloko zendlu zoyise, amaṙoti akalipileyo, bengamawaka alishumi linesixe̔nxe, anamakulu mabini, abapuma nomkosi ekulweni.
12
Kanjalo u‐Shupime no‐Hupime, onyana baka‐Hire; u‐Hushime, onyana baka‐Ahere.
13
Onyana baka‐Nefatali: ngu‐Yatsiyeli, no‐Guni, no‐Yetsere, no‐Shalume, onyana baka‐Bileha.
14
Onyana baka‐Manase: ngu‐Asiriyeli, owati umfazi wamzala; (kodwa ishweshwe lake, um‐Siriyakazi, lamzala u‐Makire uyise ka‐Gileyadi;
15
no‐Makire wamzeka udade ka‐Hupime no‐Shupime abe ngumfazi, ogama lingu‐Mahaka;) negama lowesibini belingu‐Tselofehadi: kekaloku u‐Tselofehadi ebenazo intombi.
16
Wati u‐Mahaka umfazi ka‐Makire wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Pereshe; negama lomninawe wake belingu‐Shereshe; nonyana bake bebengu‐Wulame no‐Rakeme.
17
Nonyana baka‐Wulame: ngu‐Bedane. Aba ke bangonyana baka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase.
18
Nodade wake, u‐Hamolekete, wamzala u‐Yishehodi, no‐Abihezere, no‐Mahala.
19
Kanjalo onyana baka‐Shemida bebe ngaba; u‐Ahiyane, no‐Shekeme, no‐Likehi, no‐Anihame.
20
Nonyana baka‐Frayime: ngu‐Shutela, no‐Beredi unyana wake, no‐Tahate unyana wake, no‐Elehada unyana wake, no‐Tahate unyana wake,
21
no‐Zabadi unyana wake, no‐Shutela unyana wake, no‐Hezere, no‐Elehadi. Kekaloku amadoda ase‐Gate, abezelwe elizweni elo, ababulala, ngokuba bebehlile ukuza kutimba inkomo zawo.
22
Waza u‐Frayime uyise wabo walila imihla yamininzi; bati abazalwana bake beza ukumku̔za.
23
Wada wangena kumfazi wake, owakaulayo, wazala unyana, waza wambiza ngegama elingu‐Beriha, ngokuba ilishwa belihlile indlu yake.
24
(Kanjalo intombi yake ibingu‐Shera, owaka i‐Bete‐horone yasezantsi, neyasentla, ne‐Uzene‐shera).
25
U‐Refa ebengunyana wake; no‐Reshefe; no‐Tela ebengunyana wake; no‐Tahane ebengunyana wake;
26
u Lahadane ebengunyana wake; u‐Hamihude ebengunyana wake; u‐Elishama ebengunyana wake:
27
u‐Nune ebengunyana wake; u‐Yoshuwa ebengunyana wake.
28
Kekaloku imfuyo zabo nendawo zabo zokuhlala zizezi: i‐Betele namagxamesi ayo; nangasempumalanga, i‐Naharane; nangasentshonalanga, i‐Gezere namagxamesi ayo; kwa ne‐Shekeme namagxamesi ayo, kwada kwase‐Gaza namagxamesi ayo;
29
nangasemideni yosapo luka‐Manase, i‐Bete shane namagxamesi ayo: i‐Tahanaki namagxamesi ayo; i‐Megido namagxamesi ayo; i‐Dore namagxamesi ayo. Kuzo ezi ndawo lwahlala usapo luka‐Josefe unyana ka‐Sirayeli.
30
Onyana baka‐Ashere: ngu‐Yimna, no‐Yisheva, no‐Yishevi, no‐Beriha, no‐Sera udade wabo.
31
Nonyana baka‐Beriha: ngu‐Kebere, no‐Makiyeli, onguye uyise ka‐Birezaviti.
32
Waye u‐Kebere wazala u‐Yafelete, no‐Shomere, no‐Hotame, no‐Shuha udade wabo.
33
Nonyana baka‐Yafelete: ngu‐Pasaki, no‐Bimehali, no‐Hashevate: aba bangonyana baka‐Yafelete.
34
Nonyana baka‐Shemere: ngu‐Ahi, no‐Roga, n o‐Yehuba, no‐Arame.
35
Nonyana baka‐Heleme umninawe wake: ngu‐Tsofa, no‐Yimna, no‐Sheleshe, no‐Hamali.
36
Onyana baka‐Tsofa: ngu‐Suha, no‐Hanafere, no‐Shuhali, no‐Beri, no‐Yimra,
37
no‐Betsere, no‐Hodi, no‐Shama, no‐Shilisha, no‐Yiterane, no‐Bera.
38
Nonyana baka‐Yetere: ngu‐Jefune, no‐Pisepa, no‐Ara.
39
Nonyana baka‐Hula: ngu‐Arahi, no‐Haniyeli, no‐Retsiya.
40
Bonke aba bebengonyana baka‐Ashere, intloko zendlu zoyise, abaketiweyo, amaṙoti akalipileyo, inkosi ezinkulu: nokuba̔lelwa kwabo bapumayo nomkosi ekulweni, bebengamadoda angamawaka amashumi mabini anesitandatu inani labo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29