bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 5
1 Chronicles 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 6 →
1
KEKALOKU onyana baka‐Rubene owamazibulo ka‐Sirayeli: (ngokuba nguye obengowamazibulo; kodwa, ngokukuba wanco̔lisa isilili soyise, kwanikwa ubuzibulo bake konyana baka‐Josefe unyana ka‐Sirayeli; koko bekungaba̔lelwa njengobuzibulo;
2
ngokuba u‐Juda ebenguye omkulu pakati kwabazalwana bake, nokuvela kuye inkosi; kodwa ubuzibulo bebubobuka‐Josefe:)
3
onyana baka‐Rubene owamazibulo ka‐Sirayeli: ngu‐Hanoki, no‐Palu, n o‐Hetserone, no‐Kami.
4
Onyana baka‐Joweli: u‐Shemaya ngunyana wake; u‐Goge ngunyana wake; u‐Shimehi ngunyana wake;
5
u‐Mika ngunyana wake; u‐Raya ngunyana wake; u‐Bali ngunyana wake;
6
u‐Bera ngunyana wake, owati u‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya wamfudusa: nguye obeyinkosi yama‐Rubene.
7
Nabazalwana bake, ngezizalwane zabo, nxa kwaba̔lelwayo ngokuzalwa kwabo, ngu‐Yeyeli oyintloko, no‐Zekariya,
8
no‐Bela, unyana ka‐Azazi, unyana ka‐Shema, unyana ka‐Joweli, owahlala e‐Harohere, kwada kwase‐Nebo ne‐Bali‐mehone:
9
nangasempumalanga wahlala kwada kwasekungenweni kwentlango kuvela emlanjeni wom‐Ferate: ngokuba inkomo zabo bezandisiwe ezweni le‐Gileyadi.
10
Nasemihleni ka‐Saule babesenza imfazwe nama‐Hagare, awa wona ngesandla sabo; baza bahlala ezintenteni zawo kulo lonke icala lasempumalanga le‐Gileyadi.
11
Kekaloku onyana baka‐Gadi bahlala malungana nabo, elizweni le‐Bashane, kwada kwase‐Saleka:
12
u‐Joweli oyintloko, no‐Shafame owesibini, no‐Yahanai, no‐Shafate, e‐Bashane.
13
Nabazalwana babo bendlu yoyise yabo, ngu‐Mikayeli, no‐Meshulame, no‐Sheba, no‐Yorai, no‐Yakane, no‐Ziha, no‐Hebere, abasixe̔nxe.
14
Aba bangonyana baka‐Abihayili, unyana ka‐Huri, unyana ka‐Yaroha, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Mikayeli, unyana ka‐Yeshishai, unyana ka‐Yado, unyana ka‐Buze:
15
u‐Ahi, unyana ka‐Habideli, unyana ka‐Guni, ebeyintloko yendlu yoyise yabo.
16
Bahlala e‐Gileyadi, e‐Bashane, nasemizini yayo, nakuzo zonke inqele zaseSharone, pezu kwemida yabo.
17
Bonke aba baba̔lelwa ngokuzalwa kwabo emihleni ka‐Yotame ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jorobome ukumkani wo‐Sirayeli.
18
Onyana baka‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, kuwo amadoda obuṙoti, amadoda epete ikaka nesiṙele, etyeda isipeta, eqelene nokulwa, ngamawaka angamashumi mane anesine, anamakulu asixe̔nxe, anamashumi matandatu, abepuma nomkosi.
19
Basuka benza imfazwe nama‐Hagare, no‐Jeture, no‐Nafishe, no‐Nodabi.
20
Baza bancedwa ngakubo, ada ama‐Hagare anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo: ngokuba bakalayo kutixo ekulweni, waza wukungeleka kubo, ngenxa yokuba betembele kuye.
21
Batimba nenkomo zabo; inkamela zabo ezingamawaka amashumi mahlanu, nezimvu ezingamawaka angamakulu mabini anamashumi mahlanu, namaqwaṙashe angamawaka mabini, neziqu zabantu ezingamawaka alikulu.
22
Ngokuba bebesiwa abaninzi abahlatyiweyo, ivela kutixo nje imfazwe leyo. Baza bahlala ezikundleni zabo kwada kwabako imfuduswa.
23
Kekaloku onyana besiqingata sesizwe sika‐Manase bahlala elizweni: banda kwa se‐Bashane kwada kwase‐Bali‐heremone, nase‐Senire, nasentabeni ye‐Heremone.
24
Aba bebezintloko zendlu zoyise zabo: u‐Heferi, no‐Yishi, no‐Eliyeli, no‐Zariyeli, no‐Jeremiya, no‐Hodaviya, no‐Yadiyeli, amadoda angamaṙoti akalipileyo, amadoda adumileyo, intloko zendlu zoyise zabo.
25
Kanti bagqita ngakuye utixo woyise babo, baṙexezela emva kwotixo babantu belozwe, owabete utixo wabatshabalalisa kwa pambi kwabo.
26
Waza utixo wo‐Sirayeli wawuvusa umoya ka‐Pule ukumkani we‐Asiriya, nomoya ka‐Tiligate‐pinesere ukumkani we‐Asiriya, owabafudusayo, kwa ama‐Rubene, nama‐Gadi, nesiqingata sesizwe sika‐Manase, wabazisa e‐Halahi, nase‐Habore, nase‐Hara, nasemlanjeni we‐Gozane, kwada kwanamhla nje.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29